uMarko 15:1-26

uMarko 15:1-26 CXB24

Bathi, kwaoko kwakusa, ababingeleli abakhulu benza ibhunga, ndawonye namadoda amakhulu, nababhali, nentlanganiso yamatyala iphelele; bambopha uYesu bemka naye, bamnikela kuPilato. Wambuza ke uPilato, esithi, Wena unguye na uKumkani wamaYuda? Waphendula ke wathi kuye, Nawe utsho. Bammangalela ke ngeendawo ezininzi ababingeleli abakhulu; kodwa yena akaphendulanga nento. Wabuya ke uPilato wambuza, esithi, Akuphenduli nento le? Khangela ukuba zininzi kwazo iindawo abazingqina ngawe. Kodwa uYesu akabanga saphendula nto; ngokokude amangaliswe uPilato. Ke kaloku ngomthendeleko wayebakhululela umbanjwa abe mnye, abasukuba bemcela. Kwaye kukho ke obekuthiwa nguBharabhas, ebotshwe ndawonye nabanye abenzi besaqunge, ababulalayo nokubulala esaqungeni apho. Sankqangaza isihlwele, saqala ukucela, ukuba enze ngoko abehlala esenza ngako kubo. Wabaphendula ke uPilato, esithi, Nithanda ukuba ndinikhululele ukumkani wamaYuda na? Kuba ebesazi ukuba ababingeleli abakhulu abo bamnikele ngomona. Ke bona ababingeleli abakhulu bayixhokonxa indimbane, ukuba icele ukuba kanye abakhululele uBharabhas. Waphinda waphendula ke uPilato, wathi kubo, Ningamenza ntoni na ke ngoko kulowo nithi unguKumkani wamaYuda? Babuya ke bankqangaza bathi, Mbethelele emnqamlezweni! Wathi ke uPilato kubo, Kuba enze bubi buni na? Kwaba kukhona ke bancamisayo ukunkqangaza, besithi, Mbethelele emnqamlezweni! Kwathi ngoko uPilato, enga angasiyenelisa isihlwele, wabakhululela uBharabhas; wamnikela uYesu, akuba emtyakatyile, ukuba abethelelwe emnqamlezweni. Aza amasoldati amrholela entendelezweni, ebizwa ngokuba yirhuluneli; balibizele ndawonye ibutho lonke. Bamambesa iingubo ezimfusa, baluluka isithsaba sameva, bamfaka ngaso entloko. Baza bathi kuye, Vuya, Kumkani wamaYuda! Ayembetha entloko ngengcongolo; ayemtshicela; ayeguqa ngamadolo, aqubude kuye. Athi akuba edlale ngaye, amhluba ebomvu, amambathisa kwaezakhe iingubo; amrhola, aya kumbethelela emnqamlezweni. Anyanzela umhambi othile, uSimon waseKirene, evela ephandleni, lowo nguyise ka-Alesandire noRufo, ukuba awuthwale umnqamlezo wakhe. Amzisa endaweni yaseGolgota, oko kukuthi ngentetho evakalayo, yindawo yokakayi. Ayemnika iwayini enemore, ukuba ayisele; kodwa akayamkelanga. Athi, akumbethelela emnqamlezweni, abelana ngeengubo zakhe, esenza amaqashiso ngazo, ukuba ulowo uya kuthabatha ntoni na. Laye ke ilixa lesithathu, bambethelela emnqamlezweni. Umbhalo wesimangalo sakhe wawubhalwe ngaphezulu, wawusithi, UKUMKANI WAMAYUDA.