USAMUWELI II 11

11
UDavide, uBhatshebha noUriya
1Kwathi ukuvela komnyaka, ngexesha lokuphuma kookumkani ukuya kulwa, uDavide wamthuma uYowabhi, nabakhonzi bakhe kunye naye, namaSirayeli onke, batshabalalisa oonyana baka-Amon, bayingqinga iRabha. UDavide wayehleli eYerusalem.
2Kwathi ngexesha langokuhlwa, wavuka uDavide esililini sakhe, wahambahamba phezu kophahla lwendlu yokumkani. Wathi, eseluphahleni, wabona umfazi ezihlamba; ke umfazi lowo wayemhle kunene ngembonakalo. 3Wathumela uDavide, wabuzisa ngaloo mfazi. Kwathiwa, Asinguye na uBhatshebha lowo, intombi kaEliham, umkaUriya umHeti? 4UDavide wathuma abathunywa, wamthabatha; weza ke yena kuye, walala naye. Akuba ezingcwalisile ebunqambini bakhe, wabuyela endlwini yakhe. 5Wamitha umfazi lowo; wathumela, waxelela uDavide, wathi, Ndimithi.
6UDavide wathumela kuYowabhi, esithi, Thumela kum apha u-Uriya umHeti. UYowabhi wamthumela u-Uriya kuDavide. 7Waya u-Uriya kuye. Wabuza uDavide ukuba unjani na uYowabhi, banjani na abantu, injani na imfazwe. 8UDavide wathi ku-Uriya, Yihla uye endlwini yakho, uhlambe iinyawo zakho. Waphuma u-Uriya endlwini yokumkani; kwaphuma emva kwakhe isipho sokumkani.
9U-Uriya walala emnyango wendlu yokumkani, nabakhonzi bonke benkosi yakhe; akehla aye endlwini yakhe. 10Kwaxelwa kuDavide, kwathiwa, u-Uriya akehlanga aye endlwini yakhe. Wathi uDavide ku-Uriya, Akuveli eluhambeni na? Yini na ukuba ungehli uye endlwini yakho? 11Wathi u-Uriya kuDavide, Ityeya namaSirayeli namaYuda ahleli eminqubeni, nenkosi yam uYowabhi nabakhonzi benkosi yam bahleli endle; mna ndíye endlwini yam, ndidle, ndisele, ndilale nomkam? Uhleli nje wena, uhleli nje umphefumlo wakho, andiyi kuyenza loo nto.
12Wathi uDavide ku-Uriya, Hlala apha nanamhla, ndokundulula ngomso. Wahlala ke u-Uriya eYerusalem ngaloo mhla nangengomso. 13UDavide wammema: wadla, wasela phambi kwakhe; wamnxilisa. Waphuma ngokuhlwa, waya kulala esililini sakhe nabakhonzi benkosi yakhe; akehla aye endlwini yakhe.
14Kwathi kusasa, uDavide wabhala incwadi kuYowabhi, wayithumela ngesandla sikaUriya. 15Wabhala ke encwadini, wathi, Mbekeni u-Uriya kweyona ndawo ishushu, angásisichenge kuyo emfazweni, nibuye umva, ukuze abinzwe afe.
16Kwathi, ekuwungqingeni kukaYowabhi umzi lowo, wambeka u-Uriya kwindawo abesazi ukuba akuyo amadoda angamakroti. 17Aphuma amadoda aloo mzi, alwa noYowabhi; kwawa abantu kubakhonzi bakaDavide; wafa noUriya umHeti.
18Wathumela uYowabhi kuDavide, wamxelela zonke iindaba zemfazwe. 19Wamwisela umthetho umthunywa, esithi, Xa ugqibileyo ukuzenza zonke iindaba zemfazwe kukumkani, 20wòthi, ukuba buthe benyuka ubushushu bokumkani, wathi kuwe, Ibiyini na ukuba nisondele kangaka kuloo mzi ngokulwa? beningazi na ukuba botola beseludongeni? 21wabethwa ngubani na uAbhimeleki unyana kaYerubheshete? akagityiselwanga na yinkazana ngelitye lokusila eludongeni, wafela eTebhetse? ibiyini na ukuba nisondele kangaka eludongeni? uthi wena, Nomkhonzi wakho u-Uriya umHeti ufile naye.
22Wahamba ke umthunywa, waya, wamxelela uDavide konke uYowabhi abemthume khona. 23Wathi umthunywa kuDavide, Athi àkuseyisa thina amadoda, aphuma eza kuthi phandle; saba phezu kwawo ke, sada sesa ekungeneni kwesango; 24batola abatoli kubakhonzi bakho beseludongeni, kwafa inxenye kubakhonzi bokumkani; umkhonzi wakho u-Uriya umHeti ufile naye. 25Wathi uDavide kumthunywa lowo, Wòtsho kuYowabhi ukuthi, Mayingabi mbi emehlweni akho le ndawo; ngokuba ikrele eli lidla kuló nakulowa. Kómeleze ukulwa kwakho, nomzi lowo uwuchithe; uze umomeleze ke.
26Weva umkaUriya ukuba ufile u-Uriya indoda yakhe, wayimbambazelela indoda yakhe. 27Lakudlula ixesha lezila lakhe, wathumela uDavide, wamthabathela endlwini yakhe, waba ngumkakhe, wamzalela unyana. Ke loo nto wayenzáyo uDavide yaba mbi emehlweni kaYehova.

Currently Selected:

USAMUWELI II 11: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena