Iindumiso Iindumiso 8

Iindumiso 8
Iyintoni na indoda, ukuba uthe wayikhumbula?
1Kumvumi waseGiti, Ingoma kaDavide umise ubuqaqawuli bakho ngaphezu kwezulu.
2Emlonyeni wabantwana nabanyayo unike amandla ngenxa yeentshaba zakho, Ukuze udambise utshaba nomphindezeli.
3Ndalibona izulu lakho, umsebenzi weminwe yakho, inyanga neenkwenkwezi ozicebileyo;
4Uyintoni na umntu, ukuba uthe wamkhumbula? Unyana womntu, womvelela nini na?
5Ngokuba umhlise kancinane kunezithunywa zezulu, wamthwesa uzuko nembeko.
6Ummisile ukuba alawule izenzo zezandla zakho; Zonke izinto uzibeke phantsi kweenyawo zakhe;
7Yonke impahla emfutshane, neenkomo zonke, ewe, namarhamncwa asendle;
8Iintaka zezulu, neentlanzi zolwandle, nento yonke edlula ngeendlela zolwandle.
9Yehova, Nkosi yethu, hayi indlela elizuke ngayo igama lakho ehlabathini lonke!

Currently Selected:

Iindumiso Iindumiso 8: CXB24

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena