USAMUWELI I 19:9-10
USAMUWELI I 19:9-10 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Umoya ombi kaYehova wamfikela uSawule, ehleli endlwini yakhe, intshuntshe yakhe isesandleni sakhe, uDavide ebetha uhadi ngesandla. USawule wafuna ukumqhama nodonga uDavide ngentshuntshe. Wathi nyebelele ebusweni bukaSawule; watsho yangena intshuntshe eludongeni. Wasaba uDavide, wasinda ngobo busuku.
USAMUWELI I 19:9-10 IBHAYIBHILE (XHO96)
USawule wafikelwa ngumoya ombi ovunyelwe nguNdikhoyo. Ngaloo mini wayehleli engqendevile ebhotwe, ephethe umkhonto, edlalelwa ihapu nguDavide. Wawujula umkhonto uSawule, efuna ukubethelela ngawo uDavide eludongeni. Suka waphepha yena uDavide, umkhonto wona watshona lé eludongeni apho.
USAMUWELI I 19:9-10 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Umoya ombi kaYehova wamfikela uSawule ehleli endlwini yakhe, ephethe umkhonto ngesandla, ebetha uDavide ngesandla sakhe. uSawule wazama ukumxhoma ngentshuntshe uDavide eludongeni; Wesuka ebusweni bukaSawule, waluhlaba udonga ngomkhonto wakhe; Wasaba ke uDavide ngobo busuku.
USAMUWELI I 19:9-10 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kekaloku umoya okohlakeleyo KAYEHOVA waba pezu kwo‐Saule, nxa abehleli endlwini yake, enentshuntshe yake esandleni sake; waye u‐Davide wabeta uhadi ngesandla. Waza u‐Saule wafuna ukumbetela u‐Davide ngentshuntshe kwa seludongeni; kodwa wanyebeleza ebusweni buka‐Saule, owabetela intshuntshe eludongeni; wati u‐Davide wabaleka, wasinda ngobobusuku.