KWABASEKORINTE I 2:6-9
KWABASEKORINTE I 2:6-9 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ke sithetha ubulumko phakathi kwabagqibeleleyo, ubulumko ke obungebubo obeli phakade, nobabaphathi beli phakade ababhangayo. Sithetha ubulumko bukaThixo obusemfihlekweni, obo ke bufihlakeleyo, awathi uThixo ngenxa engaphambili, kwangaphambi kwawo amaphakade, wabumisela uzuko lwethu; ekungabangakho namnye wabaphathi beli phakade ubaziyo (kuba, ukuba babebazi, ngebangayibethelelanga emnqamlezweni iNkosi yozuko), njengoko ke kubhaliweyo, kwathiwa, Izinto ezingabonwanga liso, nezingaviwanga ndlebe, Nezingathanga qatha entliziyweni yomntu, Zizo uThixo awazilungisela abo bamthandayo. (UIsaya 64:4)
KWABASEKORINTE I 2:6-9 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kambe ke into endiyithethayo ibubulumko kwabo bavuthiweyo. Kodwa ke obo abububo ubulumko beli phakade, bungebubo nobabaphathi balo ababhangayo. Ndixela ubulumko bukaThixo obungaziwa mntu, awathi uThixo kwangaphambi kokudalwa kwehlabathi wabumisela ukuze sibe nodumo ngenxa yabo. Akubangakho namnye ke wabaphathi beli hlabathi ubazileyo obo bulumko, kuba, ukuba babebazile, ngebengayibethelelanga emnqamlezweni iNkosi enobungangamsha. Kodwa ke kunjengoko zitshoyo *iziBhalo ukuthi: “Izinto ezingabonwanga liso, nezingaviwanga ndlebe, nezingathanga qatha ntliziyweni yamntu, zezi kanye uThixo wazilungiselela abo bamthandayo.”
KWABASEKORINTE I 2:6-9 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ke sithetha ubulumko phakathi kwabagqibeleleyo, ubulumko ke obungebubo obeli phakade, nobabaphathi beli phakade ababhangayo. Sithetha ubulumko bukaThixo obusemfihlekweni, obo ke bufihlakeleyo, awathi uThixo kwangaphambi kwawo amaphakade, wabumisela uzuko lwethu; ekungabangakho namnye wabaphathi beli phakade ubaziyo; kuba, ukuba babebazi, ngebengayibethelelanga emnqamlezweni iNkosi yozuko. Kodwa njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Izinto ezingabonwanga liso, nezingaviwanga ndlebe, Nezingathanga qatha entliziyweni yomntu, Zizo uThixo awazilungisela abo bamthandayo.
KWABASEKORINTE I 2:6-9 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kanti siyateta ubulumko pakati kwabafezekileyo; kodwa ubulumko obungebubo obelilizwe likoyo, obungebubo nobabapati belilizwe likoyo, abatshabalalayo: koko sibuteta ubulumko BUKATIXO emfihlakalweni, obo bufihlelweyo, owabete UTIXO pambili engekabiko amaxesha akudala wabumisela ubungcwalisa betu: okungeko namnye wabapati belilizwe likoyo obazileyo: ngokuba bona ukuba bebebazile, ngebengayikuruseshanga INKOSI yobungcwalisa. Koko, njengokuba kuba̔liwe: Izinto ezingabonwanga liliso, nezingaviwanga yindlebe, nezingangenanga entliziyweni yomntu, zezi izinto UTIXO azilungisele abo bamtandayo.