IZENZO 4:18-21
IZENZO 4:18-21 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Bebabizile, babathethela ngelithi, mabangabi sakhankanya nakanye, bangafundisi nokufundisa ngegama likaYesu. Ke kaloku uPetros noYohane baphendula, bathi kubo, Yahlulani nina, ukuba bubulungisa na emehlweni kaThixo ukuva nina, kunokuva uThixo; kuba singenako thina ukuthi singazithethi izinto esazibonayo, esazivayo. Bathe ke bona, beqokele ngokubasongela, babandulula; bengafumani sizathu bangababetha ngaso, ngenxa yabantu; ngokuba bonke babemzukisa uThixo ngoko kwakuhlile.
IZENZO 4:18-21 IBHAYIBHILE (XHO96)
Babangenisa kwakhona, baza babayala ukuba ze bangaphindi bathethe okanye bafundise ngegama likaYesu. UPetros noYohane bona baphendula bathi: “Zahluleleni nina ngokwenu ukuba kulunge kuphi na phambi koThixo; kukho ukwenza intando yenu, kukho nokwenza intando kaThixo. Thina asinakuyeka ukuthetha ngento esiyibone sayiva ngokwethu.” IBhunga labatyityimbisela umnwe, laza labakhulula. Alibanga nakroba lakubohlwaya, ngenxa yokoyika abantu, kuba babedumisa uThixo ngesi senzo.
IZENZO 4:18-21 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Bebabizile, babathethela ngelithi, mabangabi sakhankanya nakanye, bangafundisi nokufundisa ngegama likaYesu. Ke kaloku uPetros noYohane baphendula, bathi kubo, Yahlulani nina, ukuba bubulungisa na emehlweni kaThixo ukuva nina, kunokuva uThixo; Kaloku thina asinakuyeka ukuthetha ngezinto esizibonileyo nesizivileyo. Bathe ke bona, beqokele ngokubasongela, babandulula, bengafumani sizathu bangababetha ngaso, ngenxa yabantu; ngokuba bonke babemzukisa uThixo ngoko kwakuhlile.
IZENZO 4:18-21 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Baza bakuba bebabizile, babayalela ukuba mabangake batete nokuba mabangafundisi ngegama lika‐Yesu. Kodwa u‐Petrosi no‐Johane bapendula bati kubo: Yahlulani, ukuba kufanelekile na ebusweni BUKATIXO ukuva nina ngapezu kwokuva UTIXO: ngokuba singebe nako ukuti, izinto esizibonileyo nesizivileyo, singaziteti. Kekaloku bepindile ukubasongela babakulula, bengafumani ndawo yokuba bangabohlwaya ngayo, ngenxa yabantu; kuba bonke bebedumisa UTIXO pezu kwoko kwenzekileyo.