IZENZO 1:1-8
IZENZO 1:1-8 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Eyokuqala imbali, Tiyofilo, ndayenza kambe ndibalisa ngezinto zonke awaqala ngazo uYesu ukuzenza kwanokuzifundisa, kwada kwayimini awanyuswa ngayo, akuba ebawisele umthetho ngoMoya oyiNgcwele abapostile awayebanyule; awathi kanjalo, emveni kokuva kwakhe ubunzima, wazimisa ephilile phambi kwabo, ngeziganeko ezininzi, ezibonakalalisa ngokwakhe kubo kwiintsuku ezimashumi mané, ethetha izinto ezingabo ubukumkani bukaThixo. Uthe, ehlanganisene nabo, wabathethela ngelithi, mabangahlukani neYerusalem; mabalinde idinga loYise, awathi ukuthetha, Naliva kum; ngokuba uYohane okunene wabhaptiza ngamanzi; kodwa nina niya kubhaptizwa ngoMoya oyiNgcwele, kungekabi kade emva kwezi ntsuku. Bona ke ngoko, bebuthelene, babembuza besithi, Nkosi, wobubuyisela ngeli xesha na ubukumkani kuSirayeli? Uthe ke kubo, Asikokwenu ukwazi amaxesha nokuba ngamathuba, awamise ngelakhe igunya uBawo. Niya kwamkela ke amandla, akubon' ukuba uMoya oyiNgcwele uhlile phezu kwenu; nibe ngamangqina am eYerusalem, kwanakulo lonke elakwaYuda nelaseSamariya, kude kuse nasekupheleni komhlaba.
IZENZO 1:1-8 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kwincwadi yam yokuqala, Tiyofilo, ndabhala ndibalisa ngazo zonke izinto uYesu awasungula ngazo ukwenza nokufundisa, kude kuye kuthi gaa ngaloo mhla wanyuselwa ngawo ezulwini nguThixo. Ngaphambi kokuba anyuswe uYesu, wathi ngoMoya oyiNgcwele wawayala loo madoda awawanyulayo ukuba abe *ngabathunywa. Emva kokubandezelwa nokufa kwakhe wazibonakalisa kuloo madoda ngeziganeko ezininzi ukuba uvukile. Kwithuba leentsuku ezingamashumi amane abathunywa babemana bembona, ethetha nabo ebaxelela ngezolawulo lukaThixo. Esitya kunye nabo wabayala wathi: “Ze ningemki eJerusalem. Hlalani nilinde isipho esathenjiswa nguBawo, esiya ndanixelela ngaso. Kaloku uYohane yena wayebabhaptiza ngamanzi abantu; ke nina, kungekudala, uThixo uza kunibhaptiza ngoMoya oyiNgcwele.” Xa babendawonye, abathunywa bambuza uYesu besithi: “Nkosi, ngaba uza kulubuyisela kwangoku na ulawulo kumaSirayeli?” UYesu uphendule wathi: “Asiyondawo yenu ukuwazi amathuba namaxesha uBawo agqiba yedwa ngawo. Nina niya kunikwa amandla, akufika kuni uMoya oyiNgcwele, nindingqinele ebantwini baseJerusalem, nabakulo lonke elakwaJuda, nabaseSamariya, kude kuse naseziphelweni zomhlaba.”
IZENZO 1:1-8 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Umbhalo wokuqala ndawenza, Tiyofilo, ngazo zonke izinto awaqala ngazo uYesu ukuzenza kwanokuzifundisa, kwada kwayimini awanyuswa ngayo, emveni kokuba ebawisele umthetho ngoMoya oyiNgcwele abapostile awabanyulayo; awathi kanjalo, emveni kokuva kwakhe ubunzima, wazimisa ephila, ngobungqina obuninzi obungenasiphako, ebonakala kubo iintsuku ezimashumi mane, ethetha izinto ezingabo ubukumkani bukaThixo. Kwathi, ehlanganisene nabo, wabathethela ngelithi, mabangaphumi eYerusalem, balilinde idinga likaBawo, enalivayo kum. Kuba uYohane okunene wabhaptiza ngamanzi; kodwa niya kubhaptizwa ngoMoya oyiNgcwele, kungekabi kade emva kwezi ntsuku. Bona ke ngoko, bebuthelene, babembuza besithi, Nkosi, wobubuyisela ngeli xesha na ubukumkani kuSirayeli? Uthe ke kubo, Asikokwenu ukwazi amaxesha nokuba ngamathuba, awamise ngelakhe igunya uBawo. Niya kwamkela ke amandla, akubon’ ukuba uMoya oyiNgcwele uhlile phezu kwenu; nibe ngamangqina am eYerusalem, kwanakulo lonke elakwaYuda, nelaseSamariya, kude kuse nasekupheleni komhlaba.
IZENZO 1:1-8 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
INCWADI yapambili ke, Teyofilusi! ndayenza ngako konke waqalayo u‐Yesu kwa nokukwenza nokukufundisa, kwada kwayimini wabenyuswa ngayo, akuba ebebayalele NGOMOYA OYINGCWELE abapostile abebanyulile: abete kanjako wazityila kubo ukuba uhleli, emveni kwokuva kwake intlungu, ngezizatu eziqinileyo ezininzi, ebonakala kubo imihla yamashumi mane, eteta izinto ezingabo ubukumkani BUKATIXO. Waza ehlanganisene nabo wabayala ukuba mabangemki e‐Yerusaleme, mabalinde isibambiso SOYISE, — eso, watsho yena, enisivileyo kum: ngokuba u‐Johane okunene wabapitizesha ngamanzi; kodwa nina nobapitizeshwa NGOMOYA OYINGCWELE, intsuku ezingeninzi emveni kwezi. Kwa njalo ke bakuba bebebutene, babuza kuye, besiti: Nkosi! ubuya ubumisele o‐Sirayeli ubukumkani ngelixesha kusinina? Waza wati kubo: Asi kokwenu ukwazi amaxesha namatuba UBAWO awabekileyo ngelake igunya; koko niya kwamkela amandla, akuba UMOYA OYINGCWELE ehlile pezu kwenu; naniya kuba ngamanqi̔na am kwa nakuyo i‐Yerusaleme, nakuyo yonke i‐Judeya ne‐Samariya, nakude kube sekupeleni kwomhlaba.