Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

IZENZO 2:1-47

IZENZO 2:1-47 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Ke kaloku, ekuzalisekeni kwawo umhla wepentekoste,• baye bonke bemxhelo mnye ndaweni-nye. Kwaza ngequbuliso kwaphuma ezulwini isandi esinjengesomoya ovuthuza ngamandla, sayizalisa indlu yonke ababehleli kuyo. Kwabonakala kubo iilwimi ezabekayo, ngathi zezomlilo, lwaolo lwahlala phezu kwabo bonke ngabanye. Bazaliswa bonke nguMoya oyiNgcwele, baqala ukuthetha ngalwimi zimbi, njengoko uMoya wayebanika ukuba bathethe baphimisele. Ke kaloku kwakumi eYerusalem apho amaYuda, amadoda awoyika uThixo, evela kuzo zonke iintlanga eziphantsi kwezulu. Sithe ke sakubakho esi sandi, yabuthelana inkitha, yadubadubeka, ngokuba bonke ngabanye babebeva bona bethetha ngezakomawabo iintetho. Bathi nqa ke bonke, bamangaliswa, wathi omnye komnye, Kanene aba bonke bathethayo asingamaGalili na? Kutheni na ke ukuba sibeve nje sonke ngabanye bethetha ngezakomawethu iintetho, esazalelwa kuzo? Thina maParti, namaMedi, namaElam, nathi simiyo kwelaseMesopotami, kwelakwaYuda kwanakwelaseKapadoki, kwelasePonto nakwelaseAsiya, kwelaseFrigi kwanakwelasePamfili, kwelaseYiputa, nasemacaleni elaseLibhi ngaseKirene, nathi bahambi baseRoma, síngamaYuda kwanabangeni ebuYudeni, thina maKrete nama-Arabhi, sibeva bona bezithetha ngezakomawethu iilwimi izinto ezinkulu zikaThixo. Bathi nqa ke bonke, bakhohlwa, omnye esithi komnye, Azi, ingaba ifuna ukuba yintoni na le nto? Abanye ke babehlekisa ngabo, besithi, Bahluthi yiwayini enencasa. Ke kaloku uPetros, esuke wema nabalishumi elinamnye, waliphakamisa izwi lakhe, waphimisela ukuthetha, wathi kubo: Madoda, maYuda, nani nonke nimiyo eYerusalem, makwazeke oku kuni, niwabekele iindlebe amazwi am. Aba àbanxilile, njengoko nina niba kunjalo, kuba kuselilixa lesithathu lemini. Oku khona koko kuthethiweyo ngomprofeti uYoweli, kwathiwa, Kuya kuthi ngayo imihla yokugqibela, utsho uThixo, Ndimthulule uMoya wam phezu kwayo yonke inyama, Baprofete oonyana benu neentombi zenu, Athi amadodana enu abone imibono, Namadoda enu amakhulu aphuphe amaphupha; Ewe, ndaye, phezu kwabakhonzi bam, naphezu kwabakhonzazana bam, ngaloo mihla Ndíya kumthulula uMoya wam, baprofete; Ndénze izimanga ezulwini phezulu, Nemiqondiso emhlabeni phantsi, Igazi, nomlilo, nentshinyela yomsi. Ilanga liya kusuka libe mnyama, Ithi inyanga ibe ligazi, Phambi kokuba ize imini yeNkosi, Leyo inkulu ibalulekileyo. Baya kuthi bonke abasukuba belinqula igama leNkosi basindiswe. (UYow. 2:28-32) Madoda, maSirayeli, waveni la mazwi: UYesu waseNazarete, indoda eqondakalisiweyo nguThixo kuni ngemisebenzi yamandla, nangezimanga, nangemiqondiso, awayenzayo uThixo ngayo phakathi kwenu, njengokuba nisazi nani ngokwenu: yena lowo, ekhutshwe ngecebo elimisiweyo likaThixo nangokwazi kwakhe kwenxa engaphambili, namthabatha ngezandla zabachasene nomthetho, nambethelela emnqamlezweni, namsika; athe uThixo wamvusa, eyikhulule inimba yokufa; ngokokuba ebengenako ukubanjwa kuko. Kuba uDavide uthi, esingisele kuye, Ndahlala ndiyibona iNkosi phambi kwamehlo am, Ngokuba ingasekunene kwam, ukuze ndingashukunyiswa. Ngenxa yoko intliziyo yam yaba nemihlali, lwagcoba ulwimi lwam; Ngaphezu koko ke nenyama yam iya kuphumla inethemba; Ngokuba akuyi kuwushiya umphefumlo wam kwelabafileyo. Kananjalo akuyi kumnikela oyiNgcwele wakho ekuboneni ukubola. Wandazisa iindlela zobomi; Ùya kundizalisa ngemihlali ngokubona ubuso bakho. (INdum. 16:8-11) Madoda, bazalwana, mandivunyelwe ndithethe kuni ngokuphandle ngomawokhulu uDavide, ukuba wafa wangcwatywa; nengcwaba lakhe likho phakathi kwethu unanamhla. Ngoko, kuba engumprofeti, esazi nokwazi ukuba uThixo wamfungela isifungo sokuba esiqhameni sesinqe sakhe ngokwenyama uya kuvelisa uKristu,• ukuba ahlale phezu kwetrone yakhe: uthe ebona ngenxa engaphambili, wathetha ngako ukuvuka kukaKristu, ukuba umphefumlo wakhe ungashiywanga kwelabafileyo nenyama yakhe ingabonanga kubola. UThixo wamvusa lo Yesu, esingamangqina ako oko thina sonke. Ephakanyisiwe ngoko sisandla sokunene sikaThixo, elamkele kanjalo idinga loMoya oyiNgcwele kuYise, uthulule oku nikubonayo, nikuvayo, kalokunje nina. Kuba uDavide, enganyukanga waya emazulwini, ke uthi ngokwakhe, Yathi iNkosi eNkosini yam, Hlala ngasekunene kwam, Ndide iintshaba zakho ndizenze isihlalo seenyawo zakho. (INdum. 110:1) Ngoko mayazi ngokuqinisekileyo yonke indlu kaSirayeli, ukuba uThixo wamenza iNkosi noKristu, kwayena lo Yesu nambethelelayo emnqamlezweni nina. Ke kaloku bathe, bakukuva oko, bahlabeka entliziyweni, bathi kuPetros nakwabanye abapostile,• Madoda, bazalwana, síthini na? Uthe ke uPetros kubo, Guqukani nibhaptizwe nonke ngabanye egameni likaYesu Kristu, ukuze nixolelwe izono, namkele isipho soMoya oyiNgcwele. Kuba idinga likuni, nakubantwana benu, nakubo bonke abakude, esukuba iNkosi uThixo wethu iya kubabiza. Nangamanye amazwi amaninzi wayeqononondisa, evuselela esithi, Zisindiseni kwesi sizukulwana sigoso. Bathe ke ngoko, ábalamkele ilizwi lakhe ngovuyo, babhaptizwa; kongezelelwa ngaloo mini imiphefumlo engathi imawaka mathathu. Baye ke bezingisa ukuhlala emfundisweni yabapostile, nasebudlelaneni, nasekuqhekezeni isonka, nasemithandazweni. Ke kaloku kwabakho ukoyika kwimiphefumlo yonke; kwenzeka izimanga ezininzi kwanemiqondiso ngabapostile. Bonke ke ababekholwa babendawonye, benobudlelane ngeento zonke. Baye bethengisa nangemihlaba nangempahla yabo, babele bonke, njengoko ebethi ubani aswele ngako. Babezingisa ukuhlala bemxhelo mnye etempileni imihla ngemihla, beqhekeza isonka kwizindlu ngezindlu, besidla ukudla benemigcobo, benolungelelwano lwentliziyo, bemdumisa uThixo, benonelelwe ngabantu bonke. Yaye iNkosi isongeza abasindiswayo imihla ngemihla kulo ibandla.

IZENZO 2:1-47 IBHAYIBHILE (XHO96)

Ekufikeni komhla *wePentekoste babehlangene ndawonye bonke. Ngesaquphe beva isandi esingathi kukuza komoya omkhulu, uvuthuza esibhakabhakeni. Sayizalisa indlu ababehleli kuyo isandi eso. Kwabonakala amadangatye angathi ziilwimi, laza lalelo idangatye lahlala kumntu ngamnye kubo. Bazaliswa ke bonke nguMoya oyiNgcwele, baza bathetha ngalwimi zimbi, njengoko uMoya wabaphayo. EJerusalem apho kwakukho amaJuda, abantu ababenenzondelelo ngezinto zikaThixo, bevela kuzo zonke izizwe zehlabathi. Bakukuva oko kwakusenzeka, kwahlanganisana indimbane yabantu, bonke bemangalisiwe kukuva abalandeli bakaYesu bethetha iilwimi zabo. Bethe khumnqa, bathi: “Okunene aba bantu ngamaGalili bonke! Ke, kutheni le nto sonke ngabanye sibeva bethetha nathi ngolwimi lweenkobe? Thina singamaParti, namaMedi, namaElam, nabaseMesopotami, nabakwaJuda, nabaseKapadoki; singabasePonto naseAsiya, eFrigi nasePamfili, naseJiputa nabemimandla yaseLibhiya engaseKirene, nabahambi abavela eRoma. SingamaJuda nabangeni buJudeni, amaKrete nama-Arabhu. Siyabeva beyithetha ngeelwimi zethu imisebenzi yamandla kaThixo.” Bethe nqa ke bexakiwe, babuzana bathi: “Awu! Ngaba ithetha ntoni le nto?” Abanye baphoxisa ngabo, bathi: “À, suka! Banxilile!” Waphakama uPetros, wabhekisa ebantwini, ethetha egameni labafundi abalishumi elinambini, wathi: “Mawethu, maJuda, nani nonke bemi baseJerusalem, phulaphulani nibeke iindlebe, nantsi indawo emaniyiqonde: La madoda akanxilanga njengoko niba kunjalo nina, kuba kusekusasa ngentlazane, koko le nto yenzekayo yileya yaxelwa *ngumshumayeli uJoweli esithi: “ ‘Yiyo le into endiya kuyenza ngemihla yokugqibela;’ utsho uThixo: ‘Ndiya kugalela uMoya wam kulo lonke uluntu, oonyana neentombi zenu zishumayele, abafana babone imibono, amaxhego aphuphe amaphupha. Ewe, nezicaka nezicakazana zam ndiya kuzigalela ngoMoya wam ngaloo mihla, zize zishumayele. Ndiya kwenza imiqondiso esibhakabhakeni phezulu, nezimanga emhlabeni phantsi. Kuya kubakho igazi nomlilo nentshinyela yomsi. Ilanga liya kujika libe bubumnyama, inyanga ibe bomvu njengegazi, phambi kokufika kwaloo mhla mkhulu udumileyo weNkosi. Kananjalo nabani na othe wabiza igama leNkosi uya kusindiswa.’ “MaSirayeli, phulaphulani la mazwi: UYesu waseNazarete yindoda eyâlathwa nguThixo, yaza yabonakaliswa ngemisebenzi yamandla nemimangaliso nangemiqondiso awayenzayo uThixo ngayo. Nani ngokwenu niyayazi loo nto, kuba yenzeka phakathi kwenu apha. Lo Yesu ke, wanikelwa kuni ngokuthanda nangokwazi kukaThixo, nambulala ngokumnikela ukuba abethelelwe emnqamlezweni ngabantu abangawukhathalelanga umthetho wethu. UThixo ke yena wamvusa, wamkhulula kwiintlungu zokufa, kuba ukufa kwakungenawo amandla okumbophelela. Kaloku uDavide uthi ngaye: “ ‘Ndasoloko ndiyibona iNkosi iphambi kwam ngamaxesha onke. Yintonga yam yasekhosi iNkosi, ngoko andiyi kuchukunyiswa nto. Kungoko yagcobayo intliziyo yam, ndathetha ndinemivuyo. Ngaphezu koko ndiya kuhlala ndinethemba lokuba andiyi kufa, kuba akuyi kuwuyeka kwelabafileyo umphefumlo wam, ungayi kusiyeka sibole isicaka sakho esikholekileyo. Undazisile iindlela zobomi; ndaye ndiya kuzala luvuyo ngenxa yobukho bakho.’ “Mawethu, mandithethe ngokucacileyo kuni ngokhokho wethu uDavide. Yena wafa, waza wangcwatywa; yaye nengcwaba lakhe lilapha unanamhlanje. Njengokuba *wayengumshumayeli, wayesazi isithembiso sokuba uThixo wafunga ukuba omnye kubazukulwana bakhe uya kuba ngukumkani njengaye. Walubona ke kwangaphambili uvuko lukaKrestu, wathetha ngalo, exela ukuba akayi kuyekwa kwelabafileyo, futhi engayi kubola. UThixo ke wamvusa ekufeni lo Yesu; saye ke thina sonke singamangqina aloo nto. Njengoko anyuselwe ewongeni kuThixo, wamkele uMoya oyiNgcwele, lowo wathenjiswayo nguYise. Le nto ke niyibonayo niyivayo ngoku kukugalelwa kwaloo Moya kuthi. Kaloku uDavide akanyukelanga ezulwini yena ngokwakhe, koko uthi: “ ‘INkosi yathi eNkosini yam: Hlala ngakum kweli wonga lo gama ndikoyisela iintshaba zakho.’ “Ngenxa yoko qinisekani, mzi kaSirayeli, ukuba lo Yesu enambethelela emnqamlezweni, uThixo ummisele wayiNkosi *ekwanguKrestu.” Yabahlabanisela kakhulu intetho kaPetros abantu, bakuba beyivile; baza bathi kuPetros *nabathunywa ababenaye: “Kufuneka senze ntoni, mawethu?” Wathi uPetros kubo: “Guqukani ezonweni zenu nonke ngabanye, nibhaptizwe egameni likaYesu Krestu, ukuze nixolelwe izono zenu, nize namkele isipho soMoya oyiNgcwele. Kuba isithembiso esenziwa nguThixo senzelwa nina nabantwana benu, kwanâbo bakude, bebonke abo iNkosi uThixo wethu ibabizayo.” Wathetha wophela ke uPetros ebaluleka esithi: “Zahlukaniseni naba bantu bakhohlakeleyo, khon' ukuze ningehlelwa sisohlwayo sabo.” Abantu abaninzi balwamkela olu daba, baza babhaptizwa. Baba ngamawaka amathathu abantu abongezelelwayo enanini labo. Babehlangana rhoqo, bedlelana ngokuphulaphula iimfundiso zabathunywa, nangokuqhekeza isonka, nangokuthandaza. Imiqondiso nemimangaliso emininzi awayenza *ngabathunywa uThixo yatsho yabakhohla abantu. Bonke abakholwayo bahlala bebambene, bedlelana ngezinto abanazo omnye nomnye. Babethengisa ngempahla yabo, babelane ngemali leyo ngokweentswelo zomntu ngamnye. Imihla ngemihla babehlangana rhoqo *endlwini kaThixo, babuye batye kunye emakhaya bechwayitile bebelezelana, bembonga uThixo, bamkelekile kubantu bonke. Mihla le uThixo wayelongeza inani labo ngabo basindiswayo.

IZENZO 2:1-47 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Ke kaloku, ekuzalisekeni kwawo umhla wepentekoste, baye bonke bemxhelo mnye ndaweni-nye. Kwaza ngequbuliso kwaphuma ezulwini isandi esinjengesomoya ovuthuza ngamandla, sayizalisa yonke indlu ababehleli kuyo. Kwabonakala kubo iilwimi ezabekayo, ngathi zezomlilo, lwaolo lwaolo lwahlala phezu kwabo bonke ngabanye. Bazaliswa bonke nguMoya oyiNgcwele, baqala ukuthetha ngalwimi zimbi, njengoko uMoya wayebanika ukuba bathethe baphimisele. Ke kaloku kwakumi eYerusalem apho amaYuda, amadoda awoyika uThixo, evela kuzo zonke iintlanga eziphantsi kwezulu. Sithe ke sakubakho esi sandi, yabuthelana inkitha, yadubadubeka, ngokuba bonke ngabanye babebeva bona bethetha ngezakomawabo iintetho. Bathi nqa ke bonke, bamangaliswa, wathi omnye komnye, Kanene aba bonke bathethayo asingamaGalili na? Kwenzeka njani ukuba sibeve sonke ngabanye bethetha ngezakomawethu iintetho, esazalelwa kuzo? amaPati, namaMedi, namaElam, nabemi baseMesopotami, nakwelakwaYuda, nakwelaKapadoki, kwelasePonto, nelaseAsiya; elaseFrigi, nelasePamfili, kwelaseJiputa, nakwelaseLibhiya, malunga neKirene, nabasemzini abaseRoma, abangamaYuda nabangeni ebuYudeni; AmaKrete nama-Arabhi, siyabeva bethetha ngeelwimi zethu imisebenzi ebalulekileyo kaThixo. Bathi nqa ke bonke, bakhohlwa, omnye esithi komnye, Azi, ingaba ifuna ukuba yintoni na le nto? Baye abanye bebagculela, besithi, Aba bazele yiwayini entsha; Ke kaloku uPetros, esuke wema nabalishumi elinamnye, waliphakamisa izwi lakhe, wathi kubo, Madoda, maYuda, nani nonke nimiyo eYerusalem, makwazeke oku kuni, niwabekele indlebe amazwi am. Aba abanxilile, njengoko nina niba kunjalo, kuba kuselilixa lesithathu lemini. Kodwa oku koko kwathethwayo ngomprofeti uYoweli. Kuya kuthi ngemihla yokugqibela, utsho uThixo, ndithulule uMoya wam phezu kwenyama yonke, baprofete oonyana benu neentombi zenu, amadodana enu abone imibono, namadoda enu amakhulu aphuphe amaphupha; Naphezu kwabakhonzi bam, naphezu kwabakhonzazana bam, ngaloo mihla ndiya kumthulula uMoya wam; kwaye baya kuprofeta. Ndiya kwenza izimanga ezulwini phezulu, nemiqondiso emhlabeni phantsi; igazi, nomlilo, nentshinyela yomsi; Ilanga liya kujikwa libe mnyama, nenyanga ibe ligazi, phambi kokuba ifike imini yeNkosi enkulu. Baya kuthi bonke abasukuba belinqula igama leNkosi basindiswe. Madoda, maSirayeli, waveni la mazwi; uYesu waseNazarete, indoda eqondakalisiweyo nguThixo kuni, ngemisebenzi yamandla, nangezimanga, nangemiqondiso, awayenzayo uThixo ngayo phakathi kwenu, njengokuba nisazi nani ngokwenu: yena lowo, ekhutshwe ngecebo elimisiweyo likaThixo nangokwazi kwakhe kwenxa engaphambili uThixo, namthabatha, nambethelela emnqamlezweni, namsika ngezandla zabangendawo; athe uThixo wamvusa, eyikhulule inimba yokufa, kuba ebengenako ukubanjwa kuko. Kuba uDavide uthi, esingisele kuye, Ndahlala ndiyibona iNkosi phambi kwamehlo am, Ngokuba ingasekunene kwam, ukuze ndingashukunyiswa. Ngenxa yoko yaba nemihlali intliziyo yam, lwagcoba ulwimi lwam; Ngaphezu koko ke nenyama yam iya kuphumla inethemba; Ngokuba akuyi kuwushiya umphefumlo wam kwelabafileyo, Kananjalo akuyi kumyekela oyiNgcwele wakho ukuba abone ukubola. Wandazisa iindlela zobomi; Uya kundizalisa ngemihlali ngokubona ubuso bakho. Madoda, bazalwana, mandivunyelwe ndithethe kuni ngokuphandle ngomawokhulu uDavide, ukuba wafa wangcwatywa; nengcwaba lakhe likho kuthi unanamhla. Ngoko, ekubeni engumprofeti, esazi nokuba uThixo wamfungela isifungo esithi, esiqhameni sesinqe sakhe ngokwenyama, uya kuvelisa uKristu, ukuba ahlale etroneni yakhe; Ebonile ngenxa engaphambili, wathetha ngako ukuvuka kukaKristu, ukuba umphefumlo wakhe ungashiywanga kwelabafileyo nenyama yakhe ingabonanga kubola. Lo Yesu uThixo wamvusa, esingamangqina ako oko thina sonke. Ephakanyiselwe phezulu nje ngasekunene kukaThixo, elamkele kuye uYise idinga loMoya oyiNgcwele, uthulule le nto niyibonayo, niyivayo ngoku. Kuba uDavide, enganyukanga waya emazulwini, ke uthi ngokwakhe, Yathi iNkosi eNkosini yam, Hlala ngasekunene kwam; Ndide iintshaba zakho ndizenze isihlalo seenyawo zakho. Ngoko mayazi ngokuqinisekileyo yonke indlu kaSirayeli, ukuba uThixo wamenza iNkosi noKristu, kwayena lo Yesu nambethelelayo emnqamlezweni nina. Ke kaloku bathe, bakukuva oko, bahlabeka entliziyweni, bathi kuPetros nakwabanye abapostile, Madoda, bazalwana, sithini na? Wathi uPetros kubo, Guqukani, nibhaptizwe nonke ngabanye egameni likaYesu Kristu, ukuze kuxolelwe izono, namkele isipho soMoya oyiNgcwele. Kaloku idinga likuni, nakubantwana benu, nakubo bonke abakude, esukuba iNkosi uThixo wethu iya kubabiza. Ngamanye amazwi amaninzi wayeqononondisa, ebavuselela esithi, Zisindiseni kwesi sizukulwana sigwenxa. Bathe ke ngoko, abalamkele ilizwi lakhe ngovuyo, babhaptizwa; kongezelelwa kwangaloo mini imiphefumlo engathi imawaka mathathu. Bazingisa ukuzingisa emfundisweni yabapostile, nasebudlelaneni, nasekuqhekezeni isonka, nasemithandazweni. Ke kaloku kwabakho ukoyika kwimiphefumlo yonke; kwenzeka izimanga ezininzi kwanemiqondiso ngabapostile. Ke kaloku bonke ababekholwa babendawonye, benobudlelane ngeento zonke. Baye bethengisa nangemihlaba nangemihlaba yabo, babele bonke abantu njengoko ebesukuba eswele ngako. Babezingisa ukuhlala bemxhelo mnye etempileni imihla ngemihla, beqhekeza isonka kwizindlu ngezindlu, besidla ukudla benemigcobo, benolungelelwano lwentliziyo, bemdumisa uThixo, benonelelwe ngabantu bonke. Yaye iNkosi isongeza ebandleni imihla ngemihla abasindiswayo.

IZENZO 2:1-47 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

KEKALOKU nxa ubusel’ ufika umhla wepentekoste, bebeko kwa bonke ngentliziyo nye endaweni nye. Kwaza kwavela ngokwalama ezulwini isandi njengesomoya uqutela ngamandla, sazalisa yonke indlu apo babehleli kona. Kwaza kwabonakala kubo ilwimi zanga zezomlilo zizahlulahlula, zahlala ngezinye pezu kwabo bonke ngabanye. Baza bazaliswa kwa bonke NGUMOYA OYINGCWELE, baqala ukuteta ngezinye inteto, njengokuba UMOYA wabebanika ukupimisela. Kekaloku kube kuhlala e‐Yerusaleme ama‐Juda, amadoda abubedesho, evela kuzo zonke intlanga ezipantsi kwezulu. Kwati kwakwenziwa lentlokoma, wabutana umhlambi, watiwa piti, kuba bonke ngabanye bebebeva beteta ngokwakowabo ukuteta. Babemangaliswa ke bonke, bati nqa, besiti omnye kwomnye: Bona ke, bonke aba abatetayo asi ngawo ama‐Galili na? kunganina pofu ukuba sive tina ngabanye ngokwakowetu ukuteta esasizelwe kuko?— ama‐Paratiya, nama‐Medi, nama‐Helami, nabemiyo e‐Mesopotami, nase‐Judeya, nase‐Kapadosiya, e‐Pontusi, nase‐Asiya, nase‐Firijiya, nase‐Pamfiliya, e‐Jipete, nasezahlulweni zase‐Libiya kufupi ne‐Kirene, nabaṙanukeli base‐Roma, kwa ama‐Juda nabangeneyo ebujudeni, ama‐Kirete, nama‐Arabi, — siyabeva beteta ngezetu inteto izinto ezinkulu ZIKATIXO. Babemangaliswa ke bonke, baxakeka, besiti omnye kwomnye: Kungafun’ ukuba yinto nina oku? Kodwa abanye behleka babesiti: Bazele yiveyine emnandi. Kodwa u‐Petrosi, emi kunye nabalishumi linamnye, wapakamisa ilizwi lake, wapimisela ukuti kubo: Madoda ase‐Judeya, nani nihlalayo e‐Yerusaleme nonke! makwazeke oku kuni, ninikele amazwi am indlebe: ngokuba aba benganxili, njengokuba nizindla nina; ngokuba kuyiyure yesitatu yemini. Koko oku kukoko kutetiweyo ngumprofite u‐Joweli, ukutiwa: Kwakuya kuti emihleni yokupela, utsho UTIXO, ndogalela KUMOYA wam pezu kwoluntu lwonke; babeya kuprofitesha onyana benu nentombi zenu; amadodana enu aya kubona imiboniso, namaxego enu aya kupupa amapupa: ewe, napezu kwezicaka zam, napezu kwezicakakazi zam, ndiya kugalela KUMOYA wam ngaleyomihla, zaziya kuprofitesha ke. Ndandiya kunika imimangaliso ezulwini pezulu, nemiqondiso pezu kwomhlaba ezantsi, igazi, nomlilo, nenkungu yomsi. Ilanga liya kuguqulwa libe bumnyama, nenyanga ibe ligazi, ungekafiki umhla omkulu okazimlayo KAYEHOVA. Kwakuya kuti, bonke abaya kubiza egameni LIKAYEHOVA bosindiswa. Madoda, bo‐Sirayeli! yivani amazwi la: U‐Yesu um‐Nazarete, umntu obonakalisiweyo kuni ukuba uvela KUTIXO ngezenzo zamandla, nangemimangaliso, nangemiqondiso, owazenzayo UTIXO ngaye pakati kwenu, njengokuba nisazi nani ngokwenu; lo, enikelwe ngecebo elimisiweyo nangokwazi okupambili KUKATIXO, nimtabatile, nambetela ekuruseni ngezandla zabaginwa, nambulala: ate UTIXO wamvusa, ekulule intlungu zokufa; ngokokuba bekungenzeki ukuba abanjwe kuko. Ngokuba u‐Davide esiti ngaye: Ndambona UYEHOVA pambili pambi kwam futi, kuba engasekunene kum, ukuze ndingashukunyiswa. Ngenxa yoku intliziyo yam yavuya, nolwimi lwam lwagcoba; nakanjako nenyama yam iya kupumla ngetemba: kuba ungayi kushiya umpefumlo wam ehadesi, nokuba ungayi kuyekelela oyingcwele yako abone ukubola. Wandazisa indlela zobomi; uya kundizalisa ngovuyo ebusweni bako. Madoda, bazalwana! Ndingateta ndinokukalipa kuni ngaye uyise omkulu u‐Davide, okokuba wabuba yena wancw̔atywa kananjalo, nokuba incw̔aba lake liko pakati kwetu kude kwanamhla nje. Kekaloku engumprofite nje, esazi kanjako ukuba UTIXO ebefungile kuye ngesifungo sokuti uya kumvusa u‐Kristu, ngokwenyama, kwisiqa̔mo sesinqe sake, ukuza kuhlala pezu kweterone yake; ekubona oku ngapambili nje, wateta ngako ukuvuka kuka‐Kristu, ukuba umpefumlo wake wabungashiywa ehadesi, nokuba inyama yake yabingaboni ukubola. Yena lo u‐Yesu UTIXO wamvusa, esingamanqi̔na ako tina sonke. Ngako epakanyiselwe kwesokunene SIKATIXO, nesibambiso SOMOYA OYINGCWELE esamkele nje KUYISE, ugalele oku enikubonayo nenikuvayo ngoku. Ngokuba u‐Davide engenyukelanga ezulwini; koko esiti yena: Wati UYEHOVA KWINKOSI yam: Hlala ngasekunene kum, ndide ndenze intshaba zako zibe sisitulo senyawo zako. Maiti ngoko yonke indlu ka‐Sirayeli iqinise ukwazi, ukuba yena UTIXO umenzile INKOSI no‐Kristu, yena lo u‐Yesu onimkuruseshileyo. Kekaloku bakuva oku, bahlatywa entliziyweni, bati ku‐Petrosi nakwabanye abapostile: Siya kwenza nto nina, madoda, bazalwana? Waza u‐Petrosi wati kubo: Guqukani, nibapitizeshwe nonke ngabanye egameni lika‐Yesu Kristu, kube kukuxolelwa kwezono, naniya kwamkela isipiwo SOMOYA OYINGCWELE. Ngokuba isibambiso senzelwe nina, nabantwana benu, nabo bonke abakude, abo abasukuba bebizwa YINKOSI UTIXO wetu. Wabenqi̔nisa nangamanye amazwi amaninzi, wabayala, esiti: Zisindiseni kwesisizukulwana esigwenxa. Bandula abo ke abalamkelayo ilizwi lake ngovuyo, babapitizeshwa: kwaza kwongezelelwa kubo ngaleyomini imipefumlo yanga yamawaka matatu. Baye bemana ukuhlala elufundisweni lwabapostile, nasebudlelaneni, nasekuqezulweni kwesonka, nasemitandazweni. Kwasuka kwabako ukwoyika pezu kwayo yonke imipefumlo; kanjalo imimangaliso nemiqondiso emininzi ibisenziwa ngabapostile. Babe ke bonke abakolwayo bendawonye, babala zonke izinto ukuba zizezabo bonke, batengisa ngemfuyo zabo nangempahla zabo, bazahlulahlula kubo bonke, njengoko kusukuba umntu enokuswela ngako. Kanjako, bemana ukuhlala imihla ngemihla ngentliziyo nye etempileni, beqezula isonka ngezindlu ngezindlu kanjalo, babesamkela ukutya kwabo ngomgcobo nangolungelelwano lwentliziyo, bedumisa UTIXO, benokubukwa nangabo bonke abantu. Yaibe INKOSI isongezelela abebesindiswa imihla ngemihla eṙementeni.