KWABASEKORINTE I 15:12-34
KWABASEKORINTE I 15:12-34 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ke, ukuba uKristu uyashunyayelwa ukuba uvukile kwabafileyo, batsho ngani na abathile phakathi kwenu ukuthi, akukho luvuko lwabafileyo? Ke, ukuba akukho luvuko lwabafileyo, woba akavukanga noKristu; ukuba ke uKristu akavukanga, koba akunto ukushumayela kwethu, loba luyalambatha nokholo lwenu. Sofunyanwa ke singawo namangqina amxokayo uThixo, ngokuba sangqinayo ngoThixo ukuba wamvusa uKristu: angàmvusanga, ukuba ke kanti abafileyo abavuki. Kuba, ukuba abafileyo abavuki, noKristu woba akavukanga. Ukuba ke uKristu akavukanga, loba luyinto engeyanto ukholo lwenu, noba nisesezonweni zenu; ngoko nabalele ukufa bekuKristu, boba batshabalele. Ukuba singabathembele kuKristu kobu bomi bodwa, soba sizezona ntsizana kubantu bonke. UKristu yena kunje uvukile kwabafileyo, waba yintlahlela yabalele ukufa. Kuba ekubeni kaloku kungomntu ukufa, kukwangomntu ukuvuka kwabafileyo. Kuba, njengokuba kuye uAdam bafa bonke, ngokunjalo nakuye uKristu baya kudliswa ubomi bonke: elowo ke kolwakhe uluhlu; intlahlela inguKristu, kamva abakaKristu ekufikeni kwakhe; kwandule ke ukubakho isiphelo, xa athe wabunikela ubukumkani kuye uThixo uYise, xa athe wabubhangisa bonke ubulawuli, nalo lonke igunya, namandla. Kuba umelwe yena kukuthi alawule, ade azibeke phantsi kweenyawo zakhe zonke iintshaba. Olokugqibela utshaba oluya kubhangiswa kukufa; kuba izinto zonke wazithobela phantsi kweenyawo zakhe. Ke xa athi, Izinto zonke zithotyiwe, kuyabonakala ukuba àkabalwa lowo wazithobela phantsi kwakhe zonke izinto. Xa ke zithe zathotyelwa phantsi kwakhe zonke izinto, uya kwandula noNyana ngokwakhe athotyelwe phantsi kwalowo wazithobela phantsi kwakhe zonke izinto, ukuze uThixo abe zizinto zonke kubo bonke. Okanye baya kwenza ntoni na abo babhaptizelwa abafileyo, ukuba abafileyo àbaze bavuke? Yini na ukuba babhaptizelwe nokubhaptizelwa abafileyo? Nathi, yini na ukuba sibe semngciphekweni amaxa onke? Ndisekufeni imihla ngemihla; qondani ngokuzingca kwam ngani, endinako ndikuKristu Yesu, iNkosi yethu. Ukuba ndithe ngokwabantu ndalwa namarhamncwa e-Efese, kundinceda ntoni na? Ukuba abafileyo abavuki, masesisidla, sisela, kuba ngomso siya kufa. Musani ukulahlekiswa. Incoko embi yonakalisa izimilo ezilungileyo. Qabukani kakuhle, ningoni; kuba inxenye inentswela-kumazi uThixo; nditsho kuni ukuba nidane.

KWABASEKORINTE I 15:12-34 IBHAYIBHILE (XHO96)
Njengokuba thina sishumayela ukuba uKrestu wavuka nje ekufeni, batsho njani ke abanye benu ukuba abafileyo abavuki ekufeni? Ukuba alukho uvuko lwabafileyo, noKrestu ke akazange avuke ekufeni. Ukuba ke uKrestu akavukanga ekufeni, ukushumayela kwethu ngamampunge, nokholo lwenu luphuthile. Ngaphezu koko ke nathi ngaba singamangqina amxokayo uThixo, kuba sathi umvusile uKrestu, nangona angamvusanga, ukuba kambe ngaba kuyinene ukuba abafileyo abavuki. Kuba, ukuba ngaba abafileyo abavuki, noKrestu ke akazange avuke ekufeni. Ukuba ke uKrestu akavuswanga ekufeni, ukholo lwenu ke luyalambatha – nisahleli ezonweni zenu. Loo nto ingathetha ukuthi loo makholwa afa emanyene neNkosi, akukho nto yawo, atshabalele. Ukuba ithemba lethu kuKrestu liphelela kobu bomi qha, singabona bantu balusizi kulo lonke ihlabathi. Kambe ke nantsi eyona nyaniso: evukile nje uKrestu ekufeni, ubahlahlele indlela abafileyo. Njengoko ukufa kweza ngomntu, ngokukwanjalo novuko lwabafileyo luza kwangomntu. Njengoko abantu bâthi ngokumanywa kwabo noAdam bafa bonke, ngokunjalo nangokumanywa kwabo noKrestu baya kuvuka bonke. Kodwa ke elowo nalowo kolwakhe uluhlu: uKrestu yena ngowokuqala kubo bonke; emva koko ke abakhe baya kuvuka ngethuba lokubuya kwakhe. Kwandule ke kufike isiphelo, apho uKrestu aya kunikezela lonke ulawulo kuThixo uYise, akuba ezibhangisile zonke iindidi zezithunywa zezulu: iziphathamandla, oomagunya, kwanamandla. UKrestu kaloku umelwe kukulawula lo gama uThixo amoyisela zonke iintshaba. Olokugqibela ke utshaba oluya kubhangiswa kukufa, kuba, njengoko zitshoyo *iziBhalo: “UThixo umoyisele zonke iintshaba.” Kucacile ke ukuba uThixo yena akabalwa xa kusithiwa “umoyisele zonke,” inguye nje kaloku omoyisele zonke iintshaba uKrestu. Xa ke zonke izinto sezilawulwa nguKrestu, uya kwandula ke yena uNyana ukungena ekulawulweni ngulowo umoyisela zonke izinto; yena ke uThixo abe ngolawula konke. Kwakho kukho abo babhaptizwa endaweni yabafi. Bathemba ukuzuza ntoni ke ngaloo nto? Ukuba ke banyanisile xa bathi akukho luvuko lwabafileyo, bebhaptizwa nje endaweni yabafi, kutheni? Khona kutheni le nto thina sizibeka emngciphekweni maxa onke? Ndihleli ndisemngciphekweni wokufa mihla le, mawethu! Ngenene le nto ndiyithetha ndiqhayisa ngani ngenxa yebhongo endinalo ngokumanywa kwam noYesu Krestu iNkosi yethu. Ukuba apha e-Efese bendisilwa namarhamncwa ngamandla obuntu nje kuphela ibingandinceda ntoni loo nto? Kodwa ke ukuba akukho kuvuka kwabafileyo “masisesisitya sisela, kuba ngomso siya kufa,” ngabula saci. Musani ukuphazama: “Incoko embi iyasonakalisa isimilo esihle.” Buyelani engqondweni nahlukane nezono. Abazani noThixo abanye benu. Loo nto ndiyithetha ukuze nidane.
KWABASEKORINTE I 15:12-34 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ke, ukuba uKristu uyashunyayelwa ukuba uvukile kwabafileyo, batsho ngani na abathile phakathi kwenu ukuthi, akukho luvuko lwabafileyo? Ke, ukuba akukho luvuko lwabafileyo, woba akavukanga noKristu; Ukuba ke uKristu akavukanga, koba akunto ukushumayela kwethu, loba luyalambatha nokholo lwenu. Sofunyanwa ke singawo namangqina amxokayo uThixo; ngokuba sangqinayo ngoThixo ukuba wamvusa uKristu, angamvusanga, ukuba ke kanti abafileyo abavuki. Kuba, ukuba abafileyo abavuki, noKristu woba akavukanga. Ukuba ke uKristu akavukanga, loba luyinto engeyanto ukholo lwenu; nisesezonweni zenu; ngoko nabalele ukufa bekuKristu, boba batshabalele. Ukuba singabathembele kuKristu kobu bomi bodwa, soba sizezona ntsizana kubantu bonke. uKristu yena kunje uvukile kwabafileyo, waba yintlahlela yabalele ukufa. Kuba ekubeni kaloku kungomntu ukufa, kukwangomntu ukuvuka kwabafileyo. Kuba, njengokuba kuye uAdam bafa bonke, ngokunjalo nakuye uKristu baya kudliswa ubomi bonke. Elowo ke kolwakhe uluhlu; kamva abakhe bangabakaKristu ekufikeni kwakhe. Kwandule ke ukubakho isiphelo, xa athe wabunikela ubukumkani kuye uThixo uYise, xa athe wabubhangisa bonke ubulawuli, nalo lonke igunya, namandla. Kuba umelwe yena kukuthi alawule, ade azibeke phantsi kweenyawo zakhe zonke iintshaba. Olokugqibela utshaba oluya kubhangiswa kukufa; Kuba izinto zonke wazithobela phantsi kweenyawo zakhe. Ke xa athi, zonke izinto zithotyiwe, kuyabonakala ukuba akabalwa lowo wazithobela phantsi kwakhe zonke izinto. Xa ke zithe zathotyelwa phantsi kwakhe zonke izinto, uya kwandula noNyana ngokwakhe athotyelwe phantsi kwalowo wazithobela phantsi kwakhe zonke izinto, ukuze uThixo abe zizinto zonke kubo bonke. Okanye baya kuthini na abo babhaptizelwa abafileyo, ukuba abafileyo abavuki? yini na ke ukuba babhaptizelwe abafileyo? Nathi, yini na ukuba sibe semngciphekweni amaxa onke? Ndisekufeni imihla ngemihla; qondani ngokuzingca kwam ngani, endinako ndikuKristu Yesu, iNkosi yethu. Ukuba ndithe ngokwabantu ndalwa namarhamncwa e-Efese, kundinceda ntoni na? masidle, sisele; kuba ngomso siya kufa. Musani ukulahlekiswa. Incoko embi yonakalisa izimilo ezilungileyo. Vumelani ubulungisa, ningoni; kuba inxenye inentswela-kumazi uThixo; nditsho ukuba nidane.
KWABASEKORINTE I 15:12-34 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kekaloku ukuba u‐Kristu uyashunyayelwa ukuba uvukile kwabafileyo, bati nina inxenye pakati kwenu ukuti akuko kuvuka kwabafileyo? Kodwa ukuba akuko kuvuka kwabafileyo, u‐Kristu naye akavukanga ke: nokuba u‐Kristu akavukanga, kukona iyinto engendawo intshumayelo yetu, iyinto engendawo nenkolo yenu. Ewe kanjalo siyafunyanwa singamanqi̔na abuxoki KATIXO; kuba sasinqi̔nile ngaye UTIXO ukuba wamvusa u‐Kristu; ote akamvusa, ukuba kambe abafileyo abavuki. Ngokuba abafileyo ukuba abavuki, u‐Kristu naye akavukanga ke: nokuba u‐Kristu akavukanga, yinto engendawo inkolo yenu; nisesezonweni zenu. Kukona nabo balala kukufa ku‐Kristu batshabalala. Ukuba sinokutemba ku‐Kristu kokukudliwa kwobomi kupela, singabakedamelekayo ngapezu kwabantu bonke. Kodwa kaloku u‐Kristu uvukile kwabafileyo, waba sisandulelo sabo balele kukufa. Ngokuba ekubeni ukufa kwezayo ngaye umntu, kweza ngaye umntu nokuvuka kwabafileyo. Ngokuba njengokuba ku‐Adame bonke bafayo, kwa njalo ku‐Kristu bonke baya kudliswa ubomi. Kodwa omnye nomnye ngokwake ukucwangciswa: u‐Kristu esisandulelo; kamva abaka‐Kristu, ekufikeni kwake. Kwandul’ ukubako isipelo, okuya abunikeleyo ubukumkani kuye UTIXO noyise, okuya atshabalalisile bonke ubupati nalo lonke igunya namandla. Ngokuba efanele ukupata ubukumkani, ade azibeke zonke intshaba zake ngapantsi kwenyawo zake. Utshaba lwokugqibela olutshatyalaliswayo kukufa. Ngokuba kusitwa: Uzibekile pantsi zonke izinto ngapantsi kwenyawo zake. Kodwa okuya atshoyo ukuti zonke izinto zibekiwe pantsi, kusekuhleni ukuba kungapandle kwalowo owabeka pantsi zonke izinto kuye. Kanjalo okuya zonke izinto zibekiwe pantsi kuye, uya kwandula NONYANA ngokwake abekwe pantsi kulowo owabeka pantsi zonke izinto kwa kuye, ukuze UTIXO abe zinto zonke kubo bonke. Okanye baya kwenza nto nina abo babapitizeshelwa abafileyo? Ukuba abafileyo abavuki nakanye, yinina ke ukuba bayabapitizeshelwa abafileyo? Yinina ukuba nati sisemgcipekweni amaxeshana onke? Ngenyaniso, luqa̔yiso endinalo pezu kwenu kuye u‐Kristu Yesu INKOSI yetu, nditi imihla ngemihla ndife! Ukuba ndati njengokwabantu ndalwa namar̔amncwa e‐Efese, kundinceda nto nina oko? Ukuba abafileyo abavuki, Masitye sisele, ngokuba sisiti ngomso sife. Ize ningakohliswa ke: Izincoko ezikohlakeleyo ziyonakalisa izimilo ezilungileyo. Qabukani ngokulungileyo, nize ningoni; ngokuba inxenye bengenakumazi UTIXO: ndiyateta oku nize nibe nentloni.