USAMUWELI II 11:2-3
USAMUWELI II 11:2-3 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Kwathi ngexesha langokuhlwa, wavuka uDavide esililini sakhe, wahambahamba phezu kophahla lwendlu yokumkani. Wathi, eseluphahleni, wabona umfazi ezihlamba; ke umfazi lowo wayemhle kunene ngembonakalo. Wathumela uDavide, wabuzisa ngaloo mfazi. Kwathiwa, Asinguye na uBhatshebha lowo, intombi kaEliham, umkaUriya umHeti?
USAMUWELI II 11:2-3 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ngamhla uthile, ukujika kwelanga, kwathi uDavide esahamba-hamba kumgangatho ophezu kophahla lwebhotwe, esandula ukuvuka emandlalweni wakhe, wabona umfazi ehlamba umzimba. Yaye iyinzwakazi kanobom leyo. Wathumela umntu uDavide, efuna ukuqonda ukuba wayengubani na loo mfazi. Kwathiwa: “NguBhashebha, intombi kaEliyam. Ngumka-Uriya, umfo waseHeti.”
USAMUWELI II 11:2-3 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Kwahlwa, wesuka uDavide esingqengqelweni sakhe, wahambahamba phezu kwendlu yokumkani; yaye loo mfazi wayemhle kunene ngembonakalo. Wathumela uDavide ukuba aye kubuza kuloo ntokazi. Wathi omnye, Asinguye na uBhatshebha, intombi kaEliyam, umkaUriya umHeti?
USAMUWELI II 11:2-3 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kwaza kwati ngexesha lokuhlwa, wesuka u‐Davide emandlalweni wake, wahamba pezu kwesifulelwa sendlu yokumkani; wati esesifulelweni wabona umfazi ezihlamba: kekaloku umfazi lowo ebemhle kakulu ukubonakala kwake. Waza watuma u‐Davide, wabuza ngalomfazi. Kwaye kusitwa: Lo asi nguye na u‐Batesheba, intombi ka‐Elihame, umfazi ka‐Huriya um‐Hete?