USAMUWELI I 13:13-14
USAMUWELI I 13:13-14 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Wathi uSamuweli kuSawule, Wenzé ngobudenge; akuwugcinanga umthetho kaYehova uThixo wakho awakuwiselayo; ngokuba uYehova ange ebuzinzisile kaloku ubukumkani bakho kwaSirayeli, kude kuse ephakadeni. Ke ngoko ubukumkani bakho abusayi kuma. UYehova uzifunele indoda engantliziyo yakhe; wayimisa uYehova ukuba ibe yingànga yabantu bakhe; ngokuba akukugcinanga oko uYehova akuwisele umthetho ngako.
USAMUWELI I 13:13-14 IBHAYIBHILE (XHO96)
“Wenze ubudenge ke khona!” kutsho uSamweli. “Uwutyeshele umyalelo kaNdikhoyo uThixo wakho. Ukuba ubumthobele uNdikhoyo ubukumkani bakho kwaSirayeli bebuya kuma bumi. Kodwa ke ngoku luza kunqamka ulawulo lwakho, kuba uwutyeshele kaloku umyalelo kaNdikhoyo. UNdikhoyo uzityumbele enye indoda esenyongweni yakhe ukuba ibalawule abantu bakhe. ”
USAMUWELI I 13:13-14 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Wathi uSamuweli kuSawule, Wenze ngobudenge, akwawugcina umthetho kaYehova uThixo wakho owawuwisayo; ngokuba uYehova ebeya kubumisa ubukumkani bakho kwaSirayeli kude kuse ephakadeni. Kodwa ngoku, ubukumkani bakho abuyi kubakho; uYehova wakhangela indoda entliziyweni yayo, wayimisa uYehova ukuba ibe ngumlawuli wabantu bakhe, ngokuba engayigcinanga imithetho kaYehova.
USAMUWELI I 13:13-14 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Wandula u‐Samyali wati ku‐Saule: Wenze ngobudenge; akugcinanga umyalelo KAYEHOVA, UTIXO wako, lowo akuyaleleyo: ngokuba kaloku UYEHOVA ngeeqinisile ubukumkani bako pezu kwo‐Sirayeli kude kube ngunapakade: kodwa ngoku ubukumkani bako abuyi kuma: UYEHOVA uzifunele indoda enjengentliziyo yake; kanjalo UYEHOVA uyimisele ibe yinkosi pezu kwabantu bake; ngokuba ungagcinanga oko akuyaleleyo UYEHOVA.