Eyokuqala ka‐Samyali 19

19
1WADA u‐Saule wateta ku‐Jonatane unyana wake, nakuzo zonke izicaka zake, ukuba bamfise u‐Davide. Kodwa u‐Jonatane, unyana ka‐Saule, wakoliswa ngu‐Davide kakulu: 2waza u‐Jonatane wamxelela u‐Davide, esiti: u‐Saule, ubawo, uyafuna ukukufisa; ngako kaloku zilumkele ke kwakusa, uhlale endaweni efihlakeleyo, uzimele: 3sendiya kupuma mna, ndime ngasesandleni sobawo endle, apo wena ukona; ndandiya kuteta kubawo ngawe; nento endiyibonayo, ndoyixela kuwe.
4Waye u‐Jonatane wateta okulungileyo ngaye u‐Davide ku‐Saule uyise, wati kuye: Makangoni ukumkani ngakuso isicaka sake, ngakuye u‐Davide; ngokuba engonanga ngakuwe, nangokuba izenzo zake kuwe zilungile kakulu: 5ngokuba ebebeka ubomi bake esandleni sake, wambulala um‐Filistiya lowo, wati uyehova wenzela o‐Sirayeli bonke usindiso olukulu: ubulubona wena, wavuya nokuvuya: yinina ngoko ukuba uya kwona ngakulo igazi elingenatyala, ngokumfisa u‐Davide kungeko nto? 6Waza u‐Saule wapulapula ilizwi lika‐Jonatane; kanjalo wafunga u‐Saule ngokuti: Njengokuba uyehova ehleli, akayi kufiswa! 7Wasuka u‐Jonatane wambiza u‐Davide; wati u‐Jonatane wamxelela lamazwi onke. Waza u‐Jonatane wamzisa u‐Davide ku‐Saule, owabako ebusweni bake njengapambili.
8Kwabuya kwabako imfazwe: wandula wapuma u‐Davide walwa nama‐Filistiya, wawabulala ngesibulalo esikulu; ada abaleka ebusweni bake.
9Kekaloku umoya okohlakeleyo kayehova waba pezu kwo‐Saule, nxa abehleli endlwini yake, enentshuntshe yake esandleni sake; waye u‐Davide wabeta uhadi ngesandla. 10Waza u‐Saule wafuna ukumbetela u‐Davide ngentshuntshe kwa seludongeni; kodwa wanyebeleza ebusweni buka‐Saule, owabetela intshuntshe eludongeni; wati u‐Davide wabaleka, wasinda ngobobusuku. 11Wandula u‐Saule watuma izigidimi ukuya endlwini ka‐Davide, zimlinde, zimfise kwakusa: koko u‐Mikali, umfazi wake, wamxelela u‐Davide, esiti: Ukuba akusindisi ubomi bako ngobubusuku, ngomso uya kufiswa. 12Waza u‐Mikali wamhlisa u‐Davide ngefenstile; wahamba ke, wesaba, wasinda. 13Wandula u‐Mikali watabata iterafi, wayibeka emandlalweni, wabeka umqamelelo woboya bebokwe ngasentlokweni yayo, wayigubungela ngengubo. 14Kekaloku akutuma u‐Saule izigidimi, zize zimtabate u‐Davide, wati: Uyafa yena. 15Wabuya u‐Saule watuma izigidimi ukuba zimbone u‐Davide, esiti: Nimnyusele kum emandlalweni, ndimfise. 16Kwati kwakungena izigidimi, nantsi ke iterafi emandlalweni, nomqamelelo woboya bebokwe ngasentlokweni yayo. 17Waza u‐Saule wati ku‐Mikali: Yinina ukuba wenje njalo ukundibukuqa, undulule nje utshaba lwam, lusinde? Wayesiti u‐Mikali ku‐Saule: Yena wati kum: Ndindulule; yinina ukuba ndikufise?
18Kwa njalo u‐Davide wesaba, wasinda, weza ku‐Samyali e‐Rama, wamxelela konke abekwenzelwe ngu‐Saule. Wahamba yena no‐Samyali, baya bahlala e‐Nayote. 19Kwaza kwaxelwa ku‐Saule, kusitwa: Nankuya u‐Davide, e‐Nayote ngase‐Rama. 20Wandula u‐Saule watuma izigidimi ukuya kumtabata u‐Davide: kwati kwakubonwa umhlambi wabaprofite beprofitesha, no‐Samyali emi, emisiwe pezu kwabo, kwabako umoya katixo pezu kwezigidimi zika‐Saule, zaye ziprofitesha nazo. 21Kwakuxelwa ku‐Saule, watuma ezinye izigidimi, zaye ziprofitesha nazo. Walekela u‐Saule watuma izigidimi ngokwesitatu, zaye ziprofitesha nazo. 22Wandula waya naye e‐Rama, weza equleni elikulu elise‐Seku, wabuza, wati: Bapina u‐Samyali no‐Davide? Kwatiwa: Nabaya, e‐Nayote ngase‐Rama. 23Waza waya kona e‐Nayote ngase‐Rama; wati umoya katixo wabako napezu kwake, wahamba, wamana eprofitesha, wada wafika e‐Nayote ngase‐Rama. 24Wati naye wahluba ingubo zake, waprofitesha naye ebusweni buka‐Samyali, walala pantsi eba zé ngalomini yonke nangobobusuku bonke. Ngako oko kwatiwa: Kanene u‐Saule upakati kwabaprofite naye na?

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena