Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

Eyesibini incwadi ka‐Paulusi kuma‐Korinte 10:1-6

Eyesibini incwadi ka‐Paulusi kuma‐Korinte 10:1-6 XHO1902A

KEKALOKU mna Paulusi ngokwam ndiyanikunga ngako ukululama nokutamba kuka‐Kristu, onditi ndisebusweni benu nditobekile pakati kwenu, kodwa nxa ndingekoyo ndinokwomelela ngakuni: kodwa ndiyanitandaza, ukuba ndingati nxa ndikoyo ndibe nokwomelela ngobuganga obo, enditelekelelisayo ukukalipa ngabo ngakubo abatile, abasibalelayo njengokungati sibe sihamba ngokwenyama. Ngokuba sisiti, nangona sihamba enyameni, singalwi ngokwenyama: (ngokuba izikali zokulwa kwetu zingebunyama, koko zinamandla pambi KWOTIXO kuze kube kukuci̔twa kwazo inqaba:) sici̔ta nje izicamango, nento zonke ezinde ezipakamayo ngakuko ukwaziwa KUKATIXO, sitimbela nokutimbela ekuviweni kuka‐Kristu onke amaqinga; sesilungile nje kanjalo ukupindezelela konke ukungeva, okuya kuzalisekisweyo ukuva kwenu.