KwabaseRoma 10:1-11

KwabaseRoma 10:1-11 CXB24

Bazalwana, inkolelo yeyam intliziyo, nesikhungo sam kuye uThixo, ngenxa yamaSirayeli, sesokuba asindiswe. Ndiyabangqinela ukuba banokumzondelela uThixo, koko bengamzondeleli ngokokwazi okukuko. Kuba bathe, bengabazi ubulungisa bukaThixo, befuna nokumisa obabo ubulungisa, ababululamela ubulungisa bukaThixo. Kaloku intsingiselo yomthetho nguKrestu, ukuze abe bubulungisa kubo bonke abakholwayo. Kuba uMoses ubulungisa basemthethweni uthi ukububhala, Umntu ozenzileyo ezi zinto uya kudla ubomi ngazo. Ke bona obaselukholweni ubulungisa buthetha ngolu hlobo, Musa ukuthi entliziyweni yakho, Ngubani na oya kunyuka aye emazulwini ukuba ahlise uKristu? oko kukuthi, ukumhlisa uKristu phezulu; nokuthi, Ngubani na oya kuhla aye enzonzobileni? oko kukuthi, ukumnyusa uKristu kwabafileyo. Ithini na ke le nto? Ilizwi likufuphi kuwe, emlonyeni wakho nasentliziyweni yakho: elo ke lilizwi lokholo, esilivakalisayo. Ngokuba, xa uthe wamvuma ngomlomo wakho ukuba uyiNkosi uYesu, wakholwa ngentliziyo yakho ukuba uThixo wamvusa kwabafileyo, wosindiswa. Kuba umntu ukholwa ngentliziyo, ukuze abe nobulungisa; kwaye ngomlomo uvumo lwenziwa losindiso. Kuba isibhalo sithi, Bonke abakholwayo kuye abayi kudaniswa.