IsiThyilelo IsiThyilelo 3
IsiThyilelo 3
1Isithunywa sebandla eliseSardesi, sibhalele uthi; Utsho lowo unabo ooMoya abasixhenxe bakaThixo, neenkwenkwezi ezisixhenxe; Ndiyayazi imisebenzi yakho, ukuba unalo igama lokuba uphilile, ukanti ufile. 2Phapha, uzizimase izinto eziseleyo eziza kufa; kuba andiyifumananga izalisekile imisebenzi yakho phambi koThixo. 3Khumbula ngoko ukuba utheni na ukwamkela kwakho, nokuva, nokuba utheni na, uguquke. Ukuba ngoko akuthanga ulinde, ndokufikela njengesela, yaye akusayi kulazi ilixa endokufikela ngalo. 4Unamagama ambalwa naseSardesi apho, angazidyobhanga wona iingubo zawo; baya kuhamba nam benezimhlophe; ngokuba befanelekile. 5Lowo weyisayo uya kuthiwa wambu ngeengubo ezimhlophe; Andiyi kulicima igama lakhe encwadini yobomi; ndiya kulivuma igama lakhe phambi koBawo, naphambi kwezithunywa zakhe zasemazulwini. 6Lowo unendlebe makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla. 7Isithunywa sebandla eliseFiladelfi, sibhalele uthi; Utsho lowo ungcwele, oyiNyaniso, lowo unaso isitshixo sikaDavide, lowo uvulayo kungavali namnye; avale kungabikho uvulayo; 8Ndiyayazi imisebenzi yakho. Yabona, ndimise phambi kwakho ucango oluvulekileyo, akukho namnye unako ukuluvala; kuba uthe, unamandla amancinane, waligcina ilizwi lam, akwalikhanyela igama lam. 9Yabona, ndibanika abendlu yesikhungu kaSathana, abathi bangamaYuda bona, bengengawo, bexoka; yabona, ndiya kubenza beze baqubude phambi kweenyawo zakho, bazi ukuba mna ndikuthandile. 10Ngokuba uligcinile ilizwi lomonde wam, nam ndiya kukugcina, ndikusindise kwilixa lokulingwa, eliya kulifikela lonke elimiweyo, ukulinga abo bemiyo phezu kwehlabathi. 11Yabona, ndiyeza kamsinya; kubambe nkqi oko unako, ukuze kungabikho namnye usithabathayo isithsaba sakho. 12Lowo weyisayo ndiya kumenza intsika etempileni yoThixo wam, angabi saphuma ephuma, ndaye ndiya kulibhala phezu kwakhe igama loThixo wam, negama lomzi woThixo wam, eyiYerusalem entsha; lowo uhla ephuma emazulwini evela kuThixo wam, ndaye ndiya kulibhala kuye igama lam elitsha. 13Lowo unendlebe makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla. 14Usibhalele isithunywa sebandla eliseLawodike; Utsho uAmen, ingqina elithembekileyo, eliyinyaniso, ingqalo yayo indalo kaThixo; 15Ndiyayazi imisebenzi yakho, ukuba akubandi, akushushu; akwaba uyabanda, ungeshushu. 16Ngenxa enokuba ke udikidiki, ungabandi, ungeshushu, ndiza kukuhlanza uphume emlonyeni wam. 17Ngenxa yokuba uthi, Ndisisityebi, ndizityebisile, andiswele nto; ube ungazi ukuba uludwayinge, ulusizana, ulihlwempu, uyimfama, uhamba ze; 18Ndiyakucebisa, ukuba uthenge kum igolide evuthiswe emlilweni, ukuze ube nobutyebi; neengubo ezimhlophe, ukuze wambeswe, lingabonakali ihlazo lobuze bakho; nentambiso yamehlo, uthambise amehlo akho, ukuze ubone. 19Mna, bonke endibathandayo ndiyabohlwaya, ndibaqeqeshe; zondelela ngoko uguquke. 20Yabona, ndimi emnyango ndinkqonkqoza; ukuba uthe umntu waliva izwi lam, waluvula ucango, ndongena kuye, ndidle naye, naye adle nam. 21Lowo weyisayo, ndiya kumvumela ukuba ahlale nam etroneni yam, njengokuba nam ndeyisayo, ndaza ndahlala phantsi noBawo etroneni yakhe. 22Lowo unendlebe makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla.
Currently Selected:
IsiThyilelo IsiThyilelo 3: CXB24
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.