Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

Izenzo zabapostile 2:1-47

Izenzo zabapostile 2:1-47 XHO1902A

KEKALOKU nxa ubusel’ ufika umhla wepentekoste, bebeko kwa bonke ngentliziyo nye endaweni nye. Kwaza kwavela ngokwalama ezulwini isandi njengesomoya uqutela ngamandla, sazalisa yonke indlu apo babehleli kona. Kwaza kwabonakala kubo ilwimi zanga zezomlilo zizahlulahlula, zahlala ngezinye pezu kwabo bonke ngabanye. Baza bazaliswa kwa bonke NGUMOYA OYINGCWELE, baqala ukuteta ngezinye inteto, njengokuba UMOYA wabebanika ukupimisela. Kekaloku kube kuhlala e‐Yerusaleme ama‐Juda, amadoda abubedesho, evela kuzo zonke intlanga ezipantsi kwezulu. Kwati kwakwenziwa lentlokoma, wabutana umhlambi, watiwa piti, kuba bonke ngabanye bebebeva beteta ngokwakowabo ukuteta. Babemangaliswa ke bonke, bati nqa, besiti omnye kwomnye: Bona ke, bonke aba abatetayo asi ngawo ama‐Galili na? kunganina pofu ukuba sive tina ngabanye ngokwakowetu ukuteta esasizelwe kuko?— ama‐Paratiya, nama‐Medi, nama‐Helami, nabemiyo e‐Mesopotami, nase‐Judeya, nase‐Kapadosiya, e‐Pontusi, nase‐Asiya, nase‐Firijiya, nase‐Pamfiliya, e‐Jipete, nasezahlulweni zase‐Libiya kufupi ne‐Kirene, nabaṙanukeli base‐Roma, kwa ama‐Juda nabangeneyo ebujudeni, ama‐Kirete, nama‐Arabi, — siyabeva beteta ngezetu inteto izinto ezinkulu ZIKATIXO. Babemangaliswa ke bonke, baxakeka, besiti omnye kwomnye: Kungafun’ ukuba yinto nina oku? Kodwa abanye behleka babesiti: Bazele yiveyine emnandi. Kodwa u‐Petrosi, emi kunye nabalishumi linamnye, wapakamisa ilizwi lake, wapimisela ukuti kubo: Madoda ase‐Judeya, nani nihlalayo e‐Yerusaleme nonke! makwazeke oku kuni, ninikele amazwi am indlebe: ngokuba aba benganxili, njengokuba nizindla nina; ngokuba kuyiyure yesitatu yemini. Koko oku kukoko kutetiweyo ngumprofite u‐Joweli, ukutiwa: Kwakuya kuti emihleni yokupela, utsho UTIXO, ndogalela KUMOYA wam pezu kwoluntu lwonke; babeya kuprofitesha onyana benu nentombi zenu; amadodana enu aya kubona imiboniso, namaxego enu aya kupupa amapupa: ewe, napezu kwezicaka zam, napezu kwezicakakazi zam, ndiya kugalela KUMOYA wam ngaleyomihla, zaziya kuprofitesha ke. Ndandiya kunika imimangaliso ezulwini pezulu, nemiqondiso pezu kwomhlaba ezantsi, igazi, nomlilo, nenkungu yomsi. Ilanga liya kuguqulwa libe bumnyama, nenyanga ibe ligazi, ungekafiki umhla omkulu okazimlayo KAYEHOVA. Kwakuya kuti, bonke abaya kubiza egameni LIKAYEHOVA bosindiswa. Madoda, bo‐Sirayeli! yivani amazwi la: U‐Yesu um‐Nazarete, umntu obonakalisiweyo kuni ukuba uvela KUTIXO ngezenzo zamandla, nangemimangaliso, nangemiqondiso, owazenzayo UTIXO ngaye pakati kwenu, njengokuba nisazi nani ngokwenu; lo, enikelwe ngecebo elimisiweyo nangokwazi okupambili KUKATIXO, nimtabatile, nambetela ekuruseni ngezandla zabaginwa, nambulala: ate UTIXO wamvusa, ekulule intlungu zokufa; ngokokuba bekungenzeki ukuba abanjwe kuko. Ngokuba u‐Davide esiti ngaye: Ndambona UYEHOVA pambili pambi kwam futi, kuba engasekunene kum, ukuze ndingashukunyiswa. Ngenxa yoku intliziyo yam yavuya, nolwimi lwam lwagcoba; nakanjako nenyama yam iya kupumla ngetemba: kuba ungayi kushiya umpefumlo wam ehadesi, nokuba ungayi kuyekelela oyingcwele yako abone ukubola. Wandazisa indlela zobomi; uya kundizalisa ngovuyo ebusweni bako. Madoda, bazalwana! Ndingateta ndinokukalipa kuni ngaye uyise omkulu u‐Davide, okokuba wabuba yena wancw̔atywa kananjalo, nokuba incw̔aba lake liko pakati kwetu kude kwanamhla nje. Kekaloku engumprofite nje, esazi kanjako ukuba UTIXO ebefungile kuye ngesifungo sokuti uya kumvusa u‐Kristu, ngokwenyama, kwisiqa̔mo sesinqe sake, ukuza kuhlala pezu kweterone yake; ekubona oku ngapambili nje, wateta ngako ukuvuka kuka‐Kristu, ukuba umpefumlo wake wabungashiywa ehadesi, nokuba inyama yake yabingaboni ukubola. Yena lo u‐Yesu UTIXO wamvusa, esingamanqi̔na ako tina sonke. Ngako epakanyiselwe kwesokunene SIKATIXO, nesibambiso SOMOYA OYINGCWELE esamkele nje KUYISE, ugalele oku enikubonayo nenikuvayo ngoku. Ngokuba u‐Davide engenyukelanga ezulwini; koko esiti yena: Wati UYEHOVA KWINKOSI yam: Hlala ngasekunene kum, ndide ndenze intshaba zako zibe sisitulo senyawo zako. Maiti ngoko yonke indlu ka‐Sirayeli iqinise ukwazi, ukuba yena UTIXO umenzile INKOSI no‐Kristu, yena lo u‐Yesu onimkuruseshileyo. Kekaloku bakuva oku, bahlatywa entliziyweni, bati ku‐Petrosi nakwabanye abapostile: Siya kwenza nto nina, madoda, bazalwana? Waza u‐Petrosi wati kubo: Guqukani, nibapitizeshwe nonke ngabanye egameni lika‐Yesu Kristu, kube kukuxolelwa kwezono, naniya kwamkela isipiwo SOMOYA OYINGCWELE. Ngokuba isibambiso senzelwe nina, nabantwana benu, nabo bonke abakude, abo abasukuba bebizwa YINKOSI UTIXO wetu. Wabenqi̔nisa nangamanye amazwi amaninzi, wabayala, esiti: Zisindiseni kwesisizukulwana esigwenxa. Bandula abo ke abalamkelayo ilizwi lake ngovuyo, babapitizeshwa: kwaza kwongezelelwa kubo ngaleyomini imipefumlo yanga yamawaka matatu. Baye bemana ukuhlala elufundisweni lwabapostile, nasebudlelaneni, nasekuqezulweni kwesonka, nasemitandazweni. Kwasuka kwabako ukwoyika pezu kwayo yonke imipefumlo; kanjalo imimangaliso nemiqondiso emininzi ibisenziwa ngabapostile. Babe ke bonke abakolwayo bendawonye, babala zonke izinto ukuba zizezabo bonke, batengisa ngemfuyo zabo nangempahla zabo, bazahlulahlula kubo bonke, njengoko kusukuba umntu enokuswela ngako. Kanjako, bemana ukuhlala imihla ngemihla ngentliziyo nye etempileni, beqezula isonka ngezindlu ngezindlu kanjalo, babesamkela ukutya kwabo ngomgcobo nangolungelelwano lwentliziyo, bedumisa UTIXO, benokubukwa nangabo bonke abantu. Yaibe INKOSI isongezelela abebesindiswa imihla ngemihla eṙementeni.