uMarko uMarko 1

uMarko 1
1Ukuqaleka kwayo ivangeli kaYesu Kristu, uNyana kaThixo. 2Njengoko kubhaliweyo ebaprofetini, kwathiwa, Yabona, mna ndithuma umthunywa wam ngaphambi kobuso bakho, Oya kuyilungisa indlela yakho phambi kwakho. 3Ilizwi lodandulukayo entlango, lisithi, Wulungiseni umendo weNkosi, Wutyenenezeni umendo wayo. 4Kwaye kukho uYohane, ebhaptiza entlango, evakalisa ubhaptizo lwenguquko, ukuze kuxolelwe izono. 5Laye liphuma lisiya kuye lonke ilizwe lakwaYuda nabaseYerusalem, baye bonke bebhaptizwa nguye eYordan emlanjeni, bezixela izono zabo. 6Waye ke uYohane ambethe uboya benkamela, enombhinqo wentlonze esinqeni sakhe; Wadla iinkumbi nobusi basendle; 7Wayeshumayela esithi, Emva kwam kuza lowo unamandla kunam, endingafanelekileyo ukuba ndithobe phantsi, ndiwuthukulule nomtya weembadada zakhe. 8Mna okunene ndanibhaptiza ngamanzi, kodwa yena uya kunibhaptiza ngoMoya oyiNgcwele. 9Kwathi ngaloo mihla kweza uYesu, evela eNazarete yelaseGalili, wabhaptizwa nguYohane eYordan apho. 10Uthe kwaoko, akuba enyuka ephuma emanzini, walibona izulu livulekile, noMoya enjengehobe, esihla phezu kwakhe. 11Kwabakho nezwi eliphuma ezulwini, lisithi, Wena unguNyana wam oyintanda, endikholisiweyo nguye. 12Uthe kwaoko uMoya wamkhuphela entlango. 13Waye esentlango apho iintsuku ezimashumi mane, ehendwa nguSathana; waye kunye namarhamncwa; zaye izithunywa zezulu zimlungiselela. 14Ke kaloku emveni kokufakwa kukaYohane entolongweni, weza uYesu kwelaseGalili, eshumayela iindaba ezilungileyo zobukumkani bukaThixo, 15esithi, Lizalisekile ixesha, nobukumkani bukaThixo busondele; guqukani, nikholwe kuzo iindaba ezilungileyo ezi. 16Uthe ke, ehamba ngaselwandle lwaseGalili, wabona uSimon, noAndreya umzalwana wakhe, bephosa umnatha elwandle; ngokuba babengababambisi beentlanzi. 17Wathi kubo uYesu, Yizani apha nindilandele; ndonenza nibe ngababambisi babantu. 18Bayishiya kwaoko iminatha yabo, bamlandela. 19Ehambele phambili kancinane, wabona uYakobi, lo kaZebhedi, noYohane umzalwana wakhe, besemkhombeni wabo, belungisa iminatha yabo. 20Wababiza kwaoko, bamshiya uyise uZebhedi enqanaweni nabaqeshwa, bamlandela. 21Bangena eKapernahum; wathi kwaoko ngomhla wesabatha, wangena endlwini yesikhungu, wafundisa. 22Bakhwankqiswa kukufundisa kwakhe; ngokuba ebebafundisa njengonegunya, engafundisi njengabo ababhali. 23Kwaye kukho endlwini yabo yesikhungu umntu onomoya ongcolileyo; wadanduluka wathi, 24besithi, Siyeke; Yintoni na enathi nawe, Yesu waseNazarete? uze kusitshabalalisa na? Ndiyakwazi wena, lowo unguye, ungoyiNgcwele kaThixo. 25Wawukhalimela uYesu, esithi, Yithi tu, uphume kuye. 26Uthe umoya ongcolileyo wambetha wee xhwenene; wakhala ngezwi elikhulu, waphuma kuye. 27Bakhwankqiswa ke bonke, ngokokude babuzisane, besithi, Yintoni na le nto? Yeyiphi imfundiso entsha? kuba oomoya abangcolileyo aba ubathethela ngegunya, bamthobele. 28Lwaphuma ke kwaoko udumo lwakhe; lwaya kuwo wonke ummandla welaseGalili. 29Bakuba bephumile endlwini yesikhungo, bangena endlwini kaSimon noAndreya, benoYakobi noYohane. 30Ke umkhwekazi kaSimon wayelele phantsi ebanjwe yicesina, baza bamxelela kwaoko. 31Wasondela kuye, wayibamba ngesandla, wayiphakamisa; yamyeka kwaoko icesina, wabalungiselela. 32Ke kaloku, kwakuhlwa, xa litshonayo ilanga, bazisa kuye bonke ababesifa, nababephethwe ziidemon. 33Waye umzi wonke uhlanganisene ndawonye emnyango apho. 34Waphilisa babaninzi ababesifa zizifo ngezifo; wakhupha needemon ezininzi; waye engazivumeli iidemon ukuba zithethe, kuba bezimazi. 35Uthe ke kusasa, kusemnyama, wavuka, waphuma, wemka waya endaweni eyintlango, wathandaza khona apho. 36Bamlandela ooSimon nabo babenaye. 37Bathe bakumfumana bathi kuye, Bonke bayakufuna. 38Wathi kubo, Masihambe siye emizini ekufuphi, ukuze nakhona ndivakalise iindaba ezilungileyo, kuba ndiphumele oko. 39Wayevakalisa ke ezindlwini zabo zesikhungu kulo lonke elaseGalili, ezikhupha needemon. 40Kweza kuye oneqhenqa, embongoza, esiwa ngamadolo phambi kwakhe, esithi kuye, Ukuba uyathanda, unako ukundihlambulula. 41uYesu, esikwe yimfesane ke, wasolula isandla, wamchukumisa, wathi kuye, Ndiyathanda; Hlambuluka. 42Akutsho, lemka kwaoko kuye iqhenqa, wahlambuluka. 43Wamkhalimela, wamndulula kwaoko; 44Athi kuye, Lumka ungaxeleli bani nanye into; hamba uye kuzibonisa kumbingeleli, usondeze oko wamisayo uMoses, ngenxa yokuhlanjululwa kwakho, kube bubungqina kubo. 45Ke yena, akuphuma, waqala ukuyivakalisa kakhulu nokuyibhengeza loo ndawo, ngokokude angabi saba nako uYesu ukungena mzini ekuhleni; waba ngaphandle ezindaweni eziziintlango; babesithi beze kuye bevela ngeenxa zonke.

Currently Selected:

uMarko uMarko 1: CXB24

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena