Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

KUTIMOTI II 1:1-18

KUTIMOTI II 1:1-18 IBHAYIBHILE (XHO96)

Kubhala mna Pawulos *umthunywa kaYesu Krestu ngokuthanda kukaThixo, owandithuma ukuba ndishumayele isithembiso sobomi, esinabo ngokumanywa noKrestu Yesu. Ndibhalela unyana wam endimthandayo uTimoti. Ndithi: Kuwe makube sisisa, inceba, noxolo oluvela kuThixo uYise noYesu Krestu iNkosi yethu. Ndiyambulela uThixo endimnqula ngokunyaniseka njengookhokho bam. Ubusuku nemini ndisoloko ndikukhankanya emithandazweni yam. Ndithi ndakukhumbula ukulila kwakho ndinqwenele ngakumbi ukukubona, ukuze luzaliseke uvuyo lwam. Ndicinga ukunyaniseka kokholo lwakho, olufana nolukanyokokhulu uLoyisi, ngokunjalo nonyoko uYunike. Andithandabuzi ukuba ukwanjalo nawe. Ngenxa yeso sizathu ndiyakukhumbuza ukuba usivuselele eso sipho wasinikwa nguThixo ukukubeka kwam izandla. Kuba kaloku uMoya esimnikwe nguThixo asingowobuphakuphaku, koko uvuselela isibindi, uthando, nokuzeyisa. Ngoko ke sukuba nazintloni ukungqinela iNkosi, nangam mna mbanjwa wayo. Ndaweni yaloo nto yiba nenxaxheba ezimbandezelweni ezihamba nodaba lukaKrestu, usomelezwa nguThixo. Nguye owasisindisayo wasibiza ukuba sibe ngabanyuliweyo, kungengamisebenzi yethu, kodwa ngenxa yenjongo nobubele bakhe. Wasenzela obu bubele ngoKrestu Yesu kwantlandlolo. Ngoku ke butyhilekile kuthi ngokufika koMsindisi wethu uKrestu Yesu. Kaloku yena uwaphul' iimpondo amandla okufa, waza waveza ubomi nokungabhubhi ngeendaba ezimnandi. UThixo wandimisela ukuba ndibe ngumbhengezi weendaba ezimnandi, *umthunywa, nomfundisi. Yiyo le nto ndinyamezele le meko nje. Kanti ke andoyiki nto ngaloo nto, kuba ndiyamazi kaloku endimthembileyo. Ndimthembile kuba unako kaloku ukuyilondoloza loo nto andigcinise yona, kude kufike loo Mini yakhe. Ke hlala ugcine umzekelo wemfundiso yenene owayiva ngam, uhlale unokholo nothando, izinto esinazo ngokumanywa noKrestu Yesu. Yilondoloze kakuhle loo nto siyiphathisiweyo, uncedwa nguMoya oyiNgcwele ohleli kuthi. Uyazi ukuba kwiphondo laseAsiya ndishiywe ngumntu wonke! Kumke nkqu noFilego noHermogene! Kodwa usapho lwakwaOnesiforo lona uThixo unga angalenzela inceba. Kaloku yena wandinceda kaninzi-ninzi xa ndandineengxaki. Zange yena abe nazintloni ngokundihambela entolongweni. Wathi efika nje eRoma, wandifuna wada wandifumana. Wanga angenzelwa inceba ngaloo Mini yeNkosi! Ndiyayicela loo nto eNkosini! Izinto awayendenzela zona e-Efese zaziwa nguwe ngaphezu kokuba ndingakuxelelayo mna.

KUTIMOTI II 1:1-18 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

UPawulos, umpostile• kaYesu Kristu ngokuthanda kukaThixo, ngokwedinga lobomi obukuKristu Yesu, ubhalela uTimoti, umntwana wakhe oyintanda; uthi, Makube lubabalo, nenceba, noxolo oluvela kuThixo uYise, noKristu Yesu iNkosi yethu. Ndinokubulela kuye uThixo, endamkhonzayo kwakoomawokhulu ndinesazela esihlambulukileyo, ndíkukhumbula njengokungapheliyo, ekukhungeni kwam ubusuku nemini; ndilangazelela ukunga ndingakubona, ndízikhumbula nje iinyembezi zakho, ukuze ndizaliswe luvuyo; ndíkhunjuzwa nje ukholo olukuwe olungenakuhanahanisa, lona lwahlalayo kuqala kunyokokhulu uLoyisi, nakunyoko uYunike, endinyanisileyo ke ukuthi luhleli nakuwe. Endithi ngenxa yelo thuba ndikukhumbuze, ukuba usikhwezele isipho sokubabalwa kwakho nguThixo, esikhoyo kuwe ngokubekwa kwezandla zam phezu kwakho. Kuba uThixo akasinikanga moya wabugwala; wasinika owamandla, nowothando, nowesidima. Ngoko ke musa ukuba nazintloni ngabo ubungqina beNkosi yethu, nangam, mna mbanjwa wayo; suka uve ububi kunye nam ngenxa yeendaba ezilungileyo, ngokwamandla kaThixo; owasisindisayo, wasibiza ngobizo olungcwele, engenzi ngokwemisebenzi yethu, esenza ngokweyakhe ingqibo, nobabalo, esababalwa ngalo ngoKristu Yesu phambi kwamaxesha aphakade; lwabonakaliswa ke ngoku ngako ukubonakala koMsindisi wethu uYesu Kristu, owakubhangisayo okunene ukufa, kodwa wabukhanyisa ubomi nokungonakali, ngazo iindaba ezilungileyo ezi; endamiselwa zona mna, ndaba ngumvakalisi nompostile nomfundisi weentlanga; endithi kananjalo ngenxa yeli thuba ndive obu bunzima. Noko ke andinazintloni; kuba ndiyamazi endikholiweyo nguye; kanjalo ndithi, ndeyisekile ukuba únako ukuyigcina into endimphathisileyo, ese kuloo mini. Umzekelo wamazwi aphilileyo owawevayo kum, wubambe elukholweni naseluthandweni olukuKristu Yesu. Loo nto intle uyiphathisiweyo, yigcine ngoMoya oyiNgcwele ohleliyo ngaphakathi kwethu. Oku uyakwazi, ukuba bandinikele umva bonke abaseAsiya; abanoFigelo noHermogene. Yanga iNkosi ingayenzela inceba indlu kaOnesiforo; ngokuba kwaba futhi endiphumza, akaba nazintloni nguwo umxokelelwane wam. Wathi akuba eseRoma, wandifuna ngokukhuthala okukhulu, wandifumana. Yanga iNkosi ingamfumanisa inceba eNkosini ngaloo mini. Nguwena waziyo kakuhle oko zingako izinto awalungiselela ngazo e-Efese.

KUTIMOTI II 1:1-18 IBHAYIBHILE (XHO96)

Kubhala mna Pawulos *umthunywa kaYesu Krestu ngokuthanda kukaThixo, owandithuma ukuba ndishumayele isithembiso sobomi, esinabo ngokumanywa noKrestu Yesu. Ndibhalela unyana wam endimthandayo uTimoti. Ndithi: Kuwe makube sisisa, inceba, noxolo oluvela kuThixo uYise noYesu Krestu iNkosi yethu. Ndiyambulela uThixo endimnqula ngokunyaniseka njengookhokho bam. Ubusuku nemini ndisoloko ndikukhankanya emithandazweni yam. Ndithi ndakukhumbula ukulila kwakho ndinqwenele ngakumbi ukukubona, ukuze luzaliseke uvuyo lwam. Ndicinga ukunyaniseka kokholo lwakho, olufana nolukanyokokhulu uLoyisi, ngokunjalo nonyoko uYunike. Andithandabuzi ukuba ukwanjalo nawe. Ngenxa yeso sizathu ndiyakukhumbuza ukuba usivuselele eso sipho wasinikwa nguThixo ukukubeka kwam izandla. Kuba kaloku uMoya esimnikwe nguThixo asingowobuphakuphaku, koko uvuselela isibindi, uthando, nokuzeyisa. Ngoko ke sukuba nazintloni ukungqinela iNkosi, nangam mna mbanjwa wayo. Ndaweni yaloo nto yiba nenxaxheba ezimbandezelweni ezihamba nodaba lukaKrestu, usomelezwa nguThixo. Nguye owasisindisayo wasibiza ukuba sibe ngabanyuliweyo, kungengamisebenzi yethu, kodwa ngenxa yenjongo nobubele bakhe. Wasenzela obu bubele ngoKrestu Yesu kwantlandlolo. Ngoku ke butyhilekile kuthi ngokufika koMsindisi wethu uKrestu Yesu. Kaloku yena uwaphul' iimpondo amandla okufa, waza waveza ubomi nokungabhubhi ngeendaba ezimnandi. UThixo wandimisela ukuba ndibe ngumbhengezi weendaba ezimnandi, *umthunywa, nomfundisi. Yiyo le nto ndinyamezele le meko nje. Kanti ke andoyiki nto ngaloo nto, kuba ndiyamazi kaloku endimthembileyo. Ndimthembile kuba unako kaloku ukuyilondoloza loo nto andigcinise yona, kude kufike loo Mini yakhe. Ke hlala ugcine umzekelo wemfundiso yenene owayiva ngam, uhlale unokholo nothando, izinto esinazo ngokumanywa noKrestu Yesu. Yilondoloze kakuhle loo nto siyiphathisiweyo, uncedwa nguMoya oyiNgcwele ohleli kuthi. Uyazi ukuba kwiphondo laseAsiya ndishiywe ngumntu wonke! Kumke nkqu noFilego noHermogene! Kodwa usapho lwakwaOnesiforo lona uThixo unga angalenzela inceba. Kaloku yena wandinceda kaninzi-ninzi xa ndandineengxaki. Zange yena abe nazintloni ngokundihambela entolongweni. Wathi efika nje eRoma, wandifuna wada wandifumana. Wanga angenzelwa inceba ngaloo Mini yeNkosi! Ndiyayicela loo nto eNkosini! Izinto awayendenzela zona e-Efese zaziwa nguwe ngaphezu kokuba ndingakuxelelayo mna.

KUTIMOTI II 1:1-18 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

uPawulos, umpostile kaYesu Kristu ngokuthanda kukaThixo, ngokwedinga lobomi obukuKristu Yesu, ubhalela uTimoti, unyana wam oyintanda; uthi, Makube lubabalo, inceba, uxolo, oluvela kuThixo uYise, noKristu Yesu iNkosi yethu. Ndiyabulela kuye uThixo, endamkhonzayo kwakoomawokhulu ndinesazela esihlambulukileyo, ndikukhumbula njengokungapheliyo, ekukhungeni kwam ubusuku nemini; Ndilangazelela ukunga ndingakubona, ndizikhumbula nje iinyembezi zakho, ukuze ndizaliswe luvuyo; Ndikhunjuzwa nje ukholo olukuwe olungenakuhanahanisa, lona lwahlalayo kuqala kunyokokhulu uLoyisi, nakunyoko uYunike; ndeyisekile ke kukuba nakuwe. Endithi ngenxa yelo thuba ndikukhumbuze, ukuba usikhwezele isipho sokubabalwa kwakho nguThixo, esikhoyo kuwe ngokubekwa kwezandla zam phezu kwakho. Kuba uThixo akasinikanga moya wabugwala; koko ngamandla, nangothando, nangengqondo ephilileyo. Ngoko ke musa ukuba nazintloni ngabo ubungqina beNkosi yethu, nangam, mna mbanjwa wayo; owasisindisayo, wasibiza ngobizo olungcwele, engenzi ngokwemisebenzi yethu, esenza ngokweyakhe ingqibo, nobabalo, esababalwa ngalo ngoKristu Yesu phambi kwamaxesha aphakade. Kodwa ngoku yabonakaliswa ngokubonakala koMsindisi wethu uYesu Krestu, owakubhangisayo ukufa, waza waveza ubomi nokungonakali ekukhanyeni ngazo iindaba ezilungileyo; endithe ndamiselwa bona mna, ukuba ndibe ngumshumayeli nompostile nomfundisi weentlanga. Kungenxa yoko le nto ndibandezelekayo; noko ke andinazintloni, kuba ndiyamazi endikholiweyo nguye; kananjalo ndeyisekile kukuba unako ukuyigcina into endimphathisileyo, ese kuloo mini. Umzekelo wamazwi aphilileyo owawevayo kum, wubambe elukholweni naseluthandweni olukuKristu Yesu. Loo nto ilungileyo uyiphathisiweyo, yigcine ngoMoya oyiNgcwele ohleliyo ngaphakathi kwethu. Oku uyakwazi, ukuba bandinikele umva bonke abaseAsiya; ekubo inguFigelo noHermogene. iNkosi mayiyenzele inceba indlu kaOnesiforo; ngokuba kwaba futhi endiphumza, akaba nazintloni nguwo umxokelelwane wam. Uthe akuba eseRoma, wandifuna ngokukhuthala okukhulu, wandifumana. Yanga iNkosi ingamfumanisa inceba eNkosini ngaloo mini. Wena uzazi kakuhle oko zingako izinto awalungiselela ngazo e-Efese.

KUTIMOTI II 1:1-18 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

UPAULUSI, umpostile ka‐Yesu Kristu ngayo intando KATIXO, ngokwesitembiso sobomi obuku‐Kristu Yesu, kuye u‐Timote umntwana wam otandiweyo: Ufefe, nobubele, noxolo, luvela kuye UTIXO uyise, no‐Kristu Yesu INKOSI yetu. Ndiyabulela KUTIXO, endimkonzayo komakulu bam ngesazeliso esicocekileyo, ukuba singenakuyeka isikumbulo endinaso ngawe ezikungweni zam ebusuku nasemini, ndilangazelela ukukubona, ndikumbulela inyembezi zako nje, ukuze ndizaliswe luvuyo; ndakuba ndikumbula ukolo olungazenzisiyo olukuwe, olona lwemayo kuqala kunyokokulu u‐Loyise, nakunyoko u‐Yunike, endikolwa kanjako ukuba lumi nakuwe. Enditi ngenxa yalendawo ndikukumbuze ukuba usivuselele isipo SIKATIXO, esikoyo kuwe ngokubekwa kwezandla zam. Ngokuba UTIXO engasinikanga umoya wobugwala, koko wasinika owamandla, nowotando, nowokuzikalimela. Ize ngoko ungabi nantloni ngabo ubunqi̔na BENKOSI yetu, nangam kanjako umbanjwa wayo; uti ubuve ubunzima kunye nam ngenxa yayo ivangeli ngokwamandla KATIXO: owasisindisayo, wasibiza ngokubiza okungcwele, bekungengokwemisebenzi yetu, bekungokweyake imvume nofefe olwanikwa kuti ku‐Kristu Yesu engekabiko onke amaxesha akudala, kodwa lubonakalisiwe kaloku ngako ukubonakala kwomsindisi wetu u‐Yesu Kristu, owatshabalalisa ukufa, wazisa ekuhleni ubomi nokungaboli ngayo ivangeli; endamiselwa yona ndibe ngumshumayeli, nompostile, nomfundisi wabaheyideni: enditi kanjalo ngenxa yalendawo ndizive ezizinto: andinantloni noko; ngokuba ndimazi lowo endibekile kuye itemba lam, ndikolwa kanjako ukuba unamandla ukugcina oko ndikubekeleyo kuye kude kube ngumhla lowo. Wubambe umlinganiso wamazwi anobomi, owabuweva kum, elukolweni naselutandweni olukuye u‐Kristu Yesu. Leyonto ilungileyo ebibekelwa kuwe yigcine ngaye UMOYA OYINGCWELE omiyo kuti. Uyakwazi oku, okokuba bapambuka kum bonke abo base‐Asiya; abangabakubo ngu‐Figelo no‐Heremogenisi. Yanga ingati INKOSI inike ububele kwindlu ka‐Onesiforo; kuba futi wandonwabisa, engabanga nantloni ngawo umxokelelwane wam kanjalo: koko wati akufika e‐Roma, wandifuna ngokuku̔tala ngakumbi, wandifumana. Yanga INKOSI inganika kuye ukuba afumane ububele KWINKOSI kuwo umhla lowo: nezinto ezingakanana abekonza ngazo e‐Efese, uyazazi wena kakulu kum.