uMarko 14:26-50

uMarko 14:26-50 CXB24

Bakuba bevume ingoma yokubonga, baphuma baya eNtabeni yemiNquma. Athi kubo uYesu, Nonke niya kukhubeka ngam ngobu busuku; ngokuba kubhaliwe kwathiwa, Ndiya kubetha kumalusi, zichithwachithwe izimvu. Ke emveni kokuvuka kwam, ndiya kunandulela, ndiye kwelaseGalili. Wathi ke uPetros kuye, Nokuba baya kukhubeka bonke, mna nakanye. Athi uYesu kuye, Inene ndithi kuwe, namhlanje, kwangobu busuku, ingekalili kabini inkuku, uya kundikhanyela kathathu. Kwaba kukhona wathetha wancamisa, esithi, Ndingafanelana ndimelwe kukufa nawe, andingekhe ndikukhanyele. Kwangokunjalo batsho nabo bonke. Bafika kumhlatyana ogama liyiGetsemane. Athi kubafundi bakhe, Hlalani phantsi apha, ndikhe ndithandaze; Wathabatha uPetros noYakobi noYohane, waqala ukuba buhlungu nokudandatheka kakhulu. Athi kubo, Umphefumlo wam ubuhlungu kakhulu, ngokokude ube sekufeni; hlalani apha nilinde. Ehambele phambili umganyana, wawa emhlabeni, wathandazela, ukuba kunokwenzeka, lidlule kuye ilixa elo. Wayesithi, Abha, Bawo, zonke izinto zinokwenzeka kuwe; yigqithise kum le ndebe; noko ke makungabi kokuthandwa ndim, makube kokuthandwa nguwe. Uyeza, abafumane belele; athi kuPetros, Simon, ulele na? Ubungenakulinda na nelixa libe linye? Lindani nithandaze, ukuze ningangeni ekuhendweni; umoya okunene unentumekelelo, ke yona inyama ithambile. Wabuya wemka wathandaza, ethetha kwalona elo lizwi. Uthe akubuya wabafumana bebuye balala, kuba amehlo abo ayenzima bubuthongo; baye bengazi into abangamphendula yona. Ubuye okwesithathu, athi kubo, Lalani ngoku niphumle. Kwanele, ilixa lifikile; yabonani, uNyana woMntu uyanikelwa ezandleni zaboni. Vukani, sihambe; yabonani, lowo undingcatshayo usondele. Kwaoko, esathetha, uthi qatha uYuda, owayengoweshumi elinababini, enendimbane enkulu, inamakrele neentonga, isuka kubo ababingeleli abakhulu, nakubabhali, nakuwo amadoda amakhulu. Ke kaloku lowo umngcatshayo ubebanike umqondiso, esithi, Endithe ndamanga, nguye; mbambeni, nimrhole nimnqandile. Efikile, uye kuye kwaoko, athi, Rabhi, Rabhi; wamanga. Baza bamsa izandla, bambamba. Uthe ke omnye kwababemi khona, warhola ikrele, wamxabela umkhonzi wombingeleli omkhulu, wamnqamla indlebe. Waphendula uYesu wathi kubo, Niphumele ukuza kubamba mna na, ninamakrele neentonga nje, nanga niphumele isihange? Bendinani imihla ngemihla etempileni ndifundisa, anandibamba; kodwa kunje, ukuze zizaliseke izibhalo. Bamshiya ke bonke, babaleka.