uMika uMika 1

uMika 1
Oko kwabonwayo ngeSamariya neYerusalem
1Ilizwi likaYehova elafika kuMika waseMara, ngemihla kaYotam, ka-Ahazi, kaHezekiya, ookumkani bakwaYuda, awalibonayo ngokusingisele kwelakwaSamari neYerusalem. 2Yivani, nonke zintlanga; yivani, hlabathi nenzaliseko yalo, ibe lingqina iNkosi uYehova ngani, uYehova etempileni yakhe engcwele. 3Kuba, yabona, uYehova uya kuyishiya indawo yakhe, ade ahle, anyathele phezu kwemimango yehlabathi. 4Iintaba ziya kunyibilika phantsi kwakhe, neentlambo ziya kucandeka, njengomthwebeba weenyosi phambi komlilo nanjengamanzi athululelwa eweni. 5Konke oku kungenxa yesikreqo sikaYakobi nesono sendlu kaSirayeli. Yintoni impazamo kaYakobi? AsingokwaSamari na? Ziyintoni na iintaba zakwaYuda? AsiyoYerusalem na? 6Ngoko ke ndolenza elakwaSamari libe yimfumba yamasimi, libe njengezidiliya; ndiwaphose amatye alo emfuleni, ndizityhile iziseko zalo. 7Iya kwaphulwa yonke imifanekiso yakhe eqingqiweyo, utshiswe ngomlilo wonke umvuzo wakhe; ngokuba ubuthiwe emvuthweni wehenyukazi, baya kubuyela emvuzweni wehenyukazi. 8Ngako oko, ndiya kukhala, ndikhale, ndize, ndize; ndiya kukhala njengempungutye, ndilile njengeenciniba. 9Kuba inxeba lakhe alinakuphiliswa; ngokuba ibifike kwaYuda; yeza esangweni labantu bam eYerusalem. 10Musani ukuyikhankanya iGati, musani ukukhala; ziqengqeleka eluthulini endlwini ka-Afra. 11Hambani, mmi waseSafire, nize, nineentloni; igama lakhe uya kulamkela kuni. 12Kuba abemi baseMaroti babelindele okulungileyo, kodwa kwakusihla ububi buphuma kuYehova beza esangweni leYerusalem. 13Bophani inqwelo yokulwa, bemi baseLagishe; kukuqala kwesono sentombi enguZiyon, ngenxa yokuba izikreqo zakwaSirayeli zifunyenwe kuwe. 14Ngako oko yiphani iMoreshete yaseGati; izindlu zika-Akishe ziya kuba ngubuxoki kookumkani bakwaSirayeli. 15Ndiya kukuzisela indlalifa, mnini kaMaresa; uya kufika eAdulam, eluzuko lukaSirayeli. 16Zilungise, uzinyule koonyana bakho abanenceba; zandise ukucheba kwakho njengexhalanga; ngokuba anishiya ekuthinjweni.

Currently Selected:

uMika uMika 1: CXB24

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena