Ngaloo mihla kweza uYohane umbhaptizi, eshumayela entlango yelakwaYuda, esithi, Guqukani, kuba ubukumkani bamazulu busondele. Kuba lo nguye awayethetha yena uIsaya umprofeti, esithi, Izwi lodandulukayo entlango, lisithi, Yilungiseni indlela yeNkosi, Wutyenenezeni umendo wayo. Ke uYohane lowo ingubo yakhe ibiyeyoboya benkamela, enombhinqo wentlonze esinqeni sakhe; kwaye ke ukudla kwakhe kuziinkumbi nobusi basendle. Babephuma ke besiya kuye abaseYerusalem, nabelakwaYuda bonke, nabommandla wonke waseYordan. Babhaptizwa nguye eYordan apho, bezixela izono zabo. Ke kaloku, akubona into eninzi yabaFarisi nabaSadusi besiza ekubhaptizeni kwakhe, wathi kubo, Nzalandini yamarhamba, ngubani na onibonisileyo ukuba niyibaleke ingqumbo ezayo? Velisani ngoko iziqhamo eziyifaneleyo inguquko; Musani ukucinga ukuthi ngaphakathi kwenu, Thina sinobawo uAbraham; kuba ndithi kuni, Unako uThixo kuwo la matye ukumvelisela abantwana uAbraham. Kaloku izembe selibekiwe engcanjini yemithi, ngoko wonke umthi ongavelisi siqhamo sihle, uyagawulwa, uphoswe emlilweni. Mna okunene ndinibhaptizela enguqukweni ngamanzi; kodwa lowo uzayo emva kwam unamandla kunam, ozimbadada ndingakulingeneyo ukuziphatha; yena uya kunibhaptiza ngoMoya oyiNgcwele nangomlilo; Osesandleni sakhe ifolokhwe yakhe isesandleni sakhe, aze asihlambulule isanda sakhe, ayibuthele kuvimba ingqolowa yakhe; Ke wona umququ uya kuwutshisa ngomlilo ongacimiyo.
Funda uMateyu 3
Share
Compare All Versions: uMateyu 3:1-12
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos