Iindumiso Iindumiso 112

Iindumiso 112
Hayi, uyolo lomntu omoyikayo uYehova!
1Dumisani uYehova. Hayi, uyolo lomntu omoyikayo uYehova, Oyinoneleleyo imithetho yakhe!
2Iya kuba namandla ehlabathini imbewu yakhe; isizukulwana samalungisa sisikelelwe.
3Bubuncwane nobutyebi endlwini yakhe, Ubulungisa bakhe buhlala buhleli.
4Kuba ilungisa likhanya ebumnyameni; Unenceba, uzele yimfesane nobulungisa.
5Olungileyo uyababala, aboleke; Uya kuqhuba imicimbi yakhe ngeemvakalelo.
6Ngokuba akayi kushukunyiswa naphakade; Ilungisa liya kukhunjulwa ngonaphakade.
7Akoyikiswa ziindaba ezimbi; Iqinile intliziyo yakhe, ukholose ngoYehova.
8Izimasekile intliziyo yakhe, akoyiki, Ude azibonele iintshaba zakhe.
9Uyachithachitha, wabele amahlwempu; ubulungisa bakhe buhlala buhleli; uphondo lwakhe luya kuphakanyiswa, lube nozuko.
10Baya kubona abangendawo, babe buhlungu; Utshixize amazinyo, anyibilike; umnqweno wabangendawo uyadaka.

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena