Iindumiso Iindumiso 61

Iindumiso 61
Ngokuba ubuyindawo yam yokusabela, nenqaba ende eliqele phambi kotshaba
1Kumvumi kaNegina, Ingoma kaDavide wubazele indlebe umthandazo wam.
2Ndiya kudanduluka kuwe ndiseziphelweni zehlabathi, ekukhwankqisweni kwentliziyo yam; ndise eweni eliphezu kwam.
3Ngokuba ulihlathi lam, Uyinqaba ende eliqele phambi kotshaba.
4Ndiya kuhlala ententeni yakho ngonaphakade; Ndizimela ngesithe lamaphiko akho. Sela.
5Ngokuba wena, Thixo, usivile isibhambathiso sam; Ubanike ilifa abaloyikayo igama lakho.
6Uya kuyolula imihla yobomi bokumkani, neminyaka yakhe njengezizukulwana ngezizukulwana;
7Uya kuphila ngonaphakade phambi koThixo; Mlungisele inceba nenyaniso, amkhusele.
8Ngoko ndiya kulibethela uhadi igama lakho ngonaphakade, Ndizizalise izibhambathiso zam yonke imihla.

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena