Umbhalo wokuqala ndawenza, Tiyofilo, ngazo zonke izinto awaqala ngazo uYesu ukuzenza kwanokuzifundisa, kwada kwayimini awanyuswa ngayo, emveni kokuba ebawisele umthetho ngoMoya oyiNgcwele abapostile awabanyulayo; awathi kanjalo, emveni kokuva kwakhe ubunzima, wazimisa ephila, ngobungqina obuninzi obungenasiphako, ebonakala kubo iintsuku ezimashumi mane, ethetha izinto ezingabo ubukumkani bukaThixo. Kwathi, ehlanganisene nabo, wabathethela ngelithi, mabangaphumi eYerusalem, balilinde idinga likaBawo, enalivayo kum. Kuba uYohane okunene wabhaptiza ngamanzi; kodwa niya kubhaptizwa ngoMoya oyiNgcwele, kungekabi kade emva kwezi ntsuku. Bona ke ngoko, bebuthelene, babembuza besithi, Nkosi, wobubuyisela ngeli xesha na ubukumkani kuSirayeli? Uthe ke kubo, Asikokwenu ukwazi amaxesha nokuba ngamathuba, awamise ngelakhe igunya uBawo. Niya kwamkela ke amandla, akubon’ ukuba uMoya oyiNgcwele uhlile phezu kwenu; nibe ngamangqina am eYerusalem, kwanakulo lonke elakwaYuda, nelaseSamariya, kude kuse nasekupheleni komhlaba.
Funda iZenzo 1
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: iZenzo 1:1-8
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo