UMATEWU 27:1-31

UMATEWU 27:1-31 XHO96

Kwakusa, bonke ababingeleli abaziintloko namadoda amakhulu babhunga ngoYesu ngenjongo yokuba abulawe. Bambopha ke uYesu, bemka naye, bamnikela kwirhuluneli uPilato. UJudas, lowo wangcatsha uYesu, akubona ukuba uYesu ugwetyiwe, usuke wazohlwaya, wawabuyisela kubabingeleli abaziintloko namadoda amakhulu loo maqhosha amashumi mathathu emali yesiliva, esithi: “Ndonile ngokungcatsha igazi elingenatyala.” Kodwa bona bathi kuye: “Iyintoni ke loo nto kuthi? Zibonele ngokwakho.” Wayiphosa phantsi *endlwini kaThixo apho loo mali, wemka, waya kuzixhoma. Ababingeleli abaziintloko bayichola-chola loo mali, bathi: “Akuvumelekanga ukuba siyifake kweyeminikelo, kuba le mali yethenge igazi lomntu.” Babhunga ke, baza ngaloo mali bathenga umhlaba owawungowombumbi-zitya, ukuze ube yindawo yokungcwabela abasemzini. Kungoko nanamhla oku lo mhlaba ubizwa ngokuba nguMhlaba weGazi. Kwazaliseka ke okwathethwayo *ngumshumayeli uJeremiya, esithi: “Bâwathatha loo maqhosha amashumi mathathu emali yesiliva, wona alixabiso lomntu (kuba lilo elo ixabiso lemali awamiselwa lona umntu ngoonyana bakaSirayeli), baza bathenga umhlaba wombumbi-zitya ngawo, njengoko yandiyalelayo iNkosi.” Wema ke uYesu phambi kwerhuluneli, yambuza isithi: “Unguye na ukumkani wamaJuda?” UYesu wathi: “Nawe utsho.” Baza bammangalela ababingeleli abaziintloko namadoda amakhulu, kodwa yena akaphendula nento le. Waza wathi kuye uPilato: “Akuziva na ezi zinto zininzi bakumangalela ngazo?” Kodwa uYesu akaphendulanga konke, kangangokuba yada yamangaliseka mpela irhuluneli. Ke kaloku *ngePasika irhuluneli yayidla ngokusikhululela isihlwele umbanjwa abe mnye – lowo ke sasisithi simcele. Babenombanjwa owayesaziwa kakhulu, ekuthiwa nguBharabha. Sakuba ke isihlwele sihlanganisene, uPilato wathi kuso: “Nifuna ndinikhululele bani na: uBharabha okanye uYesu ekuthiwa nguKrestu?” Watsho kuba esazi ukuba bamnikele ngomona uYesu. Kwathi, uPilato ehleli esihlalweni sokugweba, inkosikazi yakhe yathumela kuye, isithi: “Uze ungamenzi nto loo mntu ulilungisa. Andonwabanga mpela namhlanje ngenxa yephupha endiliphuphe ngaye.” Ke bona ababingeleli abaziintloko namadoda amakhulu basifunza isihlwele ukuba sicele uBharabha, yena uYesu atshatyalaliswe. Yabuza irhuluneli yathi kuso: “Nguwuphi na kwaba babini enifuna ndinikhululele yena?” Sathi sona: “UBharabha.” UPilato wathi kuso: “Ndimenze ntoni na ke uYesu ekuthiwa nguKrestu?” Isihlwele sonke sathi: “Makabethelelwe emnqamlezweni!” Kodwa yena wathi: “Ngenxa yokuba enze bubi buni na?” Kodwa kwaba kokukhona isihlwele sidanduluka ngakumbi sisithi: “Makabethelelwe emnqamlezweni!” UPilato, akubona ukuba akuncedi nto, kungathi kungasuka kubekho isiphithi-phithi, uthathe amanzi, wahlamba izandla zakhe phambi kwesihlwele, esithi: “Ndimsulwa egazini lalo mntu. Ziboneleni ngokwenu.” Baphendula ke bonke abo bantu babelapho, bathi: “Igazi lakhe malibe phezu kwethu naphezu kwabantwana bethu.” Wabakhululela uBharabha ke, waza yena uYesu wanikelwa ukuba akatswe, abethelelwe emnqamlezweni. Amajoni ke amsa uYesu eyadini yomzi werhuluneli, aza alibizela apho ibutho lawo liphela. Amhluba izambatho uYesu, amambathisa ezibomvu, athi, eluke isithsaba sameva, amthi jize ngaso entloko, amphathisa ingcongolo ngesandla sokunene, aza aqubuda phambi kwakhe, ahlekisa ngaye, esithi: “Aa, kumkani wamaJuda!” Amtshicela, ayithatha ingcongolo, ambetha entloko. Athi ke akuba ehlekise ngaye, amhluba loo ngubo, amambathisa kwaezakhe, aphuma naye, esiya kumbethelela emnqamlezweni.