Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

IZENZO 7:1-53

IZENZO 7:1-53 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Wathi ke umbingeleli omkhulu, Zinjalo na ke ezi ndawo? Uthe ke yena: Madoda, bazalwana, nani bobawo, phulaphulani. UThixo wozuko wabonakala kubawo wethu uAbraham, ekwelaseMesopotami, phambi kokuma kwakhe kwelakwaHaran, wathi kuye, Phuma kuwo umhlaba wakowenu nasemizalwaneni yakho, uze emhlabeni endingákubonisa wona. Waza waphuma ke emhlabeni wamaKaledi, wema kwelakwaHaran. Emveni kokufa kukayise, wamsusa apho, wamfudusela kuló mhlaba nimiyo kuwo nina ngoku. Akamnika lifa kuwo, kwanendawo engangonyawo; kodwa wambeka ngedinga lokuba uya kumnika ube ngowakhe, nembewu yakhe emva kwakhe, phofu engekabi namntwana. Ke kaloku wenjenje uThixo ukuthetha, wathi, imbewu yakhe iya kuba ngabaphambukeli emhlabeni wabasemzini; baya kuyenza amakhoboka, bayiphathe kakubi iminyaka engamakhulu omané. Nohlanga olo, ethe yangamakhoboka kulo, ndiya kulugweba mna, watsho uThixo; yaye, emveni kwezi zinto, iya kuphuma indikhonze kule ndawo. Waza wamnika umnqophiso wolwaluko; wathi yena ekuwo, wazala uIsake, wamalùsa ngomhla wesibhozo, waza uIsake wamenjenjalo uYakobi, waza noYakobi wabenjenjalo oomawokhulu abalishumi elinababini. Bathi oomawokhulu, bemmonele uYosefu, bathengisa ngaye, bamsingisa eYiputa; kodwa uThixo waba naye, wamncothula kuzo zonke iimbandezelo zakhe, wambabala ngobulumko phambi koFaro, ukumkani waseYiputa; wammisa ukuba abe yirhuluneli phezu kweYiputa nendlu yakhe iphela. Ke kaloku kwafika indlala kuwo umhlaba waseYiputa uphela, nowakwaKanan, nembandezelo enkulu; baye oobawo bethu bengafumani kudla. Akuva ke uYakobi ukuba kukho ingqolowa eYiputa, wesusa oobawo bethu okokuqala. Wathi ngokwesibini, uYosefu wabuya waziwa ngabazalwana bakhe, saza isizalwane sikaYosefu saveliswa kuFaro. Wathumela ke uYosefu wambiza uyise uYakobi, nabo bonke abazalana naye, bayimiphefumlo engamashumi osixhenxe anesihlanu. Wehla ke uYakobi, waya eYiputa, wabhubha yena noobawo bethu; baza bathwalwa basiwa kwaShekem, babekwa engcwabeni awalithengayo uAbraham ngexabiso lemali koonyana bakaHamore, usoShekem. Lithe ke, lakuba lisondele ixesha ledinga, awalifungayo uThixo kuAbraham, bakhula abantu, banda eYiputa, kwada kwavela kumkani wumbi, ubengamazi uYosefu. Lowo wabalumkisa abakowethu, wabaphatha kakubi oobawo bethu, ngokokuze bazilahle iintsana zabo, ukuze zingabudli ubomi. Ekuthe ke kwelo xesha, kwazalwa uMoses; waye emhle kuThixo, wondliwa iinyanga zantathu endlwini kayise. Elahliwe ke, yamchola intombi kaFaro, yazondlela ukuba abe ngunyana wayo. Waqeqeshwa ke uMoses kubo bonke ubulumko bamaYiputa; waye ke eyinkunkqele ngamazwi nangemisebenzi. Kuthe ke, kwakuzaliseka kuye ixesha leminyaka engamashumi amané, kwathi qatha entliziyweni yakhe ukukha aye kuvelela abazalwana bakhe, oonyana bakaSirayeli. Waza, akubona othile esoniwa, wamhlanganisela, wamphindezelela lowo ucinezelweyo ngokumthi qwaka umYiputa: wayeba ke yena boqonda abazalwana bakhe ukuba uThixo ebeya kubasindisa ngesandla sakhe; abaqondanga ke bona. Kananjalo ngengomso wabonakala kubo besilwa, wabanyanzela ukuba baxolisane, esithi, Madoda, niyazalana nina; yini na ukuba nonane? Uthe ke yena owayemonile uwabo wamgiba, esithi, Umiswe ngubani na ukuba ube ngumphathi nomahluli phakathi kwethu? Ungaba wena ufuna ukundisika na, ngohlobo omsike ngalo umYiputa izolo? Wasaba ke uMoses ngelo lizwi, wangumphambukeli emhlabeni wakwaMidiyan, apho wazalela khona oonyana bababini. Kuthe ke kwakuzaliseka iminyaka emashumi mané, kwabonakala kuye kwintlango yentaba yeSinayi isithunywa seNkosi, elangatyeni lomlilo etyholweni. Ke kaloku, akukubona oko uMoses, wamangaliswa ngumbono lowo. Kuthe ke, akusondela ukuba awuqiqe, kwafika izwi leNkosi kuye lisithi, Mna ndinguThixo wabo ooyihlo, uThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi. Wesuka ke wagubha uMoses, akaba nabuganga bakuwuqiqa. Ithe ke kuye iNkosi, Zithukulule iimbadada ezinyaweni zakho; kuba indawo leyo umi kuyo ingumhlaba ongcwele. Ndikubonile ndakubona ukuphathwa kakubi kwabantu bam abaseYiputa, ndakuva nokuncwina kwabo; ndihlile, ukuze ndibahlangule. Yiza ngoku, ndikuthume eYiputa. Lo Moses bamkhanyeláyo, besithi, Ùmiswe ngubani na, ukuba ube ngumphathi nomahluli? uThixo wathuma yena, ukuba abe ngumphathi nomhlanguli ngesandla sesithunywa esabonakalayo kuye etyholweni. Yena lowo wabakhupha, akubon' ukuba wenzé izimanga nemiqondiso emhlabeni waseYiputa, naseLwandle oluBomvu,• nasentlango, iminyaka engamashumi omané. Lowo nguloo Moses wathi koonyana bakaSirayeli, INkosi, uThixo wenu, iya kunivelisela umprofeti kubazalwana benu, onjengam nje; nize nimve yena. Nguye lowo owayephakathi kwalo ibandla entlango, ndawonye nesithunywa sezulu, ebesithetha naye entabeni yeSinayi, noobawo bethu; owamkelayo izihlabo zobomi, ukuze azinikele kuthi; abangathandanga kumlulamela oobawo bethu, besuka bamgiba, babuyela eYiputa ngeentliziyo zabo, besithi kuAron, Senzele oothixo abaya kuhamba phambi kwethu; kuba lo Moses wasikhuphayo emhlabeni waseYiputa, asiyazi into emhleleyo. Benza ithole ngaloo mihla, benyusa amadini, bawasa esithixweni eso, baba nemihlali yimisebenzi yezabo izandla. Wajika ke uThixo, wabanikela ukuba bakhonze umkhosi wezulu; njengoko kubhaliweyo encwadini yabaprofeti kwathiwa, Ningaba nisondezé kum imibingelelo neminikelo yini na Iminyaka emashumi mané entlango, ndlu kaSirayeli? Nathwala umnquba kaMoleki, Nenkwenkwezi yothixo wenu uRemfan, Imifanekiso ke leyo enayenzayo ukuba niqubude kuyo; Ndaye ke ndiya kunifudusela ngaphaya kweBhabheli. (UAm. 5:25-27) Umnquba wesingqino wawukoobawo bethu entlango, njengoko wayemisele ngako owayethetha noMoses, ukuba awenze ngokomfanekiso abewubonile; lo kanjalo bawungenisáyo, benikelana ngawo oobawo bethu, benoYoshuwa ekuthinjweni kweentlanga, ezo wazigxothayo uThixo ebusweni boobawo bethu, kwada kwayimihla kaDavide; owababalwayo nguThixo, wacela ukuba amfumanele uThixo kaYakobi umnquba. NguSolomon ke owamakhela indlu. Noko Osenyangweni yena akemi zitempileni zenziwe ngazandla; njengokuba esitsho umprofeti ukuthi, Izulu liyitrone yam, Ke ihlabathi sisihlalo seenyawo zam; Yindlu enjani na eniya kuyakhela mna? itsho iNkosi; Yiyiphi na yona indawo yokuphumla kwam? Àsisisandla sam na, esenza zonke ezo zinto? (UIsaya 66:12) Nina bantamo zilukhuni, bangalukileyo ngentliziyo, nangendlebe, nihleli nibambene noMoya oyiNgcwele; njengabo ooyihlo, nani ninjalo. Kubo abaprofeti nguwuphi na ongatshutshiswanga ngooyihlo? Bababulala ababexela ngenxa engaphambili ukuza koliLungisa; enithe kalokunje naba ngabanikeli nababulali bakhe; nina nawamkelayo umthetho, niwumiselwa zizithunywa zezulu, anawugcina.

IZENZO 7:1-53 IBHAYIBHILE (XHO96)

Umbingeleli omkhulu wabhekisa kuStefano wathi: “Khanyela watyholwa!” Waza uStefano wathetha nentlanganiso wenjenje: “Mawethu nani bobawo, khanindiphulaphule. UThixo, eyona ngangalala, wabonakala kukhokho wethu uAbraham ngexesha awayehlala eMesopotami, ngaphambi kokuba aye kuhlala eHaran, wathi kuye: ‘Suka, umke apha, uzishiye izizalwana zakho, kunye nelizwe lakowenu, uye kumhlaba endiya kukubonisa wona.’ Waza ke ngoko wawushiya umhlaba wamaKaledi, waya kuhlala eHaran. Emveni kokufa kukayise, uThixo wathi uAbraham makafudukele kweli lizwe nikulo nani ngoku. Ngelo xesha uThixo akamnikanga nendawana le uAbraham kulo mhlaba, ukuba ayime: hayi, nditsho nomhlathana lo womhlaba! Kodwa kananjalo uThixo wamthembisa uAbraham ukuba uya kumnika loo mhlaba, awume yena nezizukulwana zakhe emva kwakhe. Ukusenza kwakhe uThixo esi sithembiso uAbraham wayengekazali mntwana. UThixo wathetha ngolu hlobo kuye: ‘Isizukulwana sakho siya kufuduka, siye kuhlala elizweni lasemzini, apho siya kuba ngamakhoboka, sibandezeleke iminyaka engamakhulu amane. Kodwa mna ndiya kubagweba abo bantu siphantsi kwabo; kuze kuthi emva kwelo thuba, babuye kwelo lizwe, beze kundikhonza kule ndawo.’ Waza uThixo wamnika ulwaluko uAbraham ukutywina loo mnqophiso. UAbraham ke wamolùsa uIsake ngosuku lwesibhozo ezelwe, waza ngokukwanjalo uIsake wamolùsa uYakobi, noYakobi wenza kwaloo nto kookhokho abalishumi elinambini. “Oobawo bammonela uJosefu, bamthengisa waba likhoboka eJiputa. Kodwa uThixo waba naye, wamweza kuzo zonke iinkxwaleko awaba kuzo. Akusiwa phambi kokumkani waseJiputa, uThixo wamenza wathandeka uJosefu, wampha nobulumko. Ukumkani wammisela uJosefu wayirhuluneli yelaseJiputa nekomkhulu lakhe. Kwabakho indlala enkulu kulo lonke elaseJiputa nelaseKanana, ababi nakufumana nokutya oku ookhokho, ikati ilele eziko. Akuva uYakobi ukuba eJiputa kukho ukudla, wabathumela okokuqala oonyana bakhe; ngookhokho kuthi ke abo. Kutyelelo lwabo lwesibini uJosefu wazazisa kubantakwabo, waza wamxelela ukumkani ngamawabo lawo. UJosefu wamema uyise uYakobi ukuba aye kuhlala eJiputa nomzi wakhe wonke. Babengamashumi asixhenxe anesihlanu bebonke. Wehla ke uYakobi, waya eJiputa, apho yena nookhokho bethu bafela khona. Imizimba yabo yasiwa eShekem, apho yangcwatywa kwingcwaba elathengwa nguAbraham koonyana bakaHamori. “Ekusondeleni kwexesha lokuba uThixo asizalisekise isithembiso awasenza kuAbraham, abantu bakuthi ababeseJiputa babesebande kakhulu. Ekuhambeni kwethuba kwavela kumkani wumbi, owayengamazi uJosefu, wangumlawuli weJiputa. Wabenzela ubutshijolo abantu bakowethu, wabakhohlakalela ookhokho bethu, ebanyanzela ukuba babalahle abantwana babo, ukuze babe sesichengeni sokufa. Wazalwa ngeli xesha ke uMosis engumntwana omhle kakhulu. Wakhuliselwa ekhayeni lakhe iinyanga ezintathu; waza wathi naye akulahlwa, wacholwa yintombi yokumkani waseJiputa, yazikhulisela yena. Wabufunda bonke ubulumko bamaJiputa, waza waba yingcaphephe ekuthetheni nasekwenzeni. “Akuba neminyaka engamashumi amane uMosis, watyelela amawabo amaSirayeli. Wabona uwabo edlakathiswa ngumJiputa, waza wamnceda, waphindezela ngokumbulala umJiputa lowo. Wayecinga ukuba amawabo oqonda ukuba uThixo ufuna ukusebenzisa yena ekuwakhululeni, kodwa akazange aqonde. Ngenye imini wagagana namaSirayeli amabini esilwa, waza wazama ukuwohlula, esithi kuwo: ‘Khangelani, madoda, niyazalana; kungani ukuba nilwe ke?’ Kodwa lo wayevuyelela omnye, watyhalela uMosis bucala, wabuza wathi: ‘Ngubani okwenze induna nomgwebi phezu kwethu? Nam ufuna ukundibulala njengalaa mJiputa umbuleleyo izolo? ’ Akuyiva le ntetho uMosis, wabaleka, waya kuhlala kumhlaba waseMidiyan. Apho wazala oonyana ababini. “Emva kwamashumi amane eminyaka, kwabonakala isithunywa seNkosi kuMosis sisemalangatyeni etyholo elivuthayo entlango ngakwintaba yeSinayi. Lo mbono wammangalisa uMosis, wasondela etyholweni apho ukuba aliqwalasele. Suka weva ilizwi leNkosi lisithi: ‘Mna ndinguThixo wookhokho bakho, uThixo ka-Abraham, kaIsake, noYakobi.’ UMosis wankwantya kukoyika, akabi saba nako ukulikhangela. INkosi yathi kuye: ‘Khulula iimbadada ezo, kuba indawo le umi kuyo ingcwele. Ndiyibonile ingcinezelo nentlupheko yabantu bam eJiputa; ndisivile isikhalo sabo; ke ngoku ndize kubahlangula. Yiza ke, ndikuthume eJiputa.’ “Lo ngulaa Mosis ambukulayo amaSirayeli esithi: ‘Ngubani okwenze induna nomgwebi phezu kwethu?’ Kanti ke lo Mosis unguyena mntu uThixo amthume ukuba abe ngumlawuli nomsindisi, esebenzisa isithunywa sezulu eso uMosis wasibona etyholweni elivuthayo. Wabakhokela ke abantu ukuphuma eJiputa, wenza imiqondiso nemimangaliso, eJiputa nakuLwandle oluBomvu, kananjalo nasentlango, iminyaka emashumi mane. Nguloo Mosis wathi kumaSirayeli: ‘UThixo uya kunithumela *umshumayeli ophuma kwalapha kumawenu njengam.’ Nguye lowa wayekunye nebandla likaSirayeli entlango. Wayekhona apho nookhokho bethu, ekwakunye nesithunywa sezulu esasithetha naye entabeni yeSinayi. Wamkela kuThixo imiyalelo ephilileyo ukuba ayidlulisele kuthi. “Kananjalo ookhokho bethu bala ukumthobela, bambukula, besithi kubhetele baphindele kwaseJiputa. Kungoko bathi kuAron: ‘Senzele *oothixo bokusikhokela, kuba asiyazi into emngeneyo laa Mosis wasikhupha eJiputa.’ Kungeli thuba ke apho baziqingqela umfanekiso wethole, baza balenzela umbingelelo, benza netheko lokuzivuyisa ngenxa yaloo nto yayenziwe zizandla zabo. Ngenxa yaloo nto uThixo wabafulathela, wabayeka ukuba banqule iinkwenkwezi zezulu, njengoko kubhaliweyo encwadini *yabashumayeli kwathiwa: “ ‘MaSirayeli, yayingendim enanimxhelela, nimenzela amadini, iminyaka emashumi mane entlango. *Yayisisibingelo *sesithixo *uMoleki enanisiphethe, nomfanekiso wenkwenkwezi yesithixo *uRefani. Zizithixo enazenzayo, khon' ukuze nizinqule. Ngoku ke ndiya kunigxothela ngaphaya kweBhabheli.’ “Ookhokho bethu bona babenaso entlango *isibingelelo esingqina ubukho bukaThixo. Sasakhiwe ngokomfanekiselo lowo uThixo wawubonisa uMosis. Emva koko ookhokho bethu abasamkelayo isibingelelo kooyise, bahamba naso, kwada kwaza kuthi gaa ngexesha likaYoshuwa, xeshikweni bawuthathayo umhlaba wezizwe abazigxothelwa nguThixo. Sahlala ke isibingelelo eso kwada kwayimihla kaDavide. Yena wathandeka kuThixo, waza wacela ukuba uThixo amvumele akhele inzala kaYakobi indlu yokunqula. Kodwa yona indlu leyo yakhiwa nguSolomon. “Phofu yena uThixo uPhezukonke akahlali zindlwini zakhiwe ngabantu; njengoko atshoyo umshumayeli: “ ‘Izulu likomkhulu lam,’ itsho iNkosi: ‘Umhlaba wona ngamathânga am. Ndluni eningaze nindakhele yona? Iphi yona indawo endingaphumla kuyo? Ezi zinto azenziwanga ndim zonke na?’ “Bantundini baneenkani, abantliziyo ziqaqadekileyo, hayi ubuthulu benu emyalelweni kaThixo! Nifuz' ooyihlo! Nani nasoloko nimgiba uMoya oyiNgcwele! Nguwuphi umshumayeli abangamtshutshisanga ooyihlo? Bazibulala izigidimi zikaThixo, ezathi kwangaphambili zakuvakalisa ukuza kwalowo uliLungisa. Kungokunje nimngcatshile namgebenga. Umthetho kaThixo owaziswa zizithunywa zezulu, wamkelwa nini kanye – kodwa anikawuthobeli unangoku!”

IZENZO 7:1-53 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Wathi ke umbingeleli omkhulu, Zinjalo na ke ezi ndawo? Uthe ke yena: “Madoda, bazalwana, nani bobawo, phulaphulani. uThixo wozuko wabonakala kubawo wethu uAbraham, eseMesopotami, engekami kwelakwaHaran. Wathi kuye, Phuma ezweni lakowenu, kwelokuzalwa kwakho, uye ezweni endiya kukubonisa lona. Wesuka ke ezweni lamaKaledi, wahlala eHaran. Wathi, akuba efile uyise, wamfudusela kweli lizwe nihleli kulo nina ngoku. Akamnika lifa khona, kwanendawo engangonyawo, kodwa wathembisa ukuba uya kumnika ibe yeyakhe, nembewu yakhe emva kwakhe, engekabi namntwana. Wenjenje uThixo ukuthetha, wathi, Imbewu yakhe iya kuba ngabaphambukeli ezweni lasemzini; ukuba baye ebukhobokeni, babaphathe kakubi, iminyaka emakhulu mane. Nohlanga olo, ethe yangamakhoboka kulo, ndiya kulugweba mna, watsho uThixo; yaye, emveni kwezi zinto, iya kuphuma indikhonze kule ndawo. Waza wamnika umnqophiso wolwaluko, wathi ngokunjalo uAbraham wamzala uIsake, wamalusa ngomhla wesibhozo; uIsake ke wazala uYakobi; uYakobi wazala oomawokhulu abalishumi elinababini. Bathi oomawokhulu, bemmonele, bathengisa ngoYosefu eYiputa; wamncothula kuzo zonke iimbandezelo zakhe, wambabala ngobulumko phambi koFaro, ukumkani waseYiputa; wammisa ukuba abe yirhuluneli phezu kweYiputa nendlu yakhe yonke. Ke kaloku kwafika indlala enkulu kulo lonke elaseJiputa nelaseKanana, baza oobawo-mkhulu abazange bafumane kudla. Akuva ke uYakobi ukuba kukho ingqolowa eYiputa, wesusa oobawo bethu okokuqala. Kwathi ngokwesibini uYosefu wabonakalaliswa kubazalwana bakhe; Saza ke isizalwana sikaYosefu saziswa kuFaro. Wathumela uYosefu, wambiza uyise uYakobi, nemizalwane yakhe yonke, imiphefumlo emashumi asixhenxe anantlanu. Wehla ke uYakobi, waya eYiputa, wabhubha yena noobawo bethu; baza bathwalwa basiwa kwaShekem, babekwa engcwabeni awalithengayo uAbraham ngexabiso lemali koonyana bakaHamore, usoShekem. Kuthe ke, lakuba lisondele ixesha ledinga, awalifungayo uThixo kuAbraham, bakhula abantu, banda eYiputa, kwada kwavela kumkani wumbi, ubengamazi uYosefu. Lowo wabalumkisa abakowethu, wabaphatha kakubi oobawo bethu, ngokokuze bazilahle iintsana zabo, ukuze zingabudli ubomi. Ekuthe ke kwelo xesha, kwazalwa uMoses; waye emhle kuThixo, wondliwa iinyanga zantathu endlwini kayise. Wagxothwa ke, yamchola intombi kaFaro, yazondlela ukuba abe ngunyana wayo. Waqeqeshwa ke uMoses kubo bonke ubulumko bamaYiputa; waye ke eyinkunkqele ngamazwi nangezenzo. Kwathi, kwakuba yiminyaka emashumi mane, kwafika entliziyweni yakhe ukukha aye kuvelela abazalwana bakhe, oonyana bakaSirayeli. Waza wabona omnye ephathwa kakubi, wamkhusela, wamphindezelela lowo ucinezelweyo, wambulala umYiputa. Wayeba ke yena boqonda abazalwana bakhe ukuba uThixo ebeya kubasindisa ngesandla sakhe; abaqondanga ke bona. Kwathi ngengomso wabonakala kubo besilwa, wabanyanzela ukuba baxolisane, esithi, Madoda, niyazalana nina; yini na ukuba nonane? Kodwa yena lowo wayemonile ummelwane wakhe wamgiba, esithi, Umiswe ngubani na ukuba ube ngumphathi nomahluli phakathi kwethu? Uza kundibulala na nam, njengokuba umbulele umYiputa izolo? Wasaba ke uMoses ngelo lizwi, waba ngumphambukeli ezweni lakwaMidiyan, apho wazalela khona oonyana ababini. Kuthe ke kwakuzaliseka iminyaka emashumi mane, kwabonakala kuye kwintlango yentaba yeSinayi isithunywa seNkosi, elangatyeni lomlilo etyholweni. Akukubona oko uMoses, wamangaliswa ngumbono lowo; akusondela ukuba awukhangele, kwafika ilizwi likaYehova kuye, lisithi, Mna ndinguThixo wabo ooyihlo, uThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi. Wagubha uMoses, akaba nabuganga, akukhangela. Ithe ke iNkosi kuye, Khulula iimbadada zakho ezinyaweni zakho; kuba indawo leyo umi kuyo ingumhlaba ongcwele. Ndikubonile ndakubona ukuphathwa kakubi kwabantu bam abaseYiputa, ndakuva nokuncwina kwabo, ndihlile, ukuze ndibahlangule. Yiza ngoku, ndikuthume eYiputa. Lo Moses bamkhanyelayo, besithi, Umiswe ngubani na, ukuba ube ngumphathi nomahluli? yena uThixo wamthuma ukuba abe ngumphathi nomhlanguli ngesandla sesithunywa esabonakalayo kuye etyholweni. Yena lowo wabakhupha, emveni kokuba wenze izimanga nemiqondiso ezweni laseYiputa, naseLwandle oluBomvu, nasentlango, iminyaka emashumi mane. Lo nguloo Moses wathi koonyana bakaSirayeli, iNkosi, uThixo wenu, iya kunivelisela umprofeti kubazalwana benu, onjengam nje; nize nimve yena. Nguye lo owayesebandleni entlango, ndawonye nesithunywa sezulu, ebesithetha naye entabeni yeSinayi, enoobawo bethu; Abavumanga ukumphulaphula oobawo, besuka bamgxotha, babuyela eYiputa ezintliziyweni zabo; besithi kuAron, Senzele uthixo oya kuhamba phambi kwethu; kuba lo Moses wasikhuphayo ezweni laseYiputa, asazi ukuba uhlelwe yintoni na. Benza ithole ngaloo mihla, benyusa amadini, bewanyusa amadini, baba nemihlali yimisebenzi yezandla zabo. Wajika ke uThixo, wabanikela ukuba bakhonze umkhosi wezulu; njengoko kubhaliweyo encwadini yabaprofeti kwathiwa, Nibe nisondeza kum na kum amadini amadini, ndlu kaSirayeli, iminyaka emashumi mane entlango? Nathwala umnquba kaMoleki, Nenkwenkwezi yothixo wenu uRemfan, Imifanekiso ke leyo enayenzayo ukuba niqubude kuyo; Ndaye ke ndiya kunifudusela ngaphaya kweBhabheli. Umnquba wesingqino wawukoobawo bethu entlango, njengoko wayemisele ngako owayethetha noMoses, ukuba awenze ngokomfanekiso abewubonile; Lowo bawungenisayo, bawungenisayo noYesu ekuthinjweni kweentlanga, ezo wazigxothayo uThixo ebusweni boobawo bethu, kwada kwayimihla kaDavide; owababalwayo nguThixo, wacela ukuba amfumanele uThixo kaYakobi umnquba. Kodwa uSolomon wamakhela indlu. Kodwa Osenyangweni yena akahlali zitempileni zenziwe ngazandla; njengoko watshoyo umprofeti. Izulu liyitrone yam, Ke ihlabathi sisihlalo seenyawo zam; Yindlu enjani na eniya kundakhela yona? itsho iNkosi; Yiyiphi na yona indawo yokuphumla kwam? Asisandla sam na sazenza zonke ezo zinto? Nina bantamo zilukhuni, bangalukileyo ngentliziyo, nangendlebe, nihleli nibambene noMoya oyiNgcwele; kwanjengoko ooyihlo, nani ninjalo. Kubo abaprofeti nguwuphi na ongatshutshiswanga ngooyihlo? bababulala abo babekuxela ngenxa engaphambili ukuza koliLungisa; enithe ke ngoku ningabangcatshi nababulali bakhe; nina nawamkelayo umthetho, niwumiselwa zizithunywa zezulu, anawugcina.

IZENZO 7:1-53 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

Waza wati umperisite omkulu: Kanene ezizinto zinjalo kusinina? Waza wati yena: Madoda, bazalwana nobawo! pulapulani. UTIXO wobungcwalisa wabonakala kubawo wetu u‐Abrahame, nxa abese‐Mesopotami, engekahlalanga e‐Karane, wati kuye: Puma elizweni lakowenu, nasezalamaneni zako, uze elizweni endisukuba ndikubonisa lona. Wandula wapuma elizweni lama‐Kaledine, wahlala e‐Karane. Waza wamsusa kona, emveni kwokufa kwoyise, wamfudusela kwelilizwe enihlala kulo nina ngoku. Akamnika lifa ke kulo, engamnikanga nendawo yokunyatelwa kwonyawo: kanti noko wambekela ngedinga lokuba wolinika kuye libe yimfuyo, nakwinzalo yake emva kwake, nxa abengenamntwana. Waza wateta ngokunje UTIXO, ukuti: Inzalo yake yopambukela ezweni labasemzini, abaya kuyikonzisa bayipate kakubi iminyaka emakulu mane. Nesosizwe isukuba ikonza kuso, watsho UTIXO, ndiya kusigweba; yaiya kuti emveni kwoko ipume, ikonze mna kulendawo. Kanjako wamnika ucebano lwolwaluko: kwa njalo ke wazala u‐Yisake, wamalusa ngomhla wesibozo; waza u‐Yisake wazala u‐Yakobi, no‐Yakobi wazala oyise abakulu boshumi linababini. Baza oyise abakulu bezondele u‐Josefe bamtengisela e‐Jipete: kanti UTIXO ebenaye, wamhlangula kuzo zonke imbandezelo zake, wamnika ufefe nobulumko ebusweni buka‐Faro ukumkani we‐Jipete, owammisa umpati pezu kwe‐Jipete, napezu kwayo yonke indlu yake. Kekaloku kweza indlala pezu kwalo lonke ilizwe le‐Jipete nele‐Kanane, nobunzima obukulu; baye bengafumani kutya obawo betu. Kodwa akuva u‐Yakobi ukuba iko inqolowa e‐Jipete, watuma obawo betu okwokuqala. Nangokwesibini u‐Josefe wazazisa kubakuluwe bake, bati abalamane baka‐Josefe bazeka ku‐Faro. Waza watuma u‐Josefe wambiza uyise u‐Yakobi eze kuye, nazo zonke izalamane zake, ingamashumi asixe̔nxe anamihlanu imipefumlo yonke. Waza u‐Yakobi wehlela e‐Jipete, wabuba yena, nobawo betu, basuselwa e‐Shekeme, babekwa encw̔abeni abelitengile u‐Abrahame ngenani lemali elusatsheni luka‐Hamore uyise ka‐Shekeme. Kodwa njengokuba libe lisondela ixesha ledinga abelifungile UTIXO ku‐Abrahame, kwa njalo bakula abantu, bandiswa e‐Jipete, kude kwavuka ukumkani wumbi, obengenakumazi u‐Josefe. Yena lo wenza ngobuqinga kwisizwe sakowetu, wabapata kakubi obawo betu, kuze kulahlwe intsana zabo, ukuba zingagcinwa zihleli. Kwelona xesha wazalwa u‐Mosesi, waye emhle kakulu; owondliwa endlwini kayise inyanga zantatu. Kekaloku akuba ebelahliwe yena, yamcola intombi ka‐Faro, yamondla abe ngunyana kuyo. Waza u‐Mosesi wafundiswa kubo bonke ubulumko bama‐Jipete; wayenamandla ekuteteni nasekwenzeni kanjako. Xeshekweni ke bekumzalisekelwa ixesha leminyaka imashumi mane, kwangena entliziyweni yake ukutyelela kubo abazalwana bake usapo luka‐Sirayeli. Waza akubona omnye obesoniwa, wamsiza, wampindezelela obebandezelwa, wambeta um‐Jipete. Wayesiba abazalwana bake baya kuqonda ukuba UTIXO wobanika usindiso ngesandla sake: kodwa bona abaqonda. Kanjalo ngomhla olandelayo wazibonakalisa kubo besilwa, wazama ukubalamla, esiti: Madoda! ningabazalwana nina: kuyinina ukuba nonane? Kodwa lowo ubesona ummelwane wake wamtya̔la, esiti: Ngubanina owamisa wena inkosi nomgwebi pezu kwetu? ufuna ukubulala mna, njengokuba wambulalayo izolo um‐Jipete? Waza wesaba u‐Mosesi ngesiteto esi, waba ngowasemzini elizweni le‐Midiyane, apo wazalela kona onyana bababini. Kwaza kwati kwakuzaliseka iminyaka imashumi mane, kwabonakala kuye entlango yasentabeni ye‐Sinai ingelosi YENKOSI elangatyeni lomlilo etyolweni. Wati u‐Mosesi akubona, wasitela nqa isibonakalo eso; naxeshekweni ebesondela ukuza kubonela, kweza ilizwi LENKOSI kuye, lisiti: Mna ndi NGUTIXO woyihlo bako, UTIXO ka‐Abrahame, NOTIXO ka‐Yisake, NOTIXO ka‐Yakobi. Waza u‐Mosesi wangcangcazela, wabengenakukalipa kwokubonela. Yaza yati INKOSI kuye: Tula izihlangu zenyawo zako; ngokuba indawo umiyo kuyo ingumhlaba ongcwele. Ndikolisile ukubona ukupatwa kakubi kwabantu bam abase‐Jipete, nokugula kwabo ndikuvile; ndihle ke ukuba ndibahlangule: yiza ke kaloku, ndokutuma e‐Jipete. Yena lo u‐Mosesi abamkanyelayo, besiti: Ngubanina owamisa wena inkosi nomgwebi? yena lo UTIXO wamtuma abe yinkosi nomkululi ngesandla sengelosi eyabibonakala kuye etyolweni. Nguye lo owabaku̔payo, eyenzile imimangaliso nemiqondiso elizweni le‐Jipete, naselwandle olubomvu, nasentlango iminyaka imashumi mane. Nguye lo oyena Mosesi owati elusatsheni luka‐Sirayeli: UYEHOVA, UTIXO wenu, wonivusela umprofite, kubazalwana benu, njengam: yena niya kumva. Nguye lo owabeko entlanganisweni entlango kunye nengelosi ebiteta kuye entabeni ye‐Sinai, nakunye nobawo betu: owamkela amazwi abubomi ukuba awanike kuti: ababengavumi obawo betu ukumpulapula, koko bamtya̔layo, bati intliziyo zabo babuyela e‐Jipete, esiti ku‐Arone: Senzele otixo, abaya kuhamba pambi kwetu; ngokuba u‐Mosesi lo, owasiku̔payo ezweni le‐Jipete, singamazi ukuba uhlelwe yinto nina. Baza badala itole kwezontsuku, banikela idini kwisitixo eso, bagcoba kuyo imisebenzi yezandla zabo. Wajika ke UTIXO, wabayekelela ukuba bawukonze umkosi wezulu; njengokuba kuba̔liwe encwadini yabaprofite, ukuti: Imibingo neminikelo niyinikele na kum, iminyaka yamashumi mane, entlango, ndlu ka‐Sirayeli? kanti nayifunqula intentana ka‐Moleke, nenkwenkwezi yotixo wenu u‐Remfane, imifanekiso enayenzayo ukuba niyibedeshe: ndandiya kunifudusela ele kwe‐Babilone. Obawo betu bebenayo intente yesinqi̔no entlango, njengokuba bekumiselwe ngulowo ubeteta ku‐Mosesi ukuba ayenze ngomfanekiselo abewubonile: abati kanjalo bayingenisa obawo betu kunye no‐Yoshuwa, beyamkele nje ngokulandelana, ekubambeni kwabo ilizwe labaheyideni, ababegxotwa NGUTIXO ebusweni bobawo betu, kwada kwayimihla ka‐Davide; owafumana ufefe pambi KWOTIXO, wazicelela ukuba afumanele UTIXO ka‐Yakobi itabanakele. Kodwa u‐Solomone wamakela indlu. Noko yena opezu konke akahlali ezitempileni ezenziweyo ngezandla; njengokuba esitsho umprofite ukuti: Izulu liyiterone yam, nomhlaba usisitulo senyawo zam; yindlu enina niya kundakela yona? utsho UYEHOVA; umhlaumbi yeyipina indawo yokupumla kwam? isandla sam asazenza ezizinto zonke na? Nina bantamo zilukuni, nabantliziyo nendlebe zingalukanga! niyamelana NOMOYA OYINGCWELE ngamaxesha onke; njengokuba bebesenje njalo oyihlo benu, niyenje njalo nani. Nguwupina wabaprofite ongatshutshiswanga ngoyihlo benu? ewe bafisa abo bakushumayela pambili ukuza kwolungileyo; enisand’ ukumngcatsha nokumbulala: nina ke eniwamkeleyo umteto ngezimiselo zengelosi, kanti aniwubambanga.