Eyokuqala incwadi ka‐Paulusi kuma‐Korinte 3:10-15

Eyokuqala incwadi ka‐Paulusi kuma‐Korinte 3:10-15 XHO1902A

Ndite ngokwofefe LUKATIXO endanikwa lona, njengomakisi olumkileyo, ndabeka umsekelo, uti ke omnye ake pezu kwawo. Kodwa mabalumke bonke ngabanye ukuba bati nina ukwaka pezu kwawo. Ngokuba kungeko mntu ongabekayo omnye umsekelo ngapandle kwalowo omiyo, oba ngu‐Yesu Kristu. Kekaloku ukuba umntu uyaka pezu kwalomsekelo igolide, isilivere, amatye anqabileyo, imiti, isikota, indiza; umsebenzi wabanye ngabanye uya kubonakaliswa: ngokuba umhla lowo uya kuwuhlakazela, kuba utyilwa emlilweni; nomsebenzi wabanye ngabanye umlilo lowo wowulinga ukuba ungowanina. Ukuba umsebenzi womntu usahlala, awakileyo pezu kwawo, uya kwamkela umvuzo. Ukuba umsebenzi womntu uya kutshiswa, uya kulahlekelwa ngumvuzo: kanti yena ngokwake uya kusindiswa; ngokunjalo kodwa njengasekucandeni umlilo.