KwabaseFilipi 4:1-13

KwabaseFilipi 4:1-13 CXB24

Ngoko ke, bazalwana bam abaziintanda, balangazelelwayo, luvuyo lwam, sithsaba sam, yimani ngokunjalo eNkosini, zintanda. uWodiya ndiyamyala, noSintike ndiyamyala, ukuba bacinge nto-nye beseNkosini. Ndiyakucela nawe, sinxulumana senyaniso, bambisana nabo bafazi bazama nam ezindabeni ezilungileyo, kwanoKlemente, nabanye abasebenzisi bam, abamagama asencwadini yobomi. Vuyani eNkosini amaxesha onke; ndiyaphinda ndithi, Vuyani! Ukuba nengqiqo kwenu makwazeke ebantwini bonke. iNkosi isondele. Ningaxhaleli nto; mazithi iingcelo zenu ezintweni zonke, ngako ukuthandaza nokukhunga, ndawonye nokubulela, zaziswe kuye uThixo. Lwaye uxolo lukaThixo, olugqithisele kuko konke ukuqonda, luya kuzigcina iintliziyo zenu neengqiqo zenu kuKristu Yesu. Elokugqiba, bazalwana, ndithi, iinto zonke eziyinene, iinto zonke ezindilekileyo, iinto zonke ezibubulungisa, iinto zonke ezinyulu, iinto zonke ezithandekayo, iinto zonke eziludumo lulungileyo; Ukuba ke kukho sidima, ukuba kukho ndumiso, zicingeni ezo zinto. Kwaezo zinto nazifundayo, nazamkela, naziva, nazibona kum, yenzani zona ezo; waye uThixo woxolo eya kuba nani. Ke kaloku ndaye ndivuya eNkosini kakhulu, ukuba ngoku kokugqibela kude kwathi ukukunyamekela kwenu okwam, kwabuya kwatyatyamba: enikuxhalabeleyo ke, koko naniswele ithuba. Kungekuko ukuba ndithetha ngokuswela; kuba mna ndafunda ukuthi entlalweni endikuyo ndanele. Ndiyakwazi nokuba kunjani ukuhlwempuzeka, ndiyazana nobutyebi; kuko konke, nasezintweni zonke, ndiqhelanisiwe nokuhlutha kwanokulamba, nokutyeba kwanokuswela. Ndinokuzenza izinto zonke, ndikulowo undomelezayo, uKristu.