Eyokuqala yezikronike 22:11-13

Eyokuqala yezikronike 22:11-13 XHO1902A

Kaloku, nyana wam! wanga UYEHOVA angaba nawe; uze utamsanqeleke, wake indlu KAYEHOVA, UTIXO wako, njengoko akutetileyo ngawe. Makati kodwa UYEHOVA akunike ubulumko nokuqonda, akumise pezu kwo‐Sirayeli; uze uwugcine umteto KAYEHOVA, UTIXO wako. Oko uya kutamsanqeleka, nxa ulumkela ukwenza izimiselo nezigwebo, owati UYEHOVA wamyalela u‐Mosesi ngazo pezu kwo‐Sirayeli: yomelela, ukalipe; ungoyiki, ungatuswa nokutuswa.