KWABASEKORINTE II 4:16-17
KWABASEKORINTE II 4:16-17 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Kungoko singethi mandla; kuba nokuba umntu wethu wangaphandle uya esonakala, usuka yena owangaphakathi aye ehlaziyeka imihla ngemihla. Kuba ubukhaphukhaphu bembandezelo yethu eyeyomzuzwana busisebenzela ngokuncamise kwaphela ubuqaqawuli obukhulukazi obungunaphakade sakubon' ukuba asixuneli ezintweni ezibonwayo, sixunela kwezingabonwayo.
KWABASEKORINTE II 4:16-17 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kungenxa yale nto ke singethi mandla nje. Kaloku imo yethu entsha isuka ihlaziyeke ngokuhlaziyeka, nokuba imo yethu endala yona iya isonakala ngokonakala. Ewe, ezi mbandezelo zexeshana, zincinane zinjalo, zisilungiselela iwonga laphakade, elingenakulinganiswa nazo.
KWABASEKORINTE II 4:16-17 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Kungoko singethi mandla; kuba nokuba umntu wethu wangaphandle uya esonakala, usuka yena owangaphakathi aye ehlaziyeka imihla ngemihla. Kaloku imbandezelo yethu, eyeyomzuzwana, isisebenzela ubunzima obuncamisileyo, obuncamisileyo.
KWABASEKORINTE II 4:16-17 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ngako oku asinakudinwa; koko nakuba umntu wetu wapandle ebuba, owapakati noko uyahlaziywa ngemihla ngemihla. Ngokuba ubandezelo lwetu olulula olukoyo kodwa, lusenzela tina ngento egqitisileyo kakulu ngakumbi ubungcwalisa obunzima obungunapakade