KWABASEKORINTE I 15:1-32
KWABASEKORINTE I 15:1-32 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ke kaloku, bazalwana, ndiyanazisa iindaba ezilungileyo, ezo ndazishumayela kuni, nazamkelayo nokuzamkela, nimiyo nokuma kuzo, nisindiswayo nokusindiswa ngazo, ukuba nizibambile ngelizwi endazishumayela ngalo kuni; ukuba anithe nafumana nakholwa. Kuba ndaninikela kweziyintloko izinto oko ndakwamkelayo nokukwamkela: okokuba uKristu wazifela izono zethu ngokwezibhalo, nokokuba wangcwatywa, nokokuba uvukile ngomhla wesithathu ngokwezibhalo; nokokuba wabonwa nguKefas, emva koko ngabalishumi elinababini. Emveni koko wabonwa ngaxesha linye ngabazalwana abangaphezu kwamakhulu amahlanu, abasahleliyo nangoku abona baninzi kubo; inxenye ke yalala ukufa. Emva koko wabonwa nguYakobi, kamva ngabo bonke abapostile.• Ekugqibeleni ke kwabo bonke, kwanga kukwinto ezelwe lingekabi lilixa layo, wabonwa nandim. Kuba mna ndingoyena mncinanana kubapostile, endingafanele kubizwa ngokuba ngumpostile, ngenxa enokuba ndalitshutshisa ibandla likaThixo. Ke ngobabalo lukaThixo ndiyinto endiyiyo, nobabalo lwakhe kum alubanga nakulambatha; ndesuka ndabagqitha bonke ngokubulaleka; ingendim ke, ilubabalo lukaThixo olunam. Ke ngoko, nokuba ndim, nokuba ngabo, sènjenjalo thina ukushumayela; nènjenjalo ke nina ukukholwa. Ke, ukuba uKristu uyashunyayelwa ukuba uvukile kwabafileyo, batsho ngani na abathile phakathi kwenu ukuthi, akukho luvuko lwabafileyo? Ke, ukuba akukho luvuko lwabafileyo, woba akavukanga noKristu; ukuba ke uKristu akavukanga, koba akunto ukushumayela kwethu, loba luyalambatha nokholo lwenu. Sofunyanwa ke singawo namangqina amxokayo uThixo, ngokuba sangqinayo ngoThixo ukuba wamvusa uKristu: angàmvusanga, ukuba ke kanti abafileyo abavuki. Kuba, ukuba abafileyo abavuki, noKristu woba akavukanga. Ukuba ke uKristu akavukanga, loba luyinto engeyanto ukholo lwenu, noba nisesezonweni zenu; ngoko nabalele ukufa bekuKristu, boba batshabalele. Ukuba singabathembele kuKristu kobu bomi bodwa, soba sizezona ntsizana kubantu bonke. UKristu yena kunje uvukile kwabafileyo, waba yintlahlela yabalele ukufa. Kuba ekubeni kaloku kungomntu ukufa, kukwangomntu ukuvuka kwabafileyo. Kuba, njengokuba kuye uAdam bafa bonke, ngokunjalo nakuye uKristu baya kudliswa ubomi bonke: elowo ke kolwakhe uluhlu; intlahlela inguKristu, kamva abakaKristu ekufikeni kwakhe; kwandule ke ukubakho isiphelo, xa athe wabunikela ubukumkani kuye uThixo uYise, xa athe wabubhangisa bonke ubulawuli, nalo lonke igunya, namandla. Kuba umelwe yena kukuthi alawule, ade azibeke phantsi kweenyawo zakhe zonke iintshaba. Olokugqibela utshaba oluya kubhangiswa kukufa; kuba izinto zonke wazithobela phantsi kweenyawo zakhe. Ke xa athi, Izinto zonke zithotyiwe, kuyabonakala ukuba àkabalwa lowo wazithobela phantsi kwakhe zonke izinto. Xa ke zithe zathotyelwa phantsi kwakhe zonke izinto, uya kwandula noNyana ngokwakhe athotyelwe phantsi kwalowo wazithobela phantsi kwakhe zonke izinto, ukuze uThixo abe zizinto zonke kubo bonke. Okanye baya kwenza ntoni na abo babhaptizelwa abafileyo, ukuba abafileyo àbaze bavuke? Yini na ukuba babhaptizelwe nokubhaptizelwa abafileyo? Nathi, yini na ukuba sibe semngciphekweni amaxa onke? Ndisekufeni imihla ngemihla; qondani ngokuzingca kwam ngani, endinako ndikuKristu Yesu, iNkosi yethu. Ukuba ndithe ngokwabantu ndalwa namarhamncwa e-Efese, kundinceda ntoni na? Ukuba abafileyo abavuki, masesisidla, sisela, kuba ngomso siya kufa.

KWABASEKORINTE I 15:1-32 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ngoku ke, mawethu, ndithanda ukunikhumbuza ngeendaba ezimnandi zikaThixo endanishumayeza zona; ezo nazamkelayo, enimi nithe zinzi kuzo. Ludaba lukaThixo ke olo, enosindiswa ngalo ukuba nibambelele ngokuthe nkqi kulo ngale ndlela ndinishumayeza ngayo – ngele kokuba ke nafumana nakholwa lilize nje. Ndawo yokuqala ndazigqithisela kuni ezona ndawo ndazamkelayo, ezi zokuba uKrestu wafela izono zethu, ngokutsho *kweziBhalo, nokuba wangcwatywa, nokuba wavuka ekufeni ngomhla wesithathu, ngokweziBhalo; waza wabonakala kuPetros, wabonwa nangabo bonke abathunywa abalishumi elinambini. Emva koko ubonakele ngaxesha-nye nakubalandeli bakhe abangaphezu kwamakhulu amahlanu, abasekhoyo nangoku abaninzi babo, nakuba babhubhayo nje abanye. Uphindile wabonwa nanguYakobi, wabonwa *nangabathunywa xa bebonke. Ke ekugqibeleni, ngokungathi mna ndizelwe emva kwexesha, wabonwa nandim. Ke kuba mna ndingoyena uphantsi kubo bonke abathunywa, akufanele nokuba kuthiwe ndingumthunywa, kuba ndalitshutshisa ibandla likaThixo. Kodwa ngesisa sikaThixo ndiyile nto ndiyiyo, yaye nesisa andibabala ngaso uThixo andidlalanga ngaso. Ndisuke ndasebenza ukudlula bonke abathunywa, phofu ingendim, koko inguThixo osebenza ngam ngesisa sakhe. Ngoko ke nokuba ndim, nokuba ngabo, sishumayela udaba olunye; ke nina nalwamkela. Njengokuba thina sishumayela ukuba uKrestu wavuka nje ekufeni, batsho njani ke abanye benu ukuba abafileyo abavuki ekufeni? Ukuba alukho uvuko lwabafileyo, noKrestu ke akazange avuke ekufeni. Ukuba ke uKrestu akavukanga ekufeni, ukushumayela kwethu ngamampunge, nokholo lwenu luphuthile. Ngaphezu koko ke nathi ngaba singamangqina amxokayo uThixo, kuba sathi umvusile uKrestu, nangona angamvusanga, ukuba kambe ngaba kuyinene ukuba abafileyo abavuki. Kuba, ukuba ngaba abafileyo abavuki, noKrestu ke akazange avuke ekufeni. Ukuba ke uKrestu akavuswanga ekufeni, ukholo lwenu ke luyalambatha – nisahleli ezonweni zenu. Loo nto ingathetha ukuthi loo makholwa afa emanyene neNkosi, akukho nto yawo, atshabalele. Ukuba ithemba lethu kuKrestu liphelela kobu bomi qha, singabona bantu balusizi kulo lonke ihlabathi. Kambe ke nantsi eyona nyaniso: evukile nje uKrestu ekufeni, ubahlahlele indlela abafileyo. Njengoko ukufa kweza ngomntu, ngokukwanjalo novuko lwabafileyo luza kwangomntu. Njengoko abantu bâthi ngokumanywa kwabo noAdam bafa bonke, ngokunjalo nangokumanywa kwabo noKrestu baya kuvuka bonke. Kodwa ke elowo nalowo kolwakhe uluhlu: uKrestu yena ngowokuqala kubo bonke; emva koko ke abakhe baya kuvuka ngethuba lokubuya kwakhe. Kwandule ke kufike isiphelo, apho uKrestu aya kunikezela lonke ulawulo kuThixo uYise, akuba ezibhangisile zonke iindidi zezithunywa zezulu: iziphathamandla, oomagunya, kwanamandla. UKrestu kaloku umelwe kukulawula lo gama uThixo amoyisela zonke iintshaba. Olokugqibela ke utshaba oluya kubhangiswa kukufa, kuba, njengoko zitshoyo *iziBhalo: “UThixo umoyisele zonke iintshaba.” Kucacile ke ukuba uThixo yena akabalwa xa kusithiwa “umoyisele zonke,” inguye nje kaloku omoyisele zonke iintshaba uKrestu. Xa ke zonke izinto sezilawulwa nguKrestu, uya kwandula ke yena uNyana ukungena ekulawulweni ngulowo umoyisela zonke izinto; yena ke uThixo abe ngolawula konke. Kwakho kukho abo babhaptizwa endaweni yabafi. Bathemba ukuzuza ntoni ke ngaloo nto? Ukuba ke banyanisile xa bathi akukho luvuko lwabafileyo, bebhaptizwa nje endaweni yabafi, kutheni? Khona kutheni le nto thina sizibeka emngciphekweni maxa onke? Ndihleli ndisemngciphekweni wokufa mihla le, mawethu! Ngenene le nto ndiyithetha ndiqhayisa ngani ngenxa yebhongo endinalo ngokumanywa kwam noYesu Krestu iNkosi yethu. Ukuba apha e-Efese bendisilwa namarhamncwa ngamandla obuntu nje kuphela ibingandinceda ntoni loo nto? Kodwa ke ukuba akukho kuvuka kwabafileyo “masisesisitya sisela, kuba ngomso siya kufa,” ngabula saci.
KWABASEKORINTE I 15:1-32 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ke kaloku, bazalwana, ndiyanazisa iindaba ezilungileyo, ezo ndazishumayela kuni, nazamkelayo nokuzamkela, nimiyo kuzo; Nisindiswayo nokusindiswa ngazo, ukuba nizibambile ngelizwi endazishumayela ngalo kuni; ukuba anithe nafumana nakholwa. Kuba ndaninikela kweziyintloko izinto oko ndakwamkelayo nokukwamkela: okokuba uKristu wazifela izono zethu, ngokwezibhalo; nokokuba wangcwatywa, nokokuba uvukile ngomhla wesithathu ngokwezibhalo; nokokuba wabonwa nguKefas, emva koko ngabalishumi elinababini. Emveni kuko wabonwa ngaxesha linye ngabazalwana abangaphezu kwamakhulu amahlanu, ababengaphezu kwamakhulu amahlanu; abasahleliyo nangoku abona baninzi kubo; inxenye ke yalala ukufa. Emva koko wabonwa nguYakobi; emva koko kubo bonke abapostile. Ekugqibeleni ke kwabo bonke, kwanga kukwinto ezelwe lingekabi lilixa layo, wabonwa nandim. Kuba mna ndingoyena mncinanana kubapostile, endingafanele kubizwa ngokuba ngumpostile, ngenxa enokuba ndalitshutshisa ibandla likaThixo. Ke ngobabalo lukaThixo ndiyinto endiyiyo, nobabalo lwakhe kum alubanga nakulambatha; ndesuka ndabagqitha bonke ngokubulaleka; ingendim ke, ilubabalo lukaThixo olunam. Ngoko ke, nokuba ndim, nokuba ngabo, senjenjalo thina ukushumayela; nenjenjalo ke nina ukukholwa. Ke, ukuba uKristu uyashunyayelwa ukuba uvukile kwabafileyo, batsho ngani na abathile phakathi kwenu ukuthi, akukho luvuko lwabafileyo? Ke, ukuba akukho luvuko lwabafileyo, woba akavukanga noKristu; Ukuba ke uKristu akavukanga, koba akunto ukushumayela kwethu, loba luyalambatha nokholo lwenu. Sofunyanwa ke singawo namangqina amxokayo uThixo; ngokuba sangqinayo ngoThixo ukuba wamvusa uKristu, angamvusanga, ukuba ke kanti abafileyo abavuki. Kuba, ukuba abafileyo abavuki, noKristu woba akavukanga. Ukuba ke uKristu akavukanga, loba luyinto engeyanto ukholo lwenu; nisesezonweni zenu; ngoko nabalele ukufa bekuKristu, boba batshabalele. Ukuba singabathembele kuKristu kobu bomi bodwa, soba sizezona ntsizana kubantu bonke. uKristu yena kunje uvukile kwabafileyo, waba yintlahlela yabalele ukufa. Kuba ekubeni kaloku kungomntu ukufa, kukwangomntu ukuvuka kwabafileyo. Kuba, njengokuba kuye uAdam bafa bonke, ngokunjalo nakuye uKristu baya kudliswa ubomi bonke. Elowo ke kolwakhe uluhlu; kamva abakhe bangabakaKristu ekufikeni kwakhe. Kwandule ke ukubakho isiphelo, xa athe wabunikela ubukumkani kuye uThixo uYise, xa athe wabubhangisa bonke ubulawuli, nalo lonke igunya, namandla. Kuba umelwe yena kukuthi alawule, ade azibeke phantsi kweenyawo zakhe zonke iintshaba. Olokugqibela utshaba oluya kubhangiswa kukufa; Kuba izinto zonke wazithobela phantsi kweenyawo zakhe. Ke xa athi, zonke izinto zithotyiwe, kuyabonakala ukuba akabalwa lowo wazithobela phantsi kwakhe zonke izinto. Xa ke zithe zathotyelwa phantsi kwakhe zonke izinto, uya kwandula noNyana ngokwakhe athotyelwe phantsi kwalowo wazithobela phantsi kwakhe zonke izinto, ukuze uThixo abe zizinto zonke kubo bonke. Okanye baya kuthini na abo babhaptizelwa abafileyo, ukuba abafileyo abavuki? yini na ke ukuba babhaptizelwe abafileyo? Nathi, yini na ukuba sibe semngciphekweni amaxa onke? Ndisekufeni imihla ngemihla; qondani ngokuzingca kwam ngani, endinako ndikuKristu Yesu, iNkosi yethu. Ukuba ndithe ngokwabantu ndalwa namarhamncwa e-Efese, kundinceda ntoni na? masidle, sisele; kuba ngomso siya kufa.
KWABASEKORINTE I 15:1-32 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
NDIYANAZISA, bazalwana! ivangeli endayishumayelayo kuni, — kwa leyo enayamkelayo, nenimiyo kuyo, nenisindiswa ngayo, — ngesanina isiteto endayishumayelayo kuni, ukuba niyayibamba, ukuba kanti anifumane nakolwa. Ngokuba ndandinikela kuni ukuqala, oko endati kanjalo ndakwamkela, ukuba u‐Kristu wafela izono zetu, njengokweziba̔lo; nokuba wancw̔atywa, nokuba uvukile ngomhla wesitatu, njengokweziba̔lo; nokuba wabonakala ku‐Kefasi, wandula wabonakala kwabalishumi linababini: wati kamva wabonakala kwabazalwana abapezulu kwabangamakulu mahlanu ngexesha linye, abati into eninzi yabo bahlale kude kube kaloku nje, kodwa inxenye balele kukufa. Wati kamva wabonakala ku‐Yakobi; wandula wabonakala kubapostile bonke. Waza wati emveni kwabo bonke, njengakulowo uzelweyo lingekabiko ixesha, wabonakala nakum. Ngokuba mna ndingomncinane kubo bonke abapostile, ondingafanelekile ukuba ndibizwe ngompostile, ngenxa yokuba ndayitshutshisa iṙemente KATIXO. Kodwa ngofefe LUKATIXO ndikoko endikuko: nofefe lwake olwenzelwa mna alwaba yinto engendawo; koko ndagqitisayo kubo bonke ngokusebenza kakulu; ndingendim kodwa, lufefe LUKATIXO olube lukunye nam. Nokuba ngoko ndim, nokuba ngabo bona, kunjalo ukushumayela kwetu, bekunjalo nokukolwa kwenu. Kekaloku ukuba u‐Kristu uyashunyayelwa ukuba uvukile kwabafileyo, bati nina inxenye pakati kwenu ukuti akuko kuvuka kwabafileyo? Kodwa ukuba akuko kuvuka kwabafileyo, u‐Kristu naye akavukanga ke: nokuba u‐Kristu akavukanga, kukona iyinto engendawo intshumayelo yetu, iyinto engendawo nenkolo yenu. Ewe kanjalo siyafunyanwa singamanqi̔na abuxoki KATIXO; kuba sasinqi̔nile ngaye UTIXO ukuba wamvusa u‐Kristu; ote akamvusa, ukuba kambe abafileyo abavuki. Ngokuba abafileyo ukuba abavuki, u‐Kristu naye akavukanga ke: nokuba u‐Kristu akavukanga, yinto engendawo inkolo yenu; nisesezonweni zenu. Kukona nabo balala kukufa ku‐Kristu batshabalala. Ukuba sinokutemba ku‐Kristu kokukudliwa kwobomi kupela, singabakedamelekayo ngapezu kwabantu bonke. Kodwa kaloku u‐Kristu uvukile kwabafileyo, waba sisandulelo sabo balele kukufa. Ngokuba ekubeni ukufa kwezayo ngaye umntu, kweza ngaye umntu nokuvuka kwabafileyo. Ngokuba njengokuba ku‐Adame bonke bafayo, kwa njalo ku‐Kristu bonke baya kudliswa ubomi. Kodwa omnye nomnye ngokwake ukucwangciswa: u‐Kristu esisandulelo; kamva abaka‐Kristu, ekufikeni kwake. Kwandul’ ukubako isipelo, okuya abunikeleyo ubukumkani kuye UTIXO noyise, okuya atshabalalisile bonke ubupati nalo lonke igunya namandla. Ngokuba efanele ukupata ubukumkani, ade azibeke zonke intshaba zake ngapantsi kwenyawo zake. Utshaba lwokugqibela olutshatyalaliswayo kukufa. Ngokuba kusitwa: Uzibekile pantsi zonke izinto ngapantsi kwenyawo zake. Kodwa okuya atshoyo ukuti zonke izinto zibekiwe pantsi, kusekuhleni ukuba kungapandle kwalowo owabeka pantsi zonke izinto kuye. Kanjalo okuya zonke izinto zibekiwe pantsi kuye, uya kwandula NONYANA ngokwake abekwe pantsi kulowo owabeka pantsi zonke izinto kwa kuye, ukuze UTIXO abe zinto zonke kubo bonke. Okanye baya kwenza nto nina abo babapitizeshelwa abafileyo? Ukuba abafileyo abavuki nakanye, yinina ke ukuba bayabapitizeshelwa abafileyo? Yinina ukuba nati sisemgcipekweni amaxeshana onke? Ngenyaniso, luqa̔yiso endinalo pezu kwenu kuye u‐Kristu Yesu INKOSI yetu, nditi imihla ngemihla ndife! Ukuba ndati njengokwabantu ndalwa namar̔amncwa e‐Efese, kundinceda nto nina oko? Ukuba abafileyo abavuki, Masitye sisele, ngokuba sisiti ngomso sife.