Ukuqaleka kwayo ivangeli kaYesu Kristu, uNyana kaThixo. Njengoko kubhaliweyo ebaprofetini, kwathiwa, Yabona, mna ndithuma umthunywa wam ngaphambi kobuso bakho, Oya kuyilungisa indlela yakho phambi kwakho. Ilizwi lodandulukayo entlango, lisithi, Wulungiseni umendo weNkosi, Wutyenenezeni umendo wayo. Kwaye kukho uYohane, ebhaptiza entlango, evakalisa ubhaptizo lwenguquko, ukuze kuxolelwe izono. Laye liphuma lisiya kuye lonke ilizwe lakwaYuda nabaseYerusalem, baye bonke bebhaptizwa nguye eYordan emlanjeni, bezixela izono zabo. Waye ke uYohane ambethe uboya benkamela, enombhinqo wentlonze esinqeni sakhe; Wadla iinkumbi nobusi basendle; Wayeshumayela esithi, Emva kwam kuza lowo unamandla kunam, endingafanelekileyo ukuba ndithobe phantsi, ndiwuthukulule nomtya weembadada zakhe. Mna okunene ndanibhaptiza ngamanzi, kodwa yena uya kunibhaptiza ngoMoya oyiNgcwele. Kwathi ngaloo mihla kweza uYesu, evela eNazarete yelaseGalili, wabhaptizwa nguYohane eYordan apho. Uthe kwaoko, akuba enyuka ephuma emanzini, walibona izulu livulekile, noMoya enjengehobe, esihla phezu kwakhe. Kwabakho nezwi eliphuma ezulwini, lisithi, Wena unguNyana wam oyintanda, endikholisiweyo nguye. Uthe kwaoko uMoya wamkhuphela entlango. Waye esentlango apho iintsuku ezimashumi mane, ehendwa nguSathana; waye kunye namarhamncwa; zaye izithunywa zezulu zimlungiselela. Ke kaloku emveni kokufakwa kukaYohane entolongweni, weza uYesu kwelaseGalili, eshumayela iindaba ezilungileyo zobukumkani bukaThixo, esithi, Lizalisekile ixesha, nobukumkani bukaThixo busondele; guqukani, nikholwe kuzo iindaba ezilungileyo ezi. Uthe ke, ehamba ngaselwandle lwaseGalili, wabona uSimon, noAndreya umzalwana wakhe, bephosa umnatha elwandle; ngokuba babengababambisi beentlanzi. Wathi kubo uYesu, Yizani apha nindilandele; ndonenza nibe ngababambisi babantu. Bayishiya kwaoko iminatha yabo, bamlandela. Ehambele phambili kancinane, wabona uYakobi, lo kaZebhedi, noYohane umzalwana wakhe, besemkhombeni wabo, belungisa iminatha yabo. Wababiza kwaoko, bamshiya uyise uZebhedi enqanaweni nabaqeshwa, bamlandela. Bangena eKapernahum; wathi kwaoko ngomhla wesabatha, wangena endlwini yesikhungu, wafundisa. Bakhwankqiswa kukufundisa kwakhe; ngokuba ebebafundisa njengonegunya, engafundisi njengabo ababhali.