KAYOHANE I 3:1-3

Bonani uthando olungaka asenzele lona uYise, olu lokuba sibizwe ngokuba singabantwana bakaThixo. Ngenxa yoko ihlabathi alisazi thina, ngokuba lingamazanga yena. Zintanda, ngoku singabantwana bakaThixo. Akukabonakali ke into esiya kuba yiyo; ke siyazi ukuba, xa athe wabonakala, sofana naye; ngokuba siya kumbona njengoko anjalo. Bonke ábanalo eli themba kuye, bazenza nyulu, njengokuba yena enyulu.
KAYOHANE I 3:1-3