Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

uMateyu 5:27-48

uMateyu 5:27-48 CXB24

Nivile ukuba kwathiwa kumanyange, Uze ungakrexezi. Ke mna ndithi kuni, Wonke umntu okhangela umntu oyinkazana, ukuba amkhanuke, uselemkrexezile entliziyweni yakhe. Ukuba iliso lakho lokunene liyakukhubekisa, linyothule ulilahle kuwe; kuba kukulungele kanye ukuba kutshabalale libe linye emalungwini akho, kunokuba umzimba wakho uphela uphoswe esihogweni. Ukuba ke isandla sakho sokunene siyakukhubekisa, sinqumle usilahle kuwe; kuba kukulungele kanye ukuba kutshabalale libe linye emalungwini akho, kunokuba umzimba wakho uphela uphoswe esihogweni. Kwathiwa ke, Othe wamala umfazi wakhe, makamnike incwadi yokwahlukana. Ke mna ndithi kuni, othe wamala umfazi wakhe ngaphandle kwendawo yombulo, uyamkrexezisa; nothe wazeka owaliweyo, uyakrexeza. Kananjalo nivile ukuba kwathiwa kumanyange, Uze ungafungi; Ke mna ndithi kuni, Maningakhe nifunge nto; nokuba lizulu; ngokuba yitrone kaThixo; Nangomhlaba; nokuba lisihlalo seenyawo zakhe; ngokuba ngumzi woKumkani omkhulu. Uze ungayifungi nentloko yakho, ngokuba ungenamandla okwenza nalunye unwele lube mhlophe okanye lube mnyama. Ilizwi lenu ke malibe nguewe, ewe; Hayi, hayi; kuba okungaphezulu koko kuvela kongendawo. Nivile ukuba kwathiwa, Iliso maliphindezelwe ngeliso, nezinyo ngezinyo. Ke mna ndithi kuni, maningaxhali nongendawo; kodwa othe wakubetha esidleleni sakho sokunene, mguqulele nesinye. Nalowo ufuna ukukumangalela, akuhluthe ingubo yangaphantsi, myekele neyokwaleka. Nosukuba ekunyanzelela imayile enye, hamba naye zibe mbini. Mphe lowo ukucelayo, nalowo ufuna ukuboleka kuwe ungamnikeli umva. Nivile ukuba kwathiwa, Uze umthande ummelwane wakho, uluthiye utshaba lwakho. Ke mna ndithi kuni, Zithandeni iintshaba zenu, basikeleleni abo baniqalekisayo, benzeleni okulungileyo abo banithiyayo, nibathandazele abo banigxekayo banitshutshise; ukuze nibe ngabantwana boYihlo osemazulwini; ngokuba yena elenza ilanga lakhe liphume phezu kwabakhohlakeleyo nabalungileyo, nemvula eyinisa phezu kwabalungisayo nabangalungisiyo. Ukuba nithanda abo banithandayo, ninamvuzo mni na? Abenzi kwaloo nto na nababuthi berhafu? Naxa nithe nabulisa abazalwana benu bodwa, yintoni na egqithiseleyo eniyenzayo? Abenzi benjenjalo na nababuthi berhafu? Ngoko yibani ngabafezekileyo, njengokuba uYihlo osemazulwini efezekile.