IDUTERONOMI 1:30-31
IDUTERONOMI 1:30-31 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
NguYehova uThixo wenu, ohamba phambi kwenu. Yena wonilwela, njengako konke awanenzelayo eYiputa emehlweni enu; nasentlango, apho wakubonayo ukukuthwala kukaYehova uThixo wakho, njengomntu ethwele unyana wakhe, ngendlela yonke enahamba ngayo, nada naza kufika kule ndawo.
IDUTERONOMI 1:30-31 IBHAYIBHILE (XHO96)
UNdikhoyo uThixo wenu nguye onikhokelayo. Yena wonilwela njengoko nambonayo esenjenjalo eJiputa nasentlango. Andithi kaloku yena wanibeleka njengoko uyise enjenjalo kunyana wakhe, yonke loo ndlela kude kube ngoku?’
IDUTERONOMI 1:30-31 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
uYehova uThixo wenu, onikhokelayo, wonilwela, njengoko wakwenzayo kuni, phambi kwamehlo enu eYiputa; Yaye entlango, apho wabonayo ukuba uYehova uThixo wakho wakuzala, kanye njengoko umntu ezala unyana wakhe, ngendlela yonke enahamba ngayo de nafika kule ndawo.
IDUTERONOMI 1:30-31 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
UYEHOVA, UTIXO wenu, ohambayo pambi kwenu, nguye oya kunilwela; njengako konke wanenzelayo e‐Jipete pambi kwamehlo enu, nasentlango, apo nibonileyo okokuba UYEHOVA, UTIXO wenu, unitwele, njengokuba umntu etwala unyana wake, kuyo yonke indlela benihamba ngayo, nada nafika kulendawo.