Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

Eyokuqala incwadi ka‐Paulusi kuma‐Korinte 15:12-34

Eyokuqala incwadi ka‐Paulusi kuma‐Korinte 15:12-34 XHO1902A

Kekaloku ukuba u‐Kristu uyashunyayelwa ukuba uvukile kwabafileyo, bati nina inxenye pakati kwenu ukuti akuko kuvuka kwabafileyo? Kodwa ukuba akuko kuvuka kwabafileyo, u‐Kristu naye akavukanga ke: nokuba u‐Kristu akavukanga, kukona iyinto engendawo intshumayelo yetu, iyinto engendawo nenkolo yenu. Ewe kanjalo siyafunyanwa singamanqi̔na abuxoki KATIXO; kuba sasinqi̔nile ngaye UTIXO ukuba wamvusa u‐Kristu; ote akamvusa, ukuba kambe abafileyo abavuki. Ngokuba abafileyo ukuba abavuki, u‐Kristu naye akavukanga ke: nokuba u‐Kristu akavukanga, yinto engendawo inkolo yenu; nisesezonweni zenu. Kukona nabo balala kukufa ku‐Kristu batshabalala. Ukuba sinokutemba ku‐Kristu kokukudliwa kwobomi kupela, singabakedamelekayo ngapezu kwabantu bonke. Kodwa kaloku u‐Kristu uvukile kwabafileyo, waba sisandulelo sabo balele kukufa. Ngokuba ekubeni ukufa kwezayo ngaye umntu, kweza ngaye umntu nokuvuka kwabafileyo. Ngokuba njengokuba ku‐Adame bonke bafayo, kwa njalo ku‐Kristu bonke baya kudliswa ubomi. Kodwa omnye nomnye ngokwake ukucwangciswa: u‐Kristu esisandulelo; kamva abaka‐Kristu, ekufikeni kwake. Kwandul’ ukubako isipelo, okuya abunikeleyo ubukumkani kuye UTIXO noyise, okuya atshabalalisile bonke ubupati nalo lonke igunya namandla. Ngokuba efanele ukupata ubukumkani, ade azibeke zonke intshaba zake ngapantsi kwenyawo zake. Utshaba lwokugqibela olutshatyalaliswayo kukufa. Ngokuba kusitwa: Uzibekile pantsi zonke izinto ngapantsi kwenyawo zake. Kodwa okuya atshoyo ukuti zonke izinto zibekiwe pantsi, kusekuhleni ukuba kungapandle kwalowo owabeka pantsi zonke izinto kuye. Kanjalo okuya zonke izinto zibekiwe pantsi kuye, uya kwandula NONYANA ngokwake abekwe pantsi kulowo owabeka pantsi zonke izinto kwa kuye, ukuze UTIXO abe zinto zonke kubo bonke. Okanye baya kwenza nto nina abo babapitizeshelwa abafileyo? Ukuba abafileyo abavuki nakanye, yinina ke ukuba bayabapitizeshelwa abafileyo? Yinina ukuba nati sisemgcipekweni amaxeshana onke? Ngenyaniso, luqa̔yiso endinalo pezu kwenu kuye u‐Kristu Yesu INKOSI yetu, nditi imihla ngemihla ndife! Ukuba ndati njengokwabantu ndalwa namar̔amncwa e‐Efese, kundinceda nto nina oko? Ukuba abafileyo abavuki, Masitye sisele, ngokuba sisiti ngomso sife. Ize ningakohliswa ke: Izincoko ezikohlakeleyo ziyonakalisa izimilo ezilungileyo. Qabukani ngokulungileyo, nize ningoni; ngokuba inxenye bengenakumazi UTIXO: ndiyateta oku nize nibe nentloni.