KWABASEKORINTE II 10:1-6
KWABASEKORINTE II 10:1-6 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ke kaloku ndiyaniyala ngabo ubulali nokuthantamisa kukaKristu, mna Pawulos ngokwam, ndingothobekileyo kambe ngembonakalo, xa ndiphakathi kwenu, kodwa ndakuba ndingekho ndiba nobugagu kuni: ndiyakhunga ke, ukuze ndingàthi, ndakuba ndikho, ndibe nobugagu ngoko kukholosa, ndibe ndoba nobuganga ngako kubo abathile, ababa sihamba ngokwenyama. Kuba noko sihamba sisenyameni, asiphumi mkhosi ngokwenyama; kuba zona iintonga esiphuma ngazo umkhosi, azizenzenyama; kuye uThixo zinamandla okuwisa iinqaba; siwisa ngazo nje amabhongo, nayo yonke into ephakamileyo, eziphakamisayo ngokuchasa ukwazi uThixo; iingqiqo zonke sízithimbela ekumlulameleni uKristu; sízilungiséle ukuphindezela konke ukungamlulameli, xa kuthe kwazaliseka okwenu ukumlulamela.
KWABASEKORINTE II 10:1-6 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ndim, mna Pawulos ngenkqu, onibongozayo, nakuba kusithiwa ndinobulali ndithantamisa xa ndilapho phakathi kwenu, kodwa ndithi ndakuba ndisithele ndibe nesibindi nobuganga ngakuni. Ndiyanicenga ke, ngenxa yokuthantamisa nobubele bukaKrestu: musani ukundinyanzela ukuba ndibe nesibindi nobuganga ndakuba ndifikile apho kuni; kuba ke ndiyaqonda ukuba ndinganabo ubuganga kwabo bandityhola ngokuthi ndiqhutywa lifuthe labantu beli hlabathi. Kuyinene kona ukuba sihleli apha ehlabathini; kodwa ke asilwi ngokwehlabathi. Kaloku izixhobo esilwa ngazo ayizizo ezehlabathi, koko zizikrweqe ezomeleleyo zikaThixo. Ngazo ke sidiliza iinqaba. Ewe, sichitha iingxoxo ezilahlekisayo; sidiliza ngazo yonke imiqobo yamabhongo achasa ukuba abantu bamazi uThixo; sithimba zonke iingcamango, sizenze zithobele uKrestu. Xa nani ke seniyibonakalisile ngokupheleleyo neyenu intobeko, soba nako ke ukulungela ukohlwaya yonke inkcaso.
KWABASEKORINTE II 10:1-6 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ke kaloku, ndiyaniyala ngabo ubulali nokuthantamisa kukaKristu, mna Pawulos ngokwam, ndingothobekileyo kambe phakathi kwenu, ndakuba ndingekho ndiba nobuganga ngakuni; Ndiyakhunga ke, ukuze ndingathi, ndakuba ndikho, ndibe nobugagu ngoko kukholosa, ndiba ndoba nobuganga ngako kubo abathile, ababa sihamba ngokwenyama; Kuba noko sihamba sisenyameni, asiphumi mkhosi ngokwenyama; (Kuba izixhobo zethu zemfazwe ayizizo ezenyama, kodwa ngaye uThixo zinamandla okuwisa iinqaba;) siwisa ngazo nje amabhongo, nayo yonke into ephakamileyo, eziphakamisayo ngokuchasa ukwazi uThixo; iingqiqo zonke sizithimbela ekumlulameleni uKristu; sikulungele ukuphindezela konke ukungathobeli, kwakufika ukululama kwenu.
KWABASEKORINTE II 10:1-6 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
KEKALOKU mna Paulusi ngokwam ndiyanikunga ngako ukululama nokutamba kuka‐Kristu, onditi ndisebusweni benu nditobekile pakati kwenu, kodwa nxa ndingekoyo ndinokwomelela ngakuni: kodwa ndiyanitandaza, ukuba ndingati nxa ndikoyo ndibe nokwomelela ngobuganga obo, enditelekelelisayo ukukalipa ngabo ngakubo abatile, abasibalelayo njengokungati sibe sihamba ngokwenyama. Ngokuba sisiti, nangona sihamba enyameni, singalwi ngokwenyama: (ngokuba izikali zokulwa kwetu zingebunyama, koko zinamandla pambi KWOTIXO kuze kube kukuci̔twa kwazo inqaba:) sici̔ta nje izicamango, nento zonke ezinde ezipakamayo ngakuko ukwaziwa KUKATIXO, sitimbela nokutimbela ekuviweni kuka‐Kristu onke amaqinga; sesilungile nje kanjalo ukupindezelela konke ukungeva, okuya kuzalisekisweyo ukuva kwenu.