IZENZO 27:23-24
IZENZO 27:23-24 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Kuba ngobu busuku bekumi ngakum isithunywa sikaThixo, endingowakhe, endimkhonzayo, sisithi, Musa ukoyika, Pawulos, umelwe kukuma phambi koKesare;• uyabona, uThixo ukubabale ngabo bonke abasemkhombeni nawe.
IZENZO 27:23-24 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kuba phezolo isithunywa sikaThixo, lo ndingowakhe ndimnqulayo, sifike kum, sathi: ‘Sukoyika, Pawulos! Uza kuma phambi *koKhesare. UThixo ngokulunga kwakhe uza kubasindisa bonke aba uhamba nabo.’
IZENZO 27:23-24 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Kuba ngobu busuku bekumi ngakum isithunywa sikaThixo, endingowakhe, endimkhonzayo, sisithi, Musa ukoyika, Pawulos; umelwe kukuma phambi koKesare; uyabona, uThixo ukubabale ngabo bonke abasemkhombeni nawe.
IZENZO 27:23-24 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ngokuba bekumi ngakum ngobubusuku ingelosi KATIXO, lowo endingowake, nendimkonzayo, isiti: Ungoyiki, Paulusi! ufanele ukuma pambi kwo‐Kesare; kanjalo bona ke, UTIXO ukupile bonke abaselisha nawe.