Kukho ohlakazayo, eyanda; kwaye kukho uthintelo ngaphezu kokuyimfuneko, kodwa lutyekela ekusweleni. Umoya onobubele uyatyeba; Olahla ingqolowa, uyamqalekiswa ngabantu; kodwa ithamsanqa liya kuba entlokweni yalowo uthengisayo. Ongxamele okulungileyo ufuna okwamkelekileyo; Ongxamele ububi, buya kumfikela. Okholosa ngobutyebi bakhe uya kuwa yena, Ke wona amalungisa ayavuka njengokhula. Oyivusayo indlu yakhe uya kuwudla ilifa umphefumlo wakhe; Isinyabi siya kukhonza izilumko. Isiqhamo selungisa ngumthi wobomi; nalowo ubamba imiphefumlo elumkileyo. Qaphelani, ilungisa liya kuphindezelwa ehlabathini, ngakumbi abakhohlakeleyo nomoni!
Funda iMizekeliso 11
Share
Compare All Versions: iMizekeliso 11:24-31
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos