Eyesibini incwadi ka‐Paulusi ku‐Timote 1

1
ISAHLUKO I.
1UPAULUSI, umpostile ka‐Yesu Kristu ngayo intando katixo, ngokwesitembiso sobomi obuku‐Kristu Yesu, 2kuye u‐Timote umntwana wam otandiweyo: Ufefe, nobubele, noxolo, luvela kuye utixo uyise, no‐Kristu Yesu inkosi yetu.
3Ndiyabulela kutixo, endimkonzayo komakulu bam ngesazeliso esicocekileyo, ukuba singenakuyeka isikumbulo endinaso ngawe ezikungweni zam ebusuku nasemini, 4ndilangazelela ukukubona, ndikumbulela inyembezi zako nje, ukuze ndizaliswe luvuyo; 5ndakuba ndikumbula ukolo olungazenzisiyo olukuwe, olona lwemayo kuqala kunyokokulu u‐Loyise, nakunyoko u‐Yunike, endikolwa kanjako ukuba lumi nakuwe. 6Enditi ngenxa yalendawo ndikukumbuze ukuba usivuselele isipo sikatixo, esikoyo kuwe ngokubekwa kwezandla zam. 7Ngokuba utixo engasinikanga umoya wobugwala, koko wasinika owamandla, nowotando, nowokuzikalimela.
8Ize ngoko ungabi nantloni ngabo ubunqi̔na benkosi yetu, nangam kanjako umbanjwa wayo; uti ubuve ubunzima kunye nam ngenxa yayo ivangeli ngokwamandla katixo: 9owasisindisayo, wasibiza ngokubiza okungcwele, bekungengokwemisebenzi yetu, bekungokweyake imvume nofefe olwanikwa kuti ku‐Kristu Yesu engekabiko onke amaxesha akudala, 10kodwa lubonakalisiwe kaloku ngako ukubonakala kwomsindisi wetu u‐Yesu Kristu, owatshabalalisa ukufa, wazisa ekuhleni ubomi nokungaboli ngayo ivangeli; 11endamiselwa yona ndibe ngumshumayeli, nompostile, nomfundisi wabaheyideni: 12enditi kanjalo ngenxa yalendawo ndizive ezizinto: andinantloni noko; ngokuba ndimazi lowo endibekile kuye itemba lam, ndikolwa kanjako ukuba unamandla ukugcina oko ndikubekeleyo kuye kude kube ngumhla lowo.
13Wubambe umlinganiso wamazwi anobomi, owabuweva kum, elukolweni naselutandweni olukuye u‐Kristu Yesu. 14Leyonto ilungileyo ebibekelwa kuwe yigcine ngaye umoya oyingcwele omiyo kuti.
15Uyakwazi oku, okokuba bapambuka kum bonke abo base‐Asiya; abangabakubo ngu‐Figelo no‐Heremogenisi. 16Yanga ingati inkosi inike ububele kwindlu ka‐Onesiforo; kuba futi wandonwabisa, engabanga nantloni ngawo umxokelelwane wam kanjalo: 17koko wati akufika e‐Roma, wandifuna ngokuku̔tala ngakumbi, wandifumana. 18Yanga inkosi inganika kuye ukuba afumane ububele kwinkosi kuwo umhla lowo: nezinto ezingakanana abekonza ngazo e‐Efese, uyazazi wena kakulu kum.

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena