KWABASEKORINTE I 3:10-15
KWABASEKORINTE I 3:10-15 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ngokobabalo lukaThixo endababalwa ngalo, ndithi, ngokomakhi osisilumko, ndibeke ilitye lesiseko, athi ke omnye akhe phezu kwalo; Ke elowo makakhangele ukuba uthini na ukwakha kwakhe phezu kwalo. Kuba akukho namnye unako ukubeka litye limbi lesiseko, nxamnye nelo libekwe kade, linguYesu onguKristu. Ukuba ke umntu wakha phezu kwesi siseko igolide, isilivere, amatye anqabileyo, imithi, ingca, iindiza; Umsebenzi walowo nalowo wobonakalaliswa; kuba loo mini iya kuwazisa, ngokuba iya kuvela inomlilo; nomsebenzi walowo nalowo, umlilo uya kuwucikida ubunjani bawo; Ukuba umsebenzi awawakhayo umntu phezu kwalo, uthe wahlala uhleli, wowamkela umvuzo. Ukuba umsebenzi womntu uthe watshiswa, wolahlekelwa ngumvuzo wakhe; ke yena okwakhe wosindiswa; kanti kungomlilo.
KWABASEKORINTE I 3:10-15 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ngokobabalo lukaThixo endababalwa ngalo, ndithi, ngokomakhi osisilumko, ndibeke ilitye lesiseko, athi ke omnye akhe phezu kwalo; ke elowo makakhangele ukuba uthini na ukwakha kwakhe phezu kwalo. Kuba akukho namnye unako ukubeka litye limbi lesiseko, nxamnye nelo libekwe kade, linguYesu onguKristu. Ukuba ke umntu ukhe wakha phezu kweli litye lesiseko igolide, isilivere, amatye anqabileyo, imithi, ingca, iindiza, umsebenzi walowo nalowo wobonakalaliswa; kuba loo mini iya kuwazísa, ngokuba iya kuvela inomlilo; nomsebenzi walowo nalowo, umlilo uya kuwucikida ubunjani bawo. Ukuba umsebenzi awawakhayo umntu phezu kwalo, uthe wahlala uhleli, wowamkela umvuzo. Ukuba umsebenzi womntu uthe watshiswa, wolahlekelwa ngumvuzo wakhe; ke yena okwakhe wosindiswa, kodwa ke ange ucande emlilweni.
KWABASEKORINTE I 3:10-15 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ngesisa endisenzelwe nguThixo ndasibeka isiseko ngokwegcisa lomakhi. Omnye ke wakha phezu kwaso. Elowo ke makayigqale indlela akha ngayo phezu kwesi siseko. Kaloku akukho bani unokubeka siseko simbi ngaphandle kweso sabekwa nguThixo, eso ke singuYesu onguKrestu. Kunokwakhiwa ngezinto ezahluka-hlukeneyo phezu kwesi siseko. Kunokwakhiwa ngegolide, ngesiliva, nangamatye anqabileyo; kunokwakhiwa ngamaplanga, ngengca, nangeendiza. Umsebenzi womntu ngamnye uya kucaca ngemini yomgwebo, kuba ngaloo mini umlilo uya kuwubonakalisa umsebenzi womntu ngamnye, uphicothe ubunjani bawo. Ukuba into akhe ngayo umntu phezu kwesi siseko ayitshanga, uya kwamkela umvuzo. Ke ukuba ithe yatsha, umntu lowo wolahlekelwa ngumvuzo; ke yena ngokwakhe wosindiswa, kodwa ke ange ucande emlilweni.
KWABASEKORINTE I 3:10-15 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ndite ngokwofefe LUKATIXO endanikwa lona, njengomakisi olumkileyo, ndabeka umsekelo, uti ke omnye ake pezu kwawo. Kodwa mabalumke bonke ngabanye ukuba bati nina ukwaka pezu kwawo. Ngokuba kungeko mntu ongabekayo omnye umsekelo ngapandle kwalowo omiyo, oba ngu‐Yesu Kristu. Kekaloku ukuba umntu uyaka pezu kwalomsekelo igolide, isilivere, amatye anqabileyo, imiti, isikota, indiza; umsebenzi wabanye ngabanye uya kubonakaliswa: ngokuba umhla lowo uya kuwuhlakazela, kuba utyilwa emlilweni; nomsebenzi wabanye ngabanye umlilo lowo wowulinga ukuba ungowanina. Ukuba umsebenzi womntu usahlala, awakileyo pezu kwawo, uya kwamkela umvuzo. Ukuba umsebenzi womntu uya kutshiswa, uya kulahlekelwa ngumvuzo: kanti yena ngokwake uya kusindiswa; ngokunjalo kodwa njengasekucandeni umlilo.