IZIKRONIKE II 14:11
IZIKRONIKE II 14:11 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
UAsa wabiza kuYehova uThixo wakhe, wathi, Yehova, akukho bani ingenguwe onokunceda phakathi konamandla nongenawo. Síncede, Yehova, Thixo wethu; ngokuba sayamé ngawe, sizé kule ngxokolo egameni lakho. Yehova, ùnguThixo wethu, makangabi namandla umntu okumelana nawe.
IZIKRONIKE II 14:11 IBHAYIBHILE (XHO96)
UAsa ke wabiza kuNdikhoyo uThixo wakhe, wathi: “Ndikhoyo, akekho onjengawe omncedayo ongenamandla angabhuqwa ngonamandla. Ngoko ke sincede, Ndikhoyo, Thixo wethu. Kaloku thina sithembele ngawe; naku ke ngoku egameni lakho sijongene nalo mkhosi ungaka. Ndikhoyo, unguThixo wethu; musa ukuvumela umntu amelane nawe.”
IZIKRONIKE II 14:11 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
uAsa wabiza kuYehova uThixo wakhe, wathi, Yehova, aniyi kubanceda abaninzi nabasweleyo; sincede, Yehova, Thixo wethu! ngokuba sikholose ngawe, sihlasela esi sihlwele ngegama lakho. Yehova, unguThixo wethu; ungaphoswa mntu.
IZIKRONIKE II 14:11 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Waye u‐Asa wabiza KUYEHOVA, UTIXO wake, wati: YEHOVA! asi nto kuwe ukunceda, nokuba ngabanamandla, nokuba ngabaswele amandla: sincede, YEHOVA, TIXO wetu! ngokuba sisayama kuwe, nangegama lako sizile ngakuso esisihlwele. YEHOVA! u NGUTIXO wetu wena; maingakwoyisi into engumntu.