Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

uMarko 13:1-13

uMarko 13:1-13 CXB24

Kwakubon’ ukuba uyaphuma etempileni, uthi omnye umfundi wakhe kuye, Mfundisi, uyawabona na la matye angaka, nezi zakhiwo zingaka? Waphendula uYesu wathi kuye, Uyazibona na ezi zakhiwo zikhulu? Akusayi kusala litye phezu kwelitye, elingayi kuchithwa. Ke kaloku, akubon’ ukuba uhleli eNtabeni yemiNquma, malunga netempile, bambuza ngasese uPetros, noYakobi, noYohane, noAndreya, besithi, Sixelele ukuba ziya kubakho nini na ezo zinto? uya kuba yini na umqondiso, xa zonke ezo zinto ziya kuzaliseka? Wabaphendula uYesu waqala ukuthi, Lumkani ningalahlekiswa mntu; Kuba baninzi abaya kuza egameni lam, besithi, banguye uKristu; balahlekise abantu abaninzi. Xa nithe neva iimfazwe namarhe eemfazwe, musani kuba navuso; kanti kona ukuphela akukabikho. Kuba uhlanga luya kuvukelana nohlanga, nobukumkani buvukelane nobukumkani; kuya kubakho iinyikima zomhlaba kwiindawo ngeendawo; kuya kubakho neendlala neenkathazeko; ziingqaleko ke zenimba ezo. Zilumkeleni ke okwenu; kuba baya kuninikela ezintlanganisweni zamatyala; Niya kubethwa ezindlwini zesikhungu, nimiswe phambi kwabalawuli nookumkani ngenxa yam, kube bubungqina kubo. Kumele ukuthi ke ukuqala kuvakaliswe iindaba ezilungileyo ezi kuzo zonke iintlanga. Xa sukuba ke benirhola, beninikela, musani ukuyixhalela kwangaphambili into eniya kuyithetha, ningacamangi nokucamanga; uMoya oyiNgcwele. Ke kaloku umzalwana uya kunikela umzalwana ekufeni, aze uyise anikele unyana; bathi nabantwana bavukelane nabazali, bababulalise; niya kuthiywa ngabantu bonke ngenxa yegama lam; kodwa onyamezeleyo kwada kwaba sekupheleni, lowo uya kusindiswa.