KAYOHANE I 3:1-3
KAYOHANE I 3:1-3 IBHAYIBHILE (XHO96)
Hayi ubukhulu bothando lukaThixo uYise kuthi! Uthando lwakhe lukhulu kangangokuba ude athi uThixo singabantwana bakhe. Kambe ke singabo ngenene. Yiyo loo nto lingasiqondi nje ihlabathi; noThixo kaloku alimazi. Bahlobo bam, singabantwana bakaThixo ngoku, kodwa ke into esiya kuba yiyo ayikacaci. Siyazi kambe ukuba akufika uKrestu siya kufana naye, kuba soba simbona njengoko anjalo. Wonke umntu oneli themba kuKrestu uzenza nyulu kanye njengokuba noKrestu enyulu.
KAYOHANE I 3:1-3 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Bonani uthando olungaka asenzele lona uYise, olu lokuba sibizwe ngokuba singabantwana bakaThixo. Ngenxa yoko ihlabathi alisazi thina, ngokuba lingamazanga yena. Zintanda, ngoku singabantwana bakaThixo. Akukabonakali ke into esiya kuba yiyo; ke siyazi ukuba, xa athe wabonakala, sofana naye; ngokuba siya kumbona njengoko anjalo. Bonke ábanalo eli themba kuye, bazenza nyulu, njengokuba yena enyulu.

KAYOHANE I 3:1-3 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Bonani uthando olungaka asenzele lona uYise, olu lokuba sibizwe ngokuba singabantwana bakaThixo. Ngenxa yoko ihlabathi alisazi thina, ngokuba lingamazanga yena. Zintanda, ngoku singabantwana bakaThixo. Akukabonakali ke into esiya kuba yiyo; ke siyazi ukuba, xa athe wabonakala, sofana naye; ngokuba siya kumbona njengoko anjalo. Bonke abanalo eli themba kuye, bazenza nyulu, njengokuba yena enyulu.
KAYOHANE I 3:1-3 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Bonani utando olungakanana asinikile lona UYISE, lwokuba sibizwe ngabalusapo LUKATIXO! Ngenxa yoku ilizwe alisiqondi, ukuba belingamqondanga yena. Batandwa! kaloku silusapo LUKATIXO, kanti akukabonakaliswanga into esiya kuba yiyo: kodwa siyazi ukuba, xeshekweni abonakaliswayo, soba sifana naye; kuba siya kumbona njengokuba enjalo. Nosukuba enalo itemba eli pezu kwake, yena uyazicokisa, njengokuba yena lowo ecokisekile.