UDANIYELI 3:16-18
UDANIYELI 3:16-18 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Baphendula ooShadraki, noMeshaki, noAbhednego, bathi kukumkani, Nebhukadenetsare, asazi ukuba sikuphendule ngantoni na kweli lizwi; Ukuba kunjalo, uThixo wethu osilungiselelayo wosisindisa ezikweni elivutha umlilo, asihlangule esandleni sakho, kumkani. Ke, ukuba akunjalo, makwazeke kuwe, kumkani, ukuba asiyi kubabusa thixo bakho, asiyi kuqubuda kumfanekiso wegolide owumisileyo.
UDANIYELI 3:16-18 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Baphendula ooShadraki, noMeshaki noAbhede-nego, bathi kukumkani, Nebhukadenetsare, akufuneki kuthi ukuba sikuphendule ngale ndawo. Ukuba uThixo wethu esimbusayo unako, wosisindisa ezikweni elivutha umlilo, nasesandleni sakho, kumkani. Ke, ukuba akunjalo, makwazeke kuwe, kumkani, ukuba asiyi kubabusa othixo bakho, asiyi kuqubuda kumfanekiso wegolide owumisileyo.
UDANIYELI 3:16-18 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ke kaloku uShedreki noMeshaki noAbhednigo baphendula ukumkani bathi: “Mhlekazi Nebhukadenezare, akukho mfuneko yokuba sizithethelele kulo mbandela. Sinaye uThixo wethu esimnqulayo. Unawo amandla okusihlangula kwelo ziko lidangazela umlilo, yaye uya kusisindisa esandleni sakho, kumkani. Kambe ke, noba akasihlangulanga, yazi mhlophe, mhlekazi, ukuba asiyi kubanqula oothixo bakho, futhi asiyi kuguqa sikhahlele kulo mfanekiso wegolide uwumisileyo.”
UDANIYELI 3:16-18 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Bapendula o‐Shadraki, no‐Meshaki, no‐Habedi‐nego, bati kukumkani: Nebukanetsare! asifun’ ukuba sikupendule ngalendawo. Ukuba kunjalo, UTIXO wetu, esimkonzayo, unamandla okusikulula eziko lomlilo ovutayo; ewe, wosikulula esandleni sako, kumkani! Kodwa ukuba akunjalo, makwazeke kuwe, kumkani! ukuba otixo bako asiyi kubabedesha, nomfanekiso wegolide uwumisileyo asiyi kuwubedesha.