IZIKRONIKE I 22:11-13
IZIKRONIKE I 22:11-13 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Kaloku, nyana wam, uYehova makabe nawe, ube nempumelelo, uyakhe indlu kaYehova uThixo wakho, njengoko akuthethileyo ngawe. Kodwa ke uYehova makakunike ukuqiqa nokuqonda, akuwisele umthetho ngamaSirayeli, ukuba uwugcine umyalelo kaYehova uThixo wakho. Ùya kwandula ukuba nempumelelo, xa uthe wakugcina ukuyenza imimiselo namasiko, awathi uYehova wamwisela uMoses umthetho ngawo ngenxa yamaSirayeli. Yomelela ukhaliphe; musa ukoyika, ungaqhiphuki umbilini.

IZIKRONIKE I 22:11-13 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ngoko ke ngoku, nyana wam, ngamana wanawe uNdikhoyo; ngamana waphumelela ekuyakheni indlu kaNdikhoyo uThixo wakho, nanjengoko wayethe uya kuyakha. UNdikhoyo ngamana wakupha ingqiqo nokuqonda xa ekufaka ukuba wongamele uSirayeli, khon' ukuze uwuthobele umthetho kaNdikhoyo uThixo wakho. Ewe, uya kuba nempumelelo xa uthe wanenyameko wayinonophela imimiselo nemithetho leyo uNdikhoyo wayinikezela uSirayeli ngoMosis. Yomelela ukhaliphe; uze ungoyiki utyhafe!
IZIKRONIKE I 22:11-13 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ke kaloku, nyana wam, ngamana uYehova angaba nawe! ube nempumelelo, uyakhe indlu kaYehova uThixo wakho, njengoko wakuthethayo kuwe. NguYehova kuphela okunika ubulumko nokuqonda, nokukuyalela ngoSirayeli, ukuze uwugcine umthetho kaYehova uThixo wakho. Uya kuphumelela apho, ukuba uthe wakugcina ukuyenza imithetho namasiko, awathi uYehova wamwisela uMoses umthetho ngawo ngenxa yamaSirayeli. Yomelela, ukhaliphe; musani ukoyika, musani ukoyika.
IZIKRONIKE I 22:11-13 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kaloku, nyana wam! wanga UYEHOVA angaba nawe; uze utamsanqeleke, wake indlu KAYEHOVA, UTIXO wako, njengoko akutetileyo ngawe. Makati kodwa UYEHOVA akunike ubulumko nokuqonda, akumise pezu kwo‐Sirayeli; uze uwugcine umteto KAYEHOVA, UTIXO wako. Oko uya kutamsanqeleka, nxa ulumkela ukwenza izimiselo nezigwebo, owati UYEHOVA wamyalela u‐Mosesi ngazo pezu kwo‐Sirayeli: yomelela, ukalipe; ungoyiki, ungatuswa nokutuswa.