IZENZO 7:17-29
IZENZO 7:17-29 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Lithe ke, lakuba lisondele ixesha ledinga, awalifungayo uThixo kuAbraham, bakhula abantu, banda eYiputa, kwada kwavela kumkani wumbi, ubengamazi uYosefu. Lowo wabalumkisa abakowethu, wabaphatha kakubi oobawo bethu, ngokokuze bazilahle iintsana zabo, ukuze zingabudli ubomi. Ekuthe ke kwelo xesha, kwazalwa uMoses; waye emhle kuThixo, wondliwa iinyanga zantathu endlwini kayise. Elahliwe ke, yamchola intombi kaFaro, yazondlela ukuba abe ngunyana wayo. Waqeqeshwa ke uMoses kubo bonke ubulumko bamaYiputa; waye ke eyinkunkqele ngamazwi nangemisebenzi. Kuthe ke, kwakuzaliseka kuye ixesha leminyaka engamashumi amané, kwathi qatha entliziyweni yakhe ukukha aye kuvelela abazalwana bakhe, oonyana bakaSirayeli. Waza, akubona othile esoniwa, wamhlanganisela, wamphindezelela lowo ucinezelweyo ngokumthi qwaka umYiputa: wayeba ke yena boqonda abazalwana bakhe ukuba uThixo ebeya kubasindisa ngesandla sakhe; abaqondanga ke bona. Kananjalo ngengomso wabonakala kubo besilwa, wabanyanzela ukuba baxolisane, esithi, Madoda, niyazalana nina; yini na ukuba nonane? Uthe ke yena owayemonile uwabo wamgiba, esithi, Umiswe ngubani na ukuba ube ngumphathi nomahluli phakathi kwethu? Ungaba wena ufuna ukundisika na, ngohlobo omsike ngalo umYiputa izolo? Wasaba ke uMoses ngelo lizwi, wangumphambukeli emhlabeni wakwaMidiyan, apho wazalela khona oonyana bababini.
IZENZO 7:17-29 IBHAYIBHILE (XHO96)
“Ekusondeleni kwexesha lokuba uThixo asizalisekise isithembiso awasenza kuAbraham, abantu bakuthi ababeseJiputa babesebande kakhulu. Ekuhambeni kwethuba kwavela kumkani wumbi, owayengamazi uJosefu, wangumlawuli weJiputa. Wabenzela ubutshijolo abantu bakowethu, wabakhohlakalela ookhokho bethu, ebanyanzela ukuba babalahle abantwana babo, ukuze babe sesichengeni sokufa. Wazalwa ngeli xesha ke uMosis engumntwana omhle kakhulu. Wakhuliselwa ekhayeni lakhe iinyanga ezintathu; waza wathi naye akulahlwa, wacholwa yintombi yokumkani waseJiputa, yazikhulisela yena. Wabufunda bonke ubulumko bamaJiputa, waza waba yingcaphephe ekuthetheni nasekwenzeni. “Akuba neminyaka engamashumi amane uMosis, watyelela amawabo amaSirayeli. Wabona uwabo edlakathiswa ngumJiputa, waza wamnceda, waphindezela ngokumbulala umJiputa lowo. Wayecinga ukuba amawabo oqonda ukuba uThixo ufuna ukusebenzisa yena ekuwakhululeni, kodwa akazange aqonde. Ngenye imini wagagana namaSirayeli amabini esilwa, waza wazama ukuwohlula, esithi kuwo: ‘Khangelani, madoda, niyazalana; kungani ukuba nilwe ke?’ Kodwa lo wayevuyelela omnye, watyhalela uMosis bucala, wabuza wathi: ‘Ngubani okwenze induna nomgwebi phezu kwethu? Nam ufuna ukundibulala njengalaa mJiputa umbuleleyo izolo? ’ Akuyiva le ntetho uMosis, wabaleka, waya kuhlala kumhlaba waseMidiyan. Apho wazala oonyana ababini.
IZENZO 7:17-29 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Kuthe ke, lakuba lisondele ixesha ledinga, awalifungayo uThixo kuAbraham, bakhula abantu, banda eYiputa, kwada kwavela kumkani wumbi, ubengamazi uYosefu. Lowo wabalumkisa abakowethu, wabaphatha kakubi oobawo bethu, ngokokuze bazilahle iintsana zabo, ukuze zingabudli ubomi. Ekuthe ke kwelo xesha, kwazalwa uMoses; waye emhle kuThixo, wondliwa iinyanga zantathu endlwini kayise. Wagxothwa ke, yamchola intombi kaFaro, yazondlela ukuba abe ngunyana wayo. Waqeqeshwa ke uMoses kubo bonke ubulumko bamaYiputa; waye ke eyinkunkqele ngamazwi nangezenzo. Kwathi, kwakuba yiminyaka emashumi mane, kwafika entliziyweni yakhe ukukha aye kuvelela abazalwana bakhe, oonyana bakaSirayeli. Waza wabona omnye ephathwa kakubi, wamkhusela, wamphindezelela lowo ucinezelweyo, wambulala umYiputa. Wayeba ke yena boqonda abazalwana bakhe ukuba uThixo ebeya kubasindisa ngesandla sakhe; abaqondanga ke bona. Kwathi ngengomso wabonakala kubo besilwa, wabanyanzela ukuba baxolisane, esithi, Madoda, niyazalana nina; yini na ukuba nonane? Kodwa yena lowo wayemonile ummelwane wakhe wamgiba, esithi, Umiswe ngubani na ukuba ube ngumphathi nomahluli phakathi kwethu? Uza kundibulala na nam, njengokuba umbulele umYiputa izolo? Wasaba ke uMoses ngelo lizwi, waba ngumphambukeli ezweni lakwaMidiyan, apho wazalela khona oonyana ababini.
IZENZO 7:17-29 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kodwa njengokuba libe lisondela ixesha ledinga abelifungile UTIXO ku‐Abrahame, kwa njalo bakula abantu, bandiswa e‐Jipete, kude kwavuka ukumkani wumbi, obengenakumazi u‐Josefe. Yena lo wenza ngobuqinga kwisizwe sakowetu, wabapata kakubi obawo betu, kuze kulahlwe intsana zabo, ukuba zingagcinwa zihleli. Kwelona xesha wazalwa u‐Mosesi, waye emhle kakulu; owondliwa endlwini kayise inyanga zantatu. Kekaloku akuba ebelahliwe yena, yamcola intombi ka‐Faro, yamondla abe ngunyana kuyo. Waza u‐Mosesi wafundiswa kubo bonke ubulumko bama‐Jipete; wayenamandla ekuteteni nasekwenzeni kanjako. Xeshekweni ke bekumzalisekelwa ixesha leminyaka imashumi mane, kwangena entliziyweni yake ukutyelela kubo abazalwana bake usapo luka‐Sirayeli. Waza akubona omnye obesoniwa, wamsiza, wampindezelela obebandezelwa, wambeta um‐Jipete. Wayesiba abazalwana bake baya kuqonda ukuba UTIXO wobanika usindiso ngesandla sake: kodwa bona abaqonda. Kanjalo ngomhla olandelayo wazibonakalisa kubo besilwa, wazama ukubalamla, esiti: Madoda! ningabazalwana nina: kuyinina ukuba nonane? Kodwa lowo ubesona ummelwane wake wamtya̔la, esiti: Ngubanina owamisa wena inkosi nomgwebi pezu kwetu? ufuna ukubulala mna, njengokuba wambulalayo izolo um‐Jipete? Waza wesaba u‐Mosesi ngesiteto esi, waba ngowasemzini elizweni le‐Midiyane, apo wazalela kona onyana bababini.