Kuba ukulangazelela kwendalo kulinde ukutyhileka koonyana bakaThixo. Kuba indalo yathotyelwa kwimeko ephuthileyo, kungengakuthanda kwayo, kodwa kungokuthanda kwalowo wayithobayo, enethemba; Ngenxa yokuba nayo indalo ngokwayo iya kukhululwa ebukhobokeni bokonakala, isingiswe enkululekweni yozuko lwabantwana bakaThixo. Kuba siyazi ukuba kude kube ngokunje yonke indalo iyancwina inenimba. Asiyiyo ke yodwa; sisuka nathi, banayo intlahlela yoMoya, thina aba ke ngokwethu, sincwine ngaphakathi kwethu, silinde ukwenziwa oonyana; inkululeko yomzimba wethu ke leyo. Kaloku sasindiselwa ethembeni; ke ithemba elise libonwa asithemba; kuba oko akubonayo umntu, angaba usakuthembeleni na? Kodwa ke into esingayiboniyo, esithembe ukuyifumana, siyilindela ngomonde. Ngokukwanjalo ke noMoya uncedisana nokuswela kwethu amandla, kuba esingakuthandazelayo ngokoko simelwe kukuthandaza ngako, asikwazi; uthi ke uMoya ngokwakhe asithethelele ngezincwino ezingathethekiyo. Ke oziphengululayo iintliziyo uyakwazi into okuyiyo ukunyameka koMoya; ngokuba ubathethelela abangcwele ngokukaThixo. Siyazi ke ukuba zonke izinto zisebenziselana okulungileyo kwabo bamthandayo uThixo, kwababiziweyo ngokwengqibo yakhe. Ngokuba abo wabaziyo ngenxa engaphambili, wabamisela ngenxa engaphambili ukuba bafane nomfanekiselo woNyana wakhe, ukuze abe ngowamazibulo kubazalwana abaninzi. Abo ke wabamiselayo kwangaphambili, wababiza kananjalo; abo ke wababizayo, wabuya wabagwebela bona; abo ke wabagwebelayo, wabuya wabazukisa kananjalo. Sithini na ke ngoko kwezi zinto? Ukuba uThixo ungakuthi, ngubani na ongasichasayo? Lowo, gxebe, ungamconganga owakhe uNyana, wesuka wamnikela ngenxa yethu sonke, angathini na ukuba angasibabali ngazo zonke ezo zinto, ndawonye naye? Ngubani na oya kubamangalela abanyulwa bakaThixo, inguThixo nje obagwebelayo? nguThixo ogwebelayo. Ngubani na ogwebayo? nguKristu owafayo, wathi ngaphezu koko, wabuya wavuka, ongasekunene kukaThixo, osithethelelayo. Ngubani na oya kusahlula eluthandweni lukaKristu? Yimbandezelo na, luxinaniso na, yintshutshiso na, yindlala na, bubuze na, yingozi na, likrele na? Njengoko kubhaliwe kwathiwa, Ngenxa yakho sibulawa imini yonke; yiyo loo nto sesifana neegusha eziya kuxhelwa nje. Kanti ke, kwezi zinto zonke sisuka soyise sitshatshele ngalowo wasithandayo. Kuba ndeyisekile kukuba nakufa, nabomi, nazithunywa zezulu, nazilawuli, nanto zikhoyo, nanto zizayo, nanto zizayo; Nabuphakamo, nabunzulu, nasinye isidalwa, asiyi kuba nako ukusahlula thina eluthandweni lukaThixo, olukuye uKristu Yesu, iNkosi yethu.