uMateyu 27:1-31

uMateyu 27:1-31 CXB24

Kwathi kwakusa, babhunga bonke ababingeleli abakhulu namadoda amakhulu abantu ngaye uYesu, ukuba bamsike. Bathe ke bakumbopha, bamrhola, bamnikela kuPontiyo Pilato, irhuluneli. Uthe ke uYuda, lowo umngcatshayo, akubona ukuba ugwetyiwe, wazohlwaya, wawabuyisela loo maqhosha esilivere amashumi mathathu kubabingeleli abakhulu namadoda amakhulu, esithi, Ndonile, kuba ndingcatshe igazi elingenatyala. Bathi ke bona, Iyini na kuthi loo nto? zibonele wena. Wawaphosa phantsi etempileni apho loo maqhosha esilivere, wemka, waya wazixhoma. Bawathabatha ke ababingeleli abakhulu loo maqhosha esilivere, bathi, Akuvumelekile ukuba awaphose emkhumbini wokulondoloza imali, kuba elixabiso legazi. Babhunga ke, bathenga ngawo umhlaba wombumbi, ukuze ube yindawo yokungcwaba abasemzini. Kungoko wabizwayo loo mhlaba ngokuba ngumhlaba wegazi, kwada kwanamhlanje. Kwazaliseka ke okwathethwayo ngomprofeti uYeremiya, esithi, Bawathabatha amaqhosha esilivere amashumi mathathu, ixabiso lalowo uqiqiweyo, lowo waqingqwelwa ngoonyana bakaSirayeli; bawanikela ngenxa yentsimi yombumbi, njengoko yandiyalelayo iNkosi. Wema ke uYesu phambi kwerhuluneli, yambuza irhuluneli isithi, Unguye na uKumkani wamaYuda? Wathi ke uYesu kuye, Nawe utsho. Uthe ke akumangalelwa ngababingeleli abakhulu namadoda amakhulu, akaphendula nto. Aze athi uPilato kuye, Akuziva na ukuba zininzi kwazo iindawo abazingqinayo ngawe? Akazange amphendule nelizwi elinye; yada yamangaliswa kakhulu irhuluneli leyo. Ke kaloku ngemithendeleko irhuluneli ibiqhele ukubakhululela abantu umbanjwa abe mnye, abasukuba bemfuna. Baye ke ngelo xesha benombanjwa obesazeka, ekuthiwa nguBharabhas. Bakubon’ ukuba ngoko bahlanganisene, wathi kubo uPilato, Nithanda ukuba ndinikhululele wuphi na? uBharabhas, uYesu ekuthiwa nguKristu, kusini na? Kuba ebesazi ukuba bamnikele ngomona. Akuba ehleli esihlalweni sokugweba, umfazi wakhe wathumela kuye, esithi, Uze ungabi nakuthini kuloo mntu ulilungisa, kuba namhlanje ndive izinto ezininzi ezinzima ephupheni, ngenxa yakhe. Ke bona ababingeleli abakhulu namadoda amakhulu bazeyisela izihlwele ukuba zicele uBharabhas, zimbulale uYesu. Yaphendula ke irhuluneli yathi kubo, Nguwuphi na kwaba bobabini enithanda ukuba ndinikhululele yena? Bathi ke bona, uBharabhas. Athi uPilato kubo, Ndimenzeni na ke uYesu ekuthiwa nguKristu? Bathi kuye bonke, Makabethelelwe emnqamlezweni. Yathi ke irhuluneli, Kuba enze bubi buni na? Kwaba kukhona ke bakhalayo ngakumbi, besithi, Makabethelelwe emnqamlezweni. Uthe ke uPilato, akubona ukuba akancedi lutho, ebona ukuba sisuke sangakumbi isiphithiphithi, wathabatha amanzi, wahlamba izandla phambi kwezihlwele, esithi, Andinatyala egazini lalo mntu ulilungisa; ziboneleni nina. Baphendula ke bonke abantu, bathi, Igazi lakhe malibe phezu kwethu, naphezu kwabantwana bethu. Waza wabakhululela uBharabhas; wathi ke, emtyakatyile uYesu, wamnikela ukuba abethelelwe emnqamlezweni. Aza amasoldati erhuluneli amthabatha uYesu, amsa endlwini yerhuluneli, alihlanganisela kuye ibutho lawo liphela. Amhluba, amnxiba ingubo ebomvu. Baluka isithsaba sameva, bambeka ngaso entloko, bafaka ingcongolo esandleni sakhe sokunene, baguqa ngamadolo phambi kwakhe, bahlekisa ngaye, besithi: “Awu, Kumkani wamaJuda! Amtshicela, ayithabatha ingcongolo, ambetha entloko. Athi, akuba edlale ngaye, amhluba ingubo leyo, amambathisa kwaezakhe iingubo; amrhola, aya kumbethelela emnqamlezweni.