KwabaseRoma 8:1-4

KwabaseRoma 8:1-4 CXB24

Ngoko ke, ngoku akukho kugwetywa kwabakuKristu Yesu; abangahambiyo ngokwenyama, abahamba ngokoMoya. Kaloku ngokumanywa kwam noKrestu Yesu, uMoya umniki-bomi undikhulule ekulawulweni sisono nakukufa. Kuba oko wawungenako umthetho, ngenxa yokuba uswele amandla ngayo inyama, uThixo wamthuma owakhe uNyana, ekwimeko yenyama enesono, ngenxa yesono, wasigweba isono esenyameni; ukuze ubulungisa bomthetho buzaliseke kuthi, thina singahambiyo ngokwenyama, sihamba ngokoMoya.